#Chapter31# ............................................ Ziya : - TopicsExpress



          

#Chapter31# ............................................ Ziya : eeh! Haike ngoku khange senze lonto thina................. Mna : yazi ubokhe uthethe inyani once in your life maarn uyeke ukuhleli uphika.... Anenzanga nex neh? ............... Ziya : eqhwanyaza mpela.. Ewe............... Mna : khulula ipeti ke ndikukrobe.................. Ziya : yooh ngeke kanti............... Mna : exactly!! Ndinibonile kaloku nam sendivela etepini undibone ndikubuza nje.. Khawuthathe i vaskom ke ukhulule lo penti uyihlambe uyineke.. Hlukana nezimanga wena. Neka Sihle awukayigqibi kwaye uba ndiphinde ndakubona okwesithathu ndifunga Amakhwetshube akulo Mama nakulo Tata ndizakuxela stru............... Ziya : ooh! Enkosi sisi wam endimthandayo andizophinde ndenze nex ndizoba yi good girl............... Mna : ok hamba kaloku..... Wahamba ke wayohlamba izinto zakhe... ....... Hayi suka nam ngoku ndifuna kuvuma umntu ngeke kaloku bonke abantu banabantu babo......... Ndiye ndayiphendula ke ne leta ka Mandla ndimxelela ukuba ndimthanda kangangolwandle nesibhaka bhaka salo............. Ubendinqabele shame u Mandla kakhulu worse kaloku bekufanele ukuba uxhaphakile since ndimvumile........... On friday i decided to visit him, Ntsindi n Sindie will show me where he stays... After school we went to Mandlas place, all doors were closed but the were voices inside so we decided to knock...... Sankqonkqoza ke............. Mandla : ngubani? ................. Nontsindiso : ndim makhelwane..................... Mandla : ooh! Ohk ndiyeza............. Wavula u Mandla e half naked wasibulisa ndimbona ukuba wothukile xa endibona.............. Mandla : Asa haibo ufuna ntoni apha? ................ Mna : ndikukhumbule andithi wena awuyiphendulanga ileta yam.............. Mandla : bendizoyiphendula nje............. Ntsindie : masingeneni endlini usiphe amanzi Ta Mandla.......... Mandla : hee! Ha.a aninokwazi ukungena ndiyaclina apha.. UMandla ubemdala ke apha kum ena 17yrs ............. Mna : uyaxoka tshii ndatyhudisa ndangena xa ndisithi hayi sana nantsi intombi efunda kwa Khotso ingqendeve ebhedini i uniform yayo ibekwe kakuhle phezu kwe tafile... Kwa ndavele ndatyhafa ndaphuma ngalamnyango... One thing i know when iam angry and dissapointed andifuni kucengwa and andifuni kuthethiswa............. Mandla : wait Asa i can explain.. Yuu! Yabona Nontsindiso ubumzisela ntoni lomntwana apha? .............. Ntsindie : bendizova ngempundu mna ukuba ulele nenye intombazana hayi maarn fokofu uyinja............ Ndiye ndahamba mna ndingasakhawulezi apha endleleni ndidwanguza.. Futhi ke bendisazi ukuba akukho mfana undithandayo mna and ukuba ukhona akangowase Lusikisiki tuu............... Ndafika ekhaya kwaye bekwenziwe everything except imbiza ya late so i decide to collect washing ndiye e Xhura......... Mna : Ziyanda ndicela xa kubetha u 3 upheke please.......... Ziya : ooh! Ok i will ungahlali kaloku nawe e Xhura............... Mna : sure case...... Ndahamba ke ndayovasa ndabuya phaya nge past 4 ndafika futhi u MakaziB no Dumie bengekafiki ndoneka i washing ndancedisa upheloza ka Mama ekuphekeni.............. Mna : hee! Ziyanda uyathandana no Odwa? .............. Ziya : awuzondixela kuqala? ............ Mna : ha.a andizokuxela maarn ndiyazibuzela nje........... Ziya : ewe siyathandana ............... Mna : kanti umntu umbona kanjani xa ekuthanda? ................. Ziya : andazi nam kodwa u Odwa wandixelela ukuba uyandithanda nam ndamvuma ke since then sathandana................ Mna : akakaze akuphoxe mhlawumbi athandane nenye intombi? ............... Ziyanda : hayi andikamboni mna shame. Why all these questions sisi wam? .......... Mna : bendivume omnye umfana ogama lingu Mandla.. Ndambalisela ke sonke i story.............. Ziya : yooh! Sisi wam sorry vah kodwa nawe ndicela wenze into enye ulahle i pride.......... Mna : i Pride? Andina pride nje mna ............. Ziya : sorry to tell you kodwa look around baninzi abafana abakufunayo apha elalini kodwa bathi ungunomeva, uyaphoxa and uyabagwexa wena............ Mna : ooh! Injalo kanti? ........... Ziya : injalo ke sisi so stop always frawning xa ubizwa ngabafana ngoba awuzoba namntu ke.......... Mna : ooh! Ohk tnx .. Siphazanyiswe yi hooter ye moto ka MakaziB ndayovula e gatin bangena behamba no Dumie........ Ndavala ke i gate xa esehlika eMotweni he is wearing the same track bottom ekuthiwa ndayishiya e Xhura............... Dumie : jonga mntase..endijongise i track bottom..... Kwathi kanti ndayishiya esikolweni nge mistake im sorry.............. Mna : nge mistake neh? Mistake! And sorry for ntoni? For lento yoba ndibethwe kuthiwa ndiyoyilanda e Xhura? Or le yokuba ndalala no Whiskey ndatyiwa zintakumba?........ Dumie : sorry for everything mntase.............. Mna : save your sorry Dumie please mna ndisisigculelo kulomzi akekho nomnye umntu ondibona njengomntu apha.. Ndiyahamba shame hayi ndiyahamba. Besendilibele nokuba kukho u Makazi umsindo ebendinawo ubunzima worse sendiphoxwe nangulo bendithi yandithanda.
Posted on: Fri, 24 Oct 2014 05:58:25 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015