#151 Kwade kwafika ixesha lokuba sihambe noLutho since ileave - TopicsExpress



          

#151 Kwade kwafika ixesha lokuba sihambe noLutho since ileave yakhe ibiphelile kufuneka abuyele emsebenzini. Boy was such a cute boy kodwa ke etefa nje kancinci and xa elila noko ngoku ebethuliseka kungafani nakuqala. Mama gave us his meds esixelele nokuba sisebenzise kanjani. She kissed the twins then sagoduka. I was definitely going to miss her shame yho kumandi kwakhe especially xa engekho uZuko. We got home sethula izinto uboy boy bendimbeleke ngehashi lakhe apha ngaphambili wabe ezilelele kamandi. We offloaded everything then ndayokumlalisa thina sahlala elounge. Ndiye ndabizwa sisikhalo sakhe ndisaphole kamandi. Lunathi: uyayiya lontanakho mamakho mani! Yehake Angel ayingomona uyaqhuma sana. I got up ndayokumthatha, I changed his nappy then ndaya naye elounge sabukela itv ezipholele. Late sahlamba sonke then prayed kwayokulalwa. Ndathambisa uboy boy izinto zakhe njengomyalelo kamama salala kamandi gqitha kobobusuku. Ebegushuza nje ndimthi bele aphinde alale, xa ephindile uLutho amtshintshe ncooo ebethandeka maan noLutho eteketisa gqitha. Ekuseni ndalungisa abantwana yena ebesenza iilunchbox ezokubasa eday care kaloku andinokwazi ukuhlala nabo bonke ndindodwa. We finished all that wayokunxiba besendim aynele then wahamba ndashiyeka no little man and he was sleeping. Ndakhawulezisa ndacleaner endlini kwaphola ngoku asaleleyo ubhabha then ndamvusa ndamhlamba ndithe chu ndamthambisa ndamnxibisa then combed his hair akabimhle sana yho. I took his picture esalele and sent it to daddy. He called almost emmediatelly. Lutho: othandwayo. Mna: hello love. Ebesele endibiza njalo kengoku. Lutho: ndiyabona nigqibokuhlambana caba niyavana noko. Mna: yho sivana ukufa sana nonyanam. We both laughed. Lutho: yho ligeza lomntu uzuqonde ndiyamonqena. Ndamhleka! Mna: sendikukhumbula kemna kaloku besendiqhelile ukuhlala nawe the whole day. Lutho: ohw madoda ubhabha wam. Ndizobuya sisi vha. Mna: uyathandwa ke uyazi. Lutho: asoze ndilibale mkam. Mna: bye. Lutho: sure. We hung up ndabe ndincume kakhulu. Ndabeka umngqusho for supper wathi chu pha esitovini ndabe ndihleli nomntwanam esofeni ndimamele umculo osoft yena ebezibhudela nje. Zaqhubeleka iintsuku yonke into imthebelele, sometimes Id even forget ukuba kune newborn kulendlu ndlela le ebeziphethe kakuhle ngayo uLolwethu. Mama would visit esithi akakholwa ukuba nguye lo ululame kanje. Nomama kaLutho ebemane esijonga simxelele everything is fine. Zahamba iintsuku I booked an appointment with the doctor, nyhani ke ndavala kwatsho kwathi huu kum. Kwacaba uqaliswa yilanto yakhe yokukhala angathuliseki uLolwethu. Kwanyanzeleka ndiye kuloLutho naye, hayi ntanga bekungathandi mna ibisitsho into okanye bendindwanya kuse phandle abe etshweda umntu. Ndahlala kuloLutho uLolwethu eright sana engakhali kwayena, ebezipholele ndisuke ndixakwe. Mama: lomntwana uyakuthanda kowabo koti uyambona? Bendimbona nyhani qha izokuba yingxaki lena for mna kuba andikwazi ukushiya uLutho yedwa, ha.a not after all that weve been through. Ndingasweleka kaloku ukuba angaphindela kwezazimbo zakhe. Yho umcimbi kaLolwethu ebendistressa kakhulu bendide ndibhitye apha esiqwini ndingathi ndicelwa ngabaphantsi. Imagine I only see my family on weekends then sunday late bahambe. Bekubakubi qho kum xabehamba. Ngenye iweekend wenzelwa isiko lakowabo uLolwethu then umama wathi singaphindela emzini wethu. Wow I was so happy, I packed our clothes sahamba. Ndikuxelela ukuba wahlala nje i3days lamntwana waphinda wabalithotholo, bendide ndiphonelwe nangummelwane andibuze utheni umntwana. Thats how much he cried phofu ushushu simkhulule uhamba ze. Ndaphela esiqwini yho! Bendinentloko engasanyangwa nayi adcodol kengoku, ithi ukuba indiphethe ndivele ndibenesiyezi kufuneke ndihlale phantsi ngoko nangoko. Bendimane ndiyiqaphela xandindodwa kelento qha ndingaxeleli mntu. I had to go back kuloLutho, nomama(kaLutho) kengoku