#129 I looked at her in disbelief. Bonani: *coughing* Sive - TopicsExpress



          

#129 I looked at her in disbelief. Bonani: *coughing* Sive ivelaphi nangoku lento uyithethayo? Lizy: Sive what did you just say? Sive: haysuka bayayazi wethu ubhuti noAsa ukuba ndithetha ngantoni. She said then pouted her lips and looked away. Onie: lonto sisi uyayithanda idrama kuba bekungekho kwasidingo sale uyithethayo kengoku. Asa ndicela sihambe please. Onie knew it all mos so ebengothukanga. Lizy: aniyi ndawo until I know exactly whats going on here! Onie: inoba awuthethi kwanam kewena. Uye wabamba ingalo yam wanditsalela ngasemnyango uOnie sabashiya bonke pha endlini. Yho ngaphakathi bendibila ngumsindo. Why must I always be reminded of my past kakade?? We got to the car ndabe ndiphefumlela phezulu bendinomsindo maan. Onie: relax wena Asa lanoqatiko unguSive unomlomo omkhulu uzenza bhetere ngawe ngoku. Mna: eyonanto indicaphukisayo yile yokuba adibanise into engadibaniyo, uyandiqhela maan uSive yhazi. Onie: myeke Asa maan masambe kwalapha. Yho bekungavumi maan ndlela le bendinomsindo ngayo, ibingase ndiphume ndiyokumbuza uSive ebesithini kanye ngoku bendimvile. Ndithe ndisalele phezukwe wheel ndicinga, ndasuka ndeva ngoLizy sele shoutisa esiza ngasemotweni yam. She banged the bonnet so hard ordering me to get off the car. I did just that kuba ebebonakala eligeza ngumsindo endingawaziyo nokuba uvelaphi phofu. Lizy: *crying* Asa, I trusted you. How could you sleep with your own brother rhaa youre disgusting! Onie: ungaboyithetha ungayazi. Ndiye ndajonga uSive wabe eme ngasemnyango ebukele lanja. Bonani: Lizy khawuyeke lento uyenzayo maan umamele. Lizy: ndimamele ntoni Bonani? What else have you been hiding from me, yhu niyandonyanyisa xaninonke maan. Wena Asanda uziphethe kakubi, ude uzenze itshomi yam kanti uyazazi niyatyana, khona umyeni wakho uyayazi lento? Okanye yiyo nalento ubuyile emzini ubuyiswe ngalamanyala. Mna: *ndinyabile* ayikho lento uyithethayo Lizy why dont you calm down and ask Bonani whats happening here. Sive: icacile njena. Bendiye ndibanomsindo yhazi yilento yenziwa nguSive. Kwathi kanti ayindim ndodwa oyonyanyayo lento. Bonani: Sive yintoni kanti ingxaki yakho noAsanda? Kunini ndakuxelela akukhonto yenzekayo phakathi kwethu ufuna ndide ndithini? Sive: then explain why youre doing everything she asks for whereas you dont do the same for me, oyena mntwana wakowenu. Mmm yabuhlungu kum lento ithethwa nguSive ndaziva ndinqwenela ukuba ebekhona omnye umntwana kamama, nam ndibenosisi or ubhuti ongaxoxisiyo. Bonani: what do you mean Sive kuba nawe ndiyakwenzela mos izinto. Sive: suxoka bhuti! *crying* u bought her a brand new car and paid for her school fees, uhoye nabantwana bakhe, what did you do for me? Bonani: ndikuthengele nje nawe imoto Sive, nowakho umntwana ndimhoyile. Sive: only because mama asked you to kuba ndikhalaze kuye ukuba wena uhoye loAsanda ukogqitha mna. Yho kanti yonke lento kaSive isusela apho? Ndasuka ndarhalela ukuthi chu ndiye ekhaya ndishiye kwalemoto kabhuti wakhe apha. Bonani: yho hayi unentliziyo embi Sive kuba wena uhoywe nangumama, uAsanda yena unabani? Sive: ukhona umama kaAsanda what do you mean? Bendimane ndijonga othethayo iinyembezi ndizibambe ngeenkophe. Niyatyana qha maan thetha inyani. Onie: uyamoyika Asanda lonoqatiko ungamngombi nje?. Yho lombuzo uvele wandigqiba amandla mpela. Sive: *esalila* uAsanda unaye nomyeni kodwa ubusy nguye kuba kutheni. Haybo! Sendinomyeni nangoku ekubeni esithi ndijola noBonani ithini nalento? Mna: *calm tone* I really dont have time for this. Lizy: Asa whats going on here? Mna: ask Sive shes got it all figured out uyabona mos nawe. I turned and got in my car, Bonani came to me wama