#148 Uyabona mna ukuba bendikwazi ukuthakatha? Bendingasoze - TopicsExpress



          

#148 Uyabona mna ukuba bendikwazi ukuthakatha? Bendingasoze ndibulale or ndingcungcuthekise mntu, worse oclose kum. Bendizokubanemali qwaba! Id be stinky rich mtshana uthi nawe xa undijongile unqwene ntanga. I mean what do you get from making other peoples like miserable? Iworse uyabazi bancinci kude le kuwe and bazama ngandlela zonke ukuzisondeza kuwe but that dont mean a thing to you, ufuna ukuba destroyer qha. Uyabona lomcimbi kaMakazi andizukuthi wayengafuni mna qha. Icacile ebengafuni kwaLutho lowo, ewe kaloku kwa the mere fact that angcole oluhlobo nasebantwaneni bethu says it all. Besibuya emsebenzini kamandi abantwana bebesekumama. Heee gqi ngomntu etwatwalaza ngeempahla ezimnyama ecakwe yard yakwam, yho ndavele ndakhonyuluka. Mna: nankoke! Lutho: in Jesus Name nokuba yintoni aze nayo namhlanje akazukulunga, ndiyayikhupha Nkosi Yam enzimi wam with FIRE! Uye wamisa ecakwegate, weza uMakazi apha emotweni encumile mnxim bendidikwe! Makazi: mholweni bantwana bam. Heee ndasuka ndaxakwa luncumo olu no molweni lo kuba mna andiyazi imolo yakhe. I just looked away andaphendula yho kanti noLutho uzixelele akazukuphendula. Lutho: Makazi uzokufuna ntoni apha? Makazi: haybo mntaka sisi ndizokunibona. Lutho: ukuthini kwethu? Usibonile siright ke hamba. Makazi: haybo Lutho mntwanam, molokazana thetha sisi. Heee did she just call me that? Wow! Ndamjonganje sana ndathula cwaka. Lutho: Makazi ndicela ungaze uphinde uze kwam nam soze uphinde undibone kwakho nokuba kwenzekantoni na. Makazi: hayi ndoda yhintoni ngoku? Lutho: ucinga andiyazi lento kudala uzama ukuyenza apha kwam. Isichitho Makazi for what maan? For ntoni? *eshouta* undifuna ntoni Makazi ndakwenza ntoni ndizokucela uxolo ngoku wohlukane nefamily yam. Makazi: *elila* nawe ngoku mntakasisi uyandithakathisa? Lutho: hayi andazi Makazi kodwa ndicela uhambe kuba awuzukungena kwalapha egatini. Makazi: kulungile. Uye wahamba, sabe sihleli emotweni samjonga wade wakhwela itaxi. Lutho got off and oppened the gate ndangenisa imoto wabe yena eyokungena endlini. Lutho: masithandaze mkam chase away whatever aze nayo lomama apha. We did just that then sayokuhlamba satya and watched t.v. Zaqhubeka iintsuku kusathe cwaka, waphela uJune ooBonani baphindela eMonti. They called and told me that bafumene umfana ncooo I was so happy for them, noLutho kefuthi ebesuke waba close with Bonani kwaye bendichazeka. Abantwana babuyele kuthi, so ibibayilonto qho ekuseni yokulungiselela bona. I got a call from Zukiswa esithi umama uthi masifike nge weekend uZuko wenza utsiki heeee beyingase ndihleke qha ndazibamba. Ndavuma ke and told Lutho wavuma ukuba sizokuya. I am now 6months pregnant and kuya kusibanzima ntanga uzuqonde Im considering quitting my job. Yafika iweekend sahamba friday nabantwana bethu, we took Luthos car mna bendihleli nabo eback and he was driving simane sincokola nje wethu. Sade sayokufika eTabase, bekukhona abantu basezantsi kungegcwelanga wethu. Samkeleka kwamandi, iitwins zithathwe zisehla emotweni andizazi nokuba ziphi. I went to greet mama she was so happy to see me. Mama: ninjani sisi? Mna: siyaphila enkosi wena mha? Mama: nam sanalwam. Yho anisatsho sekuphinde kwanje. I smiled. Niyandonwabisa bantwana bam. Sajongana noLutho sancuma. Kufuneka kesisi umselele iyeza lomoya eselapha esiswini kwenzele angahluphi xa ephuma. Jho ndiye ndavumanje ndaqonda andizukusela yonke lonto mna imbi kangaka. Naba ooAngel zange ndibaselelento kodwa baright. Mna: kulungile mha, mandiye ngase kitchen ke. Mna: ok sisi. Ndafika kukhona uZukiswa we hugged wamane endicofa isisu, heee usisters ebene ring emnweni. Mna: haaaa awusatsho singcoli ndini! Zukiswa: kaloku ezinye izinto azithethwa ephonini. Mna: oh so kudala unayo? Zukiswa: yho kudala sana. Mna: ningade nitshate ngexesha elinye noZuko. We both laughed. Zukiswa: I got engaged first kaloku sana sele esenza utsiki nje yena. Mna: haha akakabhadli nangoku? Zukiswa: uthi angaze abhadle? Besisahleba njalo kwangena