ebesele xakiwe ukuba yintoni ingxaki yalomntwana. I prayed so much for him noLutho hayi bekungekho mohluko. Ngenye imini bekukhona ooLutho iyiweekend Zukiswa was there too kaloku uhlala emzini wakhe ngoku utshatile. Bendihlamba uboy boy sabe sincokola noZukiswa nje wethu. Zukiswa: ye Linah uyazibona phofu uye uphela? Yheyi bendiyibona nam lento qha bendingacinganga sendiqapheleka nasebantwini. Mna: yho ndifanele sana undifumene lomntwana, lonto ndinentloko engapheliyo sisi. Ndithe xandigqibo kutsho yavele yatsho kabuhlungu apha entla kwamehlo. Khathathe lomntwana torho. Bendibona ukuba kuye kubamnyama kum ndibona mfiliba. Zukiswa: haybo yhintoni uright? Ndigqibele esitsho I cant remember what happened next. Ndothuke ndibekwe itowel emanzi ebunzi ndisekamereni kamama, Zukiswa was next to me. Mna: uphi ubhabha? Zukiswa: ukumama sisi, uziva njani? Mna: ndiright maan. I tried getting up kodwa intloko ibibuhlungu ingathi ndivathelwe ngegqudukazi. Ouch maan! Ndaphinda ndalala. Zukiswa: Linah uyagula wena, I think une deppression. Oh God please I cant be sick, not when my family needs me like this. ULutho angamthini umntwana xa ndizokulibala kukugula mna? Mna: hayi maan yintloko qha sisi le ndiright mna. Zukiswa: Im a nurse awuzukundiphikisa. I smiled at her. Ngomso uya kwaGqirha kesana uyazi. Ndiye ndathula andahoya. Ebusuku I couldnt sleep, bendihlala kude kuse ndingenabuthongo tu. Lentloko ngoku ibiseyiphumela nalapha emagxeni nasemqolo, kuvele kubebuhlungu kwandawo maan ndingakwazi nokujonga. Lutho was sleeping kwamele ndimvuse bendinxaniwe. Mna: nana. I said shaking him wavuka. Lutho: baby. Mna: ndicela amanzi torho. Lutho: ok. He got up wayokundithathela wandinika ndasela. Uright? Mna: ewe love yintloko qha maan nomzimba obuhlungu. Lutho: ey Linathi lentloko ke kudala ndisithi siyise kwaGqirha unenkani. Mna: hayi wethu izokuphela myenam phola. Lutho: mmm. He slept again bendisahleli doing everything for the baby ndingenabuthongo tu, ndiqaqanjelwa qha. Kwavukwa ekuseni kwacleanwa then ndayokuhlamba, ndibone ngoLutho sele engena ngokungxama endlini. Lutho: Linathi kutheni nje ungandixeleli ukuba you fainted izolo? Mna: eh ayonto iserious nje baby jonga ngoku ndiright. Lutho: gqiba ukuhlamba ndikusa kwaGqirha njengangoku. I did just that sahamba. Ndaxela yonke into endinayo then ndanikwa ipills futhi kwathwa mandiyeke ukucinga kakhulu. Kanjani nasana cause all I do these days is think, think and think. Baphinda bahamba ooZukiswa noLutho bephindela eMthatha ndashiyka ndodwa eTabase yho ebendiphethe kakubi kelomcimbi kodwa ke bendingena choice it was for the well being of my baby. Wabana 1year uboy boy esahlala kancinci eNorthcrest avele agule kunyanzeleke ndiye kowabo afike aberight pha. Mama: hayi sisi uyabona lo umntwana wenza lento yayikhe yathethwa ngutata walapha ukuba uSkhosana akahlali komnye umzi. Mna: kukowabo njena eNorthcrest mama why engakufuni kangaka? Mama: hayike koti andizukuyazi, naku esonwaba xa elapha qha. Nyhani ke bekunjalo, nokuba sisekhaya ebekhala ndihambe ndingathandanga, ecaweni endijongisa ngabantu siphume ingekaphumi icawe sigoduke. Lutho suggested that siyokumqinisisa maybe uva imimoya emdaka xa ekuthi. Nyhani ke saya kutatu Mpangele wenza his magic and khange athethe ndaba kule igem ebesithi yonke into iright. Yaziindaba ezincumisayo noko ke ezo sabuyela kwethu. Wabaright ubhabha for about a week waphinda waqalwa bubushushu avele atshise bhe, abile ibemanzi toxo ivest ndide ndimkhulule. Ey ndaphinda ndaya kuloLutho hayi aberight umntwana. Besendibaright kenam, noko lentloko ingasandiphathi njengakuqala kodwa ithi uba ukhe yafika kume kwanto. Bendiyinyamezela ke kuba I had to be strong imeko ibisitsho. Bendingazukufika kuloLutho ndithi twexe kanje ngakwam, bekufunela ndisebenzile noxa nje umama ebenganyanzelisi kodwa it was my duty as a wife. Kwaye bendingafuni nokumkada ngomntwana. We went back to Mthatha ebena 1year 6months ngoku uLolwethu. Uzuqonde ukuba izinto zalamntwana