efestileni. Bonani: uxolo mntase ndizokuyilungisa lento ungamhoyi uSive. Mna: its ok. Sive: uyayibona kelento bendiyithetha Lizy? Yangase mandixhume ndizibone sendisecako Sive ndikhe ndimbonise abantu. Ndithe xandivula ucango uBonani wasondela kulo and told me to calm down. Mnxim ndiye ndaqonda mandikhe ndihambe kwalapha before I do something Ill regret. I started the car ndingcangcazela ngumsindo. Ukuyophuma egatini bendibila yhu usile maan uSive yhazi. Sive: *ekhwaza* shame ooK bayakhaphana! Yhemaan andikwazanga ukunyamezela, ndamisa lomoto andazi noba ndiye ndayimisa kanjani. Wathi uOnie ebamba ingalo yam ndabe sele ndiphume kwakulomoto nakakade. Andisakukhumbuli ukungena kwam egatini, ndithe ndiyokufika kuSive ndabe sendingamboni kakuhle ebengathi lintshontshwana elincinci ngoku emde kangaka. Ndamxhumela entloko, ndamngquba kanobomu, wamongoza iinto zangoku! Uthe enditsala uBonani enqanda ndabe nditshele kwi softdred yakhe engakhali egxwala. Ndamvathela ndixhutha nezonwele, ebangazama ukuba uyaphakama ndimtsale ngeenwele aphinde azehlele ndimfake amadolo apha ebusweni. Yhu bendimbetha kabuhlungu maan ndingaziva. Sive: *ekhala* uxolo Asanda! Mna: futsek! Undiqhela kakubi! Besendikhala okukwam ngoku, ndiphinde ndithule ndimvathele! Bonani: Asanda yeka umntwana wakowenu!! Ndatsho ndakhumbula ukuba mncinci maan lomntu kum njani ndimenze lento? Ndiye ndamyeka ndamthyiliza wayokuwa pha. Wazibhuqa phantsi ekhala, ndabe ndilila okukwam. Ndiye ndabona sele kufika oomama basebumelwaneni bebuza kwenzekantoni? Bonani told them everything is fine mabahambe, nyhani ke ndababona sebemkile. Bendihleli phantsi bhaxa ndingqeyame ngemoto kaBonani. Bonani: Sive uyayibona le drama yakho ikwenzentoni ngoku? Ndicela singeneni endlini ke. Lizy helped Sive up sayokungena endlini sahlala phantsi besendithule ndifixiza qha mna. I felt so bad for what I did to Sive ndifuna ukuthi sorry qha bekungavumi aphume tu! We all sat down. Bonani: Lizy ayikho lento ithethwa nguSive futhi naye uyayazi ayikho qha andazi uyithathaphi. Lizy: hayi kengoku umntu angasuke athethe into engekhoyo? Hayi I dont understand shame. Bonani: Sive wakhe wandibona ndithandana no Asanda? She shook her head. Ngoku ubuyithathaphi lonto? She kept quiet. Bonani told Lizy everything except leyana kaJwarha Lizy: why didnt you tell me? Bonani: because its part of my past Id rather forget. Lizy: but you should have told me. Bonani: yeLizy not everything is about you here uyandiva? Ebesele ebanomsindo kengoku uBonani. Lizy: kengoku kutheni umxabise kangaka uAsanda xa kungasekhonto? Bonani: because shes my sister and I love all my sisters. Sive gave him that questioning look qha akathetha. Lizy: Asanda usamfuna uBonani? Mna: buza! Heee hayi bendivele ngeempundu etyholweni sana apha, caba akayivanga yonke le ebeyibaliselwa nguBonani, yherr some people are so cold kodwa maan. Onie: Asa masambe torho. Mna: unyanisile futhi Onie masambe. Lizy: uyishiye kele yathengwa yindoda yam imoto. Mna: intoni? Lizy: ewe kaloku, uzokutsho emyenini wakho akuthengele. Kakade bendithe nqa ngubhuti otheni lo uxabise ihalf sister yakhe ukogqitha eyona sister yakhe. Yho ndavele ndabona ukuba kwaLizy lo ugcwele ngam ngoku. USive ebencumele ecaleni ndabe ndimrhalela ngelinye inqindi. Bonani: ayizukwenzeka kele uyithethayo Lizy. Sive: bhuti unayo iright uLizy shes your fiance after all. Bonani: ndithe ayizukwenzeka lonto anindiva nanina? Lizy: kanti izokwenzeka rhaa ude umise ngento yokuba ngumntwana wakowenu, yena uAnathi kutheni ungamthengelanga eyakhe xa ubathanda bonke abantwana bakowenu? Bonani: unayo nje and uyaziphangelela uAnathi akadingi ncedo lwam. Ndiye ndaphuma mna noOnie besaxoxa ndaya emotweni YAM ndabe ndizixelele andizukuyishiya tu ndingazange