uSisana sele ncume kakade. Sisana: ndizokunibetha nina. We laughed and carried on talking ngezinto nje. Kwabamandi kwaSkhosana bendingalali kwanamntwana bebelala kuZukiswa okanye kumama. Besiphola nomyeni wam senze izinto ezimandi. Lutho: yho kufuneka size apha qho nge weekend xandiphiwa kangaka! I couldnt hold myself I laughed. Mna: ndiyakupha njena nasendlini. Lutho: yho baby kanye after 2weeks? Hayi yihunger straight! Jonga pha oko sifikile ndiyafumana. Mnxim uyazithanda iintsula umyenam akazenzi bethuna. Besilala kamandi gqitha kwade kwaba Sunday sekugqityiwe yonke into uZuko enomfazi omhle shame. Sabhabhayisa sagoduka. Elayeza bendilinikwa ngumama ndiye ndalibeka nje sana ndabe ndiyazi andizukusela lonto mna kwaye ndamxelela noLutho wathula. Zaqhubeleka iintsuku ndayeka emsebenzini, bendidinwa maan kwaye ndinesinqa. Ibingase ndihlale ndilele, umama khange abenangxaki ngalonto ngelithi ukubeleka kwakho uzokufuna umsebenzi kesisi uyazi. Bendingenangxaki nalonto besides we had more than enough money noLutho so yonke into ibiright. Wahamba unyaka engalindanga mntu nje, umntwana kaOnie ebekhula kwaye ba engaged noBonani shame bonwabile yhazi and Im happy for them too. Yho bekungathi kukhaliswe impempe mntakabawo bengasatshati abantu maan. Bendikhe ndadibana noChwayita etown enxibe ikhetshemiya nabadakhi caba shame naye wendile. Asisekho that close so siye sabulisana nje sagqithana. My marriage is perfect simane siyokubona nomama yonke into imthebelele. Bekufriday ndabe ndihleli ndodwa, uLutho esemsebenzini oobhabha beseday care. Bendihleli nje ndizibukelele itv ndabe ndigqibokucleaner. Ndithe xandiphakama ndabona ngamanzi esehla ngemilenze. Yow andothuka maan bendicinga ndizichamele. Haybo ndingakhange nditshiswe ngumchamo nje? I took my phone and called Lutho wayibamba. Lutho: baby. Mna: ndiphume amanzi. Bendingeva kwanto ebuhlungu ndiright ngathi akwenzekinto. Lutho: yho are you ok? Ok Im coming. He hung up. I mopped the floor then took off my clothes ndazosula kwangazo ndakhe ndathi ukuphumla emvakoko yho ibingesosisu ibiyenye into ntanga. After a while I went to the bathroom and ran myself a warm bubble bath ndangena and soaked myself in. Kuthe kusenjalo ndeva ngoLutho endikhwaza ebaleka ukuza kwelicala. He oppened the bathroom wandibamba endibuza ndiright na. Mna: ewe baby haybo. Lutho: phuma kebaby unxibe ndikusa esibhedlela. Mna: ok. I got out ndathambisa ndithe chu. Ndanxiba then ndabopha iafro yam. ULutho wathatha ibag kabhabha sahamba. Bendithe chu nalapha endleleni ndingalunywa tu. Ndithe ndisokubona isibhedlela yho yalapha into. I started crying and screaming yhu bekubuhlungu ukodlula ngoku ndandilunyelwa amawele. Ndimane ndisineka ndinyamezele uLutho ebengasoyiki apha ecakwam exakwe nokuba makathini. Mna: *ndisinekile* uthi uzokufika nini na xa unyantsula oluhlobo? Akhange andihoye uye waqhuba qha emane esithi kuzobaright. Sangena wandibhalisa ndabekwa ebhedini kwi ward yam. Uyabona kengoku besele ndilunywa hureey! Bendingakhali bendigxwala. Lutho: yemaan Gqirha makathule umfazi wam yintoni na? Wabangacacisa its natural Im on labor pains hayi yho akeva kwalonto uLutho ufuna ndithule qha. Ndagxwala apho ndade ndaziva ndiphelelwe ngamandla umqala ubudry. Ndidikwa nayilento yokumane ndifakwa iminwe kabuhlungu yhu! Wafika umama, besendimbona mfiliba kwasa ndingenawo nanjani amandla. Uye wamka yena eyokuhlala nabantwana. Pha ebusuku ngoo10 kwathwa ndisiwe etheatre for ceaserian. Yho ndiye ndavuya qha bendisoyika maan enyinto ibuhlungu ioperation yho. They injected me then ndalaliswa wakhutshwa ubhabha wow ebengasakhali methuna uboy boy wam ndasuka ndamthanda more. Wabekwa ecakwam ndabe ndithungwa yonke lonto wethu. Ndithe ndikhutshwa wabe uLutho sele elapha! Ndasiwa kwi ward yam, yho ebengangxoli lomntwana bekuvakala yena yedwa. Ndiye ndambeka phezukwam ndazama ukumncancisa Lutho helped. Yho wandincanca ndeva ngathi ndiyabizwa. Lutho: olu thando Lolwethu. My baby boys name is Lolwethu.
Posted on: Thu, 14 Aug 2014 04:54:54 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015