zazohlukile azange simenzele nebirthday ngoku ebena 1, kuba wavele wagula ngaloveki kwalibaleka yonke lonto. Yho ebesiphethe mbengwana umntwana andinaxhala. Besikwam kengoku sesineveki siphana oko eberight uboy boy esuke wabamhle kakhulu maan ecute ethandeka kakhulu. Ebenento evele incume xandimjongile ndivele ndonwabe emphefumlweni. Ngalemini ebusuku sithandaze then kuyokulalwa. Ebusuku akavuka kwa uboy boy walala thwi ngathi ngumntu omdala. Bendimane ndivuka ndimjonge abe esalele nam ndiphinde ndilale. Wavuka uLutho ekuseni wamntshintsha idiaper emncokolisa. Lutho: uyakhula uboy katata petuna akasavuki nasebusuku ngoku. Mna: undothusile nam ubonanje. You wouldnt believe ukuba kulonyaka uneenyanga eziyi6 weve only had s*x three times noLutho. Kaloku bekungekho kwachance kuba bendiphehluzeliswa ngubhabha. Kodwa besisathandana kakhulu maan. After changing his nappy wahlamba izandla then wamfunqula, ebesele ehamba ke unana. Lutho: bhabha jonga. Mna: intoni? Lutho: mjonge uphuma abantwana i3yonke ngexesha elinye. Mna: ncooo kepetuna ndinabazukulwana, iza kumama nana. Wathi na izandla ehleka ndamthatha ndimteketisa. There was something odd about him but bendingayazi yintoni. Ebesuke wonwaba kakhulu namhlanje isikhalo sakhe sinqabile. I got up and bathed him ndamnxibisa kakuhle then ndamnikeza udaddy nam ndayokuhlamba. OoAngel besele bexolile sana ngulomntwana bengabakamama ngoku, bendibanayo kancinci ichance yabo. I finished bathing ndanxiba ukugqiba kwam ndaqoqa ekamereni yethu uLutho wamhlalisa phezukwebhedi then wahamba ebesiya etown. Ndashiyeka ndihleli naye, ebesuke andincumele umntwana wam, nam ndincume ephole kakhulu maan. I decided to call mama akhe azokugqina lento ndiyibonayo. Mna: mama. Mama: ewe sisi. Mna: khazokujonga uLolwethu torho hes acting strange. Mama: ngoba? Mna: akatefi tu, oko encumile maan uyandoyikisa mna. Nyhani ke bendimane ndibanombilini endingawaziyo nokuba uvelaphi. Mama: hayi khawundiyeke wethu mna, kanti ufuna athini lomntwana? Uyakhala yingxaki, uyazithulela yingxaki. Mna: haybo mama ndicela uzokumjonga nje. Hayi umama akeza ndamncama ndasuka ndadikwa. Ebesuke wandithyafela maan umama. Ndithe sele ndiphinda ndiphola maan, ndaya ekamereni. Ebehamba nge headboard le ezidlalela. Mna: boy maan uzokuwa! Ndamsusa ndamhlalisa ngempundu. Ebemane esithi mamama. Akhange ndimncancise oko kusile kwaye amabele ebegcwele, ndamncancisa akalifuna ndamyeka kuba ndisoyika akhale. I called Lutho, ebemke neetwins, he picked. Mna: baby khabuye torho. Lutho: why? Mna: hayi andazi maan qha uBoy akakatyi oko kusile akafuninto, kodwa uzonwabele akhonto. Lutho: then dont worry mfazam uzokutya xa elambile. Mna: ok ke buya please. Lutho: ok. Ndithe ndibeka lophone phantsi wabe sele elele uboy, ndamombathisa kakuhle then took his pic bendiyithanda kelonto. Bekugcwele nje yena ephonini yam kuba ebemhle kakhulu. I left him ndaya ekitchen umama ebesele hleli elounge. Mama: unjani ngoku? Mna: ulele mha. Mama: ok kesanalwam. Ethubeni wabuya uLutho neetwins sahlala sonke elounge sibukele uAfrican Magic. Lutho: ndisayokujonga umntwana. Ndiye ndasuka my head was on his lap wahamba. Wabuya esidaleni wabiza umama baya ekamereni, bahlala isidala sento ndade ndabanesithukuthezi. Mna: Angel khasuke tanami ndiye kuntana vha. Wavuma wasuka kum. Ndithe xandisiya ekamereni ndagangwa ngumama emnyango ebonakala uyakhala ndasuka ndaxakwa. Mama: *eziqinisile* hambokubiza lamama walapha enextdoor. Mna: for ntoni? Mama: ndiyakucela sanalwam yiya. Mna: hayi mama. Besendibininika kengoku something told me that ikhona into engahambi kakuhle apha ekamereni and I was dying to find out what is it. Mama: Asanda... I pushed her aside ngamandla endingawaziyo nokuba ndandiwathathaphi. Yho uLutho ebehleli bhaxa phantsi ethwele izandla entloko ekhala. Xandijonga ebhedini umntwana wam wogqunyiwe. Yhooooooo :( :( :( esikrakra sona isijwili esi.
Posted on: Fri, 15 Aug 2014 03:58:44 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015