#Chapter74# Ingasengcwele iVeni besikhwele kuyo tjoe.. - TopicsExpress



          

#Chapter74# Ingasengcwele iVeni besikhwele kuyo tjoe.. Niyaziqonda moos eziVeni fike ningxalwa ngathi ndizingxowa zombona.. Ibe worse xa kupeyiwe fike iveni le ingathi ngamagumbi amabini.. Bekunjalo ke nakule besikhwele kuyo.. Ndikhe ndathi ngqwa ukulala oku ndothuka sendingase Nkqwitheni. ENkqwitheni ke kulapho besisolusa khona iinkomo ngelalixa besisakhula.. Mmmh! Sidlala iintonga no Nambhuti no Nxosa.. Ndingawulibala njani kaloku uMvubo womphothulo esasiwuthanda kakhulu.. Ukuba awuwazi ke lo Mvubo hayi sisi/Bhuti waphoswa.. Yaqhubeka iveni yade yayovela ngasemasimini, indicingisa iintsuku zokulima..uMama kaloku ubekuthanda kakhulu ukulima.. Kwaye kukho ikhonti ezilishumi ebezilinywa umbona, namathanga ne Mbotyi... Mmh! Ndingalulibala njani usuku lwam lokuqala ndifika eLibode ndineminyaka eMihlanu, ndithathe u 5ltr ndiyokukha amanzi eNkonkxeni (Mthonjeni) ndalahleka xa kufuneka ndigodukile, mmh! Mhla sasixuthisana nge Purse endandiyiphiwe ngu CcNosisa sino Phelisa ndayithatha ndayokuyijula endlini yangasese... Ingqondo yam ibityhutyha tyhutyha kumathambeka entsuku zam zobuntwana... Ndingayilibala njani kanene imini yoMgidi ka Bhuti Liso apho satya inyama sade safinya ngayo... Ndikhumbula nge Holide endandigoduke ngayo ukuya eLusikisiki ndabuya ndidlwenguliwe. Kulapho ke ubomi bam batshintsha khona, kuba ndandingumntwana owayendwebile kodwa ngokuya ndikhula ndinyabile.. Ndingalulibali nosuku u Antana wayeyondeba endithembisa iZulu nomhlaba ndatsho ukufikela esihogweni nokumpelesa u Ziyanda.. Iye yema imoto ndise kwezongcinga futhi andahoya nto..wavula u Driver ngasemva.. Driver :Ukhona umntu owehlikayo apha? ... Kwe cwaka emotweni.....waphinde wabuza... Uzokwehlikaphi olandelayo? .... Kuye kwaphendula omnye umama esithi kwa Mqhorhana... Haibo! Zaqala zabuya iingqondo kengoku ukuba esisititshi simise kuso kukwa Majikija.. Mna : Ndiyehlika bhuti ndicela ungavali. Driver : Ntombazana utheni ingathi awuzazi nje ukuba uyaphi.... Ndazivalela umlomo wam ke mna ozokundinceda xa ndisitya ipapa, ndabhatala, wavala yahamba iveni..... Bendiske ndamatha ndema nje ndisezela impepho nomoya opholileyo walelali.... Mmmh! Bendibona ukuba imizi yakhiwa ngoku.. Ndahamba ke ukwehla ngakoo Majikija, ukuya ngako Tukani, nako Mkize njalo njalo... Ndedlula ngase Ruze.. Ooh! Madoda isikolo sam.. Kaloku amabanga aphantsi ndandiwafundela apha kwesi sikolo... Ndandiphatha uMvubo ngesakhe sasikhulu isitya esi kuba uYanela wayelamba esikolweni.. Namagwinya ka Gogo wase Manzothweni ayesitsho njalo... Mmh! Ndikhumbula ndifunda u Starndard 1 u CcNosisa esenza i practicalz kwalapha eRuze.. Wayekhulelwe ke eloxesha, engasawathandi amalahle suka.. Xa kuyi risesi ndandingalindi nokuba ndithunywe kuba kaloku ndiyayazi ibisele ingumsebenzi wam lowo.. Nezinti zometshisi ezilayitiweyo ndandimgcinela zona.... Ndiye ndahamba ke ndayofika ndinexhala lento endingayaziyo.. Bendingamcingi nokumcinga kengoku uCya bendicinga le ndizofikela kuyo.. Ndangena egayitini kwabe kukho nezinja.. Noko ke azanditya., ndahamba ndangqala ekitshini, ndafika ucango lwangasentla luvuliwe ndaqonda noko ukhona umntu nangona ebengekho nje ekhitshini. Mna : Nanku umntu enkqonkqoza.. Kwaphendula ilizwi ezikamereni... Makangene.. Ndavula ndangena ke nam.. Ikhitshi belingatshintshanga kakhulu kuba ikhabhati bezintsha zona kodwa iitafile kuse zeziya sasisithi xa sisikha amanzi e emereni sikhwele ezitulweni... Ndiye ndahlala phantsi.. Ngelingeni kwaphuma usisi omhlotshana nje, emfutshane ngesithomo noko ethe xaxe ngesiqu.. Shame bendingamazi kwayena ketana.. Wafika warhuqa isitulo wabulisa... Sisi : Molo nontombi.. Unjani? Mna : Ndiyaphila enkosi. Unjani wena? Sisi : Ndiyaphila nam.... Ndingakuceda ngantoni? Mna : Mmmh! Aaaah! Ndingu Asanda wase Lusikisiki.. Sisi : oooh! Kulo Mem? Mna : Ewe sisi.... Ukhona yena? Sisi : ha.ana uhambe ekuseni uye e Durban uyothenga ezizinto azithengisayo. Mna : oooh! Ifasikoti namaqhiya? Usathengisa nangoku? Sisi : Sokuze ayeke ke sana.. Mna : Ooh! Baphi o Pely no Yaya? Sisi : Ooh! Abo bebebuyile kweziveki zimbini zidlulileyo kodwa ngoku bavakatshele ku sisi wabo.. Ndiyaqonda bazososke baphinde esikolweni besuka ngaphaya. Mna : mmh! Bafunda phi kanti? Sisi : Bafunda eHluleka bahlala e Boarding school... Anyway ndincedisa u Mem apha kuba ehlala yedwa.. Bakhona ke nabanye ootata ozokubabona abelusa apha, omnye welusa iigusha omnye iinkomo.. Mna : ooh! Ohk ke... Uye wandincedisa sathatha i beg yam sayoyibeka ekamerweni... Xa kuthethwa inyani bendicaphuka ukufika kungekho mntu kanje.... Inyambezi ziye zegwantyu amehlo xa ndicinga ukuba nam ngendifunda e Boarding school if uAntana wayengandebanga.. Ngoku ndiyinto nje esokolayo ephila nje ngenceba zika Mdali.... Liye latshona ke ilanga..uMangcoya waphaka umngqusho ebewuphekile nenyama.. Babuya ke noMelusi satya sasogqiba sazithi rhewu kwezondawo.. Ndiye ndakhawuleza ndayolala kuba bendikhathele, ndakhe ndafumana ithuba lokucinga nge krwam krwam lam u Cya wam endimthandayo futhi ndiyazifela ngaye.
Posted on: Sat, 06 Dec 2014 13:59:44 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015