#Chapter88# Ndiyamthanda maarn uCya uyinto yonke kum. Yhini - TopicsExpress



          

#Chapter88# Ndiyamthanda maarn uCya uyinto yonke kum. Yhini Bawo kaloku umntu osoloko enecebo lokuba mna mandonwabe. Ndikhumbula ndifika apha kodwa yena ebehlalele ukuba ngumqamelo wam wenyembezi. Ewe unazo iziphoso nje ngomntu wonke kodwa ingathethi ukuthi mna andinazo, jonga ngoku ndikhulelwe umntwana ongango wakhe kodwa uyakwazi ukundamkela ndinjalo.. Akatsho ukuba thwala umnqamlezo wedwa kodwa uthi masithwalisane Asa wam. Mna : Ndiyakuxolela Cya wam nje. Ndatsho ndimmathuza. Cya : Awuveke baby wam.. Thandaring you mna.. Mna : Thanda nam nje... Sahlala ke apho ndaziva ukuba ndiyozela.. Mna : Cela ukuyolala ngoku. Cya : Uzolala phi ekhaya or kulo Mendy? Mna : Kulo Mendy tyhini kodwa xa ezoya ku Dumisa ndizokwenyuka. Cya : Masambe ke love.. Sahamba ke safika u Dumie sele elinde u Mendy cacile bazohamba bobabini.. Besihamba xa kuqala ukubamnyama ngoku not ebusuku kuba kaloku singafuni kungenwa yimikhondo sikhulelwe.. Mna : Mandy! Hope amagwava am awuwagqibanga ke. Mendy : Yooh! Thiza awunamona ngahle akuqhine uthi shuu amagwava sisi. Mna : Andinangxaki nje. Cya : Nika ubaby wam amagwava wakhe awuyazi ukuba sikhulelwe.... Yuuh! Eeh! Wavele wayibhadlaza nje kanjalo lendaba. Mendy: haibo! Yooh! Bendike ndayithetha ke lento waphika ncoah ke ndiyanibongela.. Wayothatha amagwava wandinika mind khange nditye kwanto oko kusile ngaphandle kwala magwava.. Wonke ke umntu wataka ngobo busuku.. Zange ndibuthi cwee ke mna ubuthongo u Cya endifundekela ngalomntwana.. Hayi bendingafuni nokuva ukuba ndizokuba nomntwana tyhini bawo. Iintsuku zegqitha nepasika kanjalo.. Ndadibana nenye intombazana egama lingu Anathi yalapha eNtsimbini ibihlala e Dubarn yandixelela ukuba ixhaphakile imisebenzi eThekwini kwaye naye uyasebenza khona.. Ubenxiba kakuhle ke naye ethembisa.. Ndavuma ke nam sagqiba ukuba sizokuhamba sobabini ngomvulo xa ehamba kuba bendinayo imali.. Ndiye ndagqiba ekubeni ndixelele u Siyabonga ngesigqibo endisithathileyo ndingahambi nje engandazi... Later sadibana no Siya kwesinye sezi pots zethu zokuhlala ngase damini.. Bekungomgqibelo ke ezokuhamba abuyele esikolweni yena ngosuku olulandelayo. Mna : Baby ndicela ukuhamba ndiyokufuna umsebenzi for the sake of umntwana.. Sele ndimithi, ndimithi ngoku into emandiyenze kukuzama iindlela zokuba ndizokumkhulisa ngantoni ndimnxibise ngantoni qha ngoku. Cya : Andimi ngaphambi kwezigqibo zakho qha uzokuwufuna phi umsebenzi, uzokwenza ntoni? Mna : U Anelisa uthe sizokuhamba sobabini ndizobe ndihlala naye logama ndingekawufumani umsebenzi. Cya : Andimthembi u Anelisa sithandwa sam kodwa ke ungahamba kodwa ungalibali ukuba ndiyakuthanda kwaye ndizakuhlala ndikhona kuyo yonke into. Mna : Ndiyazi sithandwa sam nawe uyazi andikwazi ukuhlala apha ngaphandle kwakho kude kubethe uJune ozokubuya ngaye ndingenayo nepeni yezinto zomntwana... Cya : Ndiyayiqonda sithandwa nam ubumadlana bam be pocket money ndizomane ndithenga i rompo. Mna : Kwaa! Ungathengi e Pink ke please... Sahleka lonto ke. Cya : One more thing. Mna : Yintoni leyo.. Watshintsha ubuso waba serious.... Haike ungandoyikisi mna lol... Wahleka. Cya : Hayi sukaa! Ayikhi serious kangako. Mna : Yintoni ke? Cya : Ndicela undenzele nje into encinci vah bby. Mna : Which is? Cya : Asanda yazi ndihlala ndifunda zonke ezileta wawumane undibhalela zona uselapha eNtsimbini, ezinye ngokuya use Libode singekaxabani. Mna : Ooh! Yeah! What about them? Cya : Ndiyabona ukuba uyandithanda, kwaye awuzenzisi sithandwa sam. Qho xa ubhala ileta you always say you will die for me. You always say even death shall not separate us. Mna : Vele Cya thats how i love you. Andifuni kohlukana nawe. Andinokuphila xa wena ungekho. Cya : Jonga ke Asa ukuba wena kuyenzeka usweleke kuqala mna sokuze ndizibulale. Yes kungaba buhlungu kuba ndiyakuthanda kwaye ndikuxabisile kakhulu sithandwa sam kodwa khumbula ubomi buyaqhubeka. Zininzi izinto umntu ekufanele ukuba uyaziphilela emhlabeni.. Ukuba mna ndithe ndasweleka kuqala ndicela ze nawe ungazibulali for the sake yalomntwana umthweleyo let her/him be the reminder of our love.. I know akungowam kodwa ngoku ngowam. Mna : Hayi! Yooh! Ndiyeke mna Siya kanti awundithandi. Cya : Ndiyakuthanda kakhulu kunakuqala Asa kakhulu mntu wam kodwa kukho izinto esingeke sizitshintshe that is ukufa.. Abantu bathi betshatile once omnye asweleke ashiyeke omnye aphile aqhubeke nobomi. Mna : Ndiyakuva ke baby wam.. Masiyiyeke ke futhi lento sithetha ngayo thina we will grow old together. Andithi? Cya : Injalo kanye sithandwa sam. Kwaye andifuni kwa ukuba lenkewu yakho izazi nokuba yaba nomntwana kuwe.. Promice me sokuze umxelele? Mna : I promice my darling.... Uye wakhupha i chain yakhe e gold entanyeni yakhe wayifaka kum.... Mmh! Bby intle le necklace. Cya : Uyayithanda? Mna : kakhulu. Cya : Thats how i love you.. Wandipha ne chocolate ke. Wasogqiba wandibhalela i phone numbers ukwenzela ndikwazi ukumfownela xa sele esesikolweni nam ndihambile. Ifowni ibiyeyomnye umfana wakokwabo................
Posted on: Sat, 20 Dec 2014 08:17:56 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015