ndiyicele nje kuBonani. Lizy and Sive followed. Onie: *ebagxeleshile* zesizibethe ezi way Asanda. Ude atsho ethethela phantsi, ukuba bendingekho sengxakini bendizokuhleka qha ngoku bekungekho xesha lalonto bekukubi. Sangena emotweni I started the car babe besondela. Lizy: ndithe awuhambi nayo lemoto Asanda! Mna: yithathe kaloku. Wasuka wama umntu akazokuyithatha imoto le ayifunayo. Ndahamba mna ndibashiya beme pha noSive oxhuthekileyo. Onie: yho usile laSive ndimrhalela! Mna: mnxim myeke maan lowa, atleast I now know that shes been faking it all this time. I mean to think Im sleeping with my own brother hayibo Onie! Ewe yenzeka lonto but ndandimncinci and I didnt know were related. Onie: I know nana, sukubahoya maan. Ndiye ndathula kodwa ngaphakathi ibinditya lento. I dropped Onie kwakhe then ndajika ukugoduka ingqondo yam ithatha ibeka. Ndayokufika ekhaya and parked the car ndangena endlini, oobhabha bebelele esofeni ndagqitha ndaya kumama ekitchen bendifuna ukuxela sele ndinayo nendawo ebininikayo. Ndafika ezamisa istiff pap ndama ecakwakhe, akhange ndimjonge ebusweni, bendijonge phantsi kuba ndikhathazekile. Mna: mama. Mama: nyanya ntoni ndlavini ndini yomntwana! Wandibetha ngephini elixhaphe ipapa entloko yho andakhala! Yhini nithi ndiviwa ntoni nanamhlanje. Asanda kutheni nje ngoku uzokuhamba ubethana nabantwana babantu? Umbethelentoni uSive? Kutheni nje mntwana ndini uzokundihlupha sowumdala kangaka? Kuqhubeka ntoni kuwe Asanda? Mna: *ndilila* uxolo mama, yhima ndichaze kwenzekentoni. Mama: *esondela* kwenzeke ntoni ntoni? Ndlebe zikanyoko! Yho ndabhekela ndabaleka ukuya ekamereni yam. Ndafika ndangena ndatshixa ndakhwela phezukwebhedi ndazogquma ndalila kakhulu! Haybo mna kanti ndizokuthethelelwa ngubani when my own mom wont even listen to me. Ndimve enkqonkqoza andahoya yonke lonto mna. Wade wancama wahamba, ndiye ndalila ndade ndonela ndathula. My phone beeped, I checked ibiyi message from mama. Uxolo sanalwam, ndicela uze sithethe kaloku sisi bendinomsindo kaloku mna andikwazi uyilentanga ibetha nakodadewenu. After reading that message I tossed the phone under my pillow ndaphinda ndalala, ibimanzi ipillow yam ndayiguqula ndalala. Wamane efaka iimessages umama enye ibisithi Zange saxabana kangaka sisi yhini sanalwam, khawuze kaloku sithethe Mambhele, uMakhulu wakho asoze athande xa ukhathazeke olohlobo. Uxolo kaloku sanalwam yizokuthetha nomamakho. Ndiye ndaphakama ndaphuma, ndafika ehleli esofeni etyisa iintsana zam iphone yakhe iphezukwakhe. Lunathi: *smiles* mamakho! She likes calling me that kuba umama ethanda ukuthi yhiya kumamakho sisi. So yena ucinga ligama lam elo, ebendibiza bhabha sometimes. Mna: helo Angel kamama. I kissed her ngoku exhaphile. Lulutho: bhabha mba. He said pouting his lips I kissed him then ndahlala kwenye isofa. Mama: xelela umamakho kwenzekentoni sanalwam. I told her everything that happened kulo Bonani. Mama: thyini! Umvathele ngakhona kekodwa, kutheni nje uSive ezokucingela kakubi olohlobo? I shrugged my shoulders sendiphinde ndagcwala iinyembezi emehlweni. Ade axele kumama wakhe kuqala nje ukuba ubethiwe ekubeni ekuthyola uyenzela ukuba makuthini lonto? Mna: hayi mama andiyazi ndimenzeni uSive okanye yintoni ayifuna kum. Mama: banike lemoto mntwana wam wohlukane nabo kuba icacile uchuku luninzi. Mna: ndiyithengelwe nguBonani kele imoto hayi uSive, Bonani is my brother andizukuyijikisa tu lemoto ngenxa yalonto. Mama: besendikucebisa kemnake sisi. Ngomso umama kaSive uzobe elapha kuzokuxoxwa ukuba umbethelentoni na. Mna: mmm. Bendiqonda ndimlindile kwaye undilingene kwayena lowo. Bendidikwe finish kukugezeleka kaloku sana yhini!
Posted on: Tue, 05 Aug 2014 17:13:49 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015