#Chapter89# Wafika nomvulo ebesiwulindile. Ngecawe phambi - TopicsExpress



          

#Chapter89# Wafika nomvulo ebesiwulindile. Ngecawe phambi kokuba ahambe u Cya uye wandipha i R50 saying ndithenge irompo ndabulela ke nam.. Savuka ekuseni no Anelisa saba yindlela ejongisa kwelika Banana Dubarn ukutsho oku. Siye safika khona emva kwemini ngecala lentsimbi yokuqala sehlika kwenye indawo ekuthiwa kuse maketi apho kuthengisa yonke into le.. Ndingasarhali bethu ndithenga zi fruits, ndithenge bo mbona yonke into le wethu ethengiswayo.. Jengokuba ndingunomdakazana ngebala icaca ukuba isisu sindivumile kuba bendinebala.. Wena wakhe wabona umntu omnyama xa ephuma ibala uvele abengathi ngumhlaba lo ubomvu okanye amanzi wesikhukhula.. Bendinjalo ke nam. Ndi tum tumana... Besizihlalele epakini ke no Anelisa kwalapha e Maketi. Mna : Anelisa siya nini kanti endlini? Anelisa : Sizokuya ngoku ndisalinde usisi wam andinike isitixo. Mna : eeh! Haibo! Akhange uthethe nga sisi wakho nje kum ngaphambile.. Kengoku uyasazi ukuba silapha? Kuba nyhani khange ndikubone ufowna. Anelisa : Yuu! Awusabuzi.. Ndicela undiboleke i R5 ndimfownele.... Bendingenayo ke imali etshintshekileyo ndamnika i R10 wahamba esithi uya ezifownini.. Ndashiyeka ndingqenge apho.. Icaba ke ndiye ndozela ndalala ndive ndishukunyiswa ngumntu. Futhi icaba kudala ndilele kuba besele kulayite nalapha ezitratweni nto leyo ethi kumnyama qha ke ezidolophini soloko kumhlophe.. Mna : mmmh! Bendicinga ngu Anelisa xa ndisithi ngubhuti nje ochazileyo futhi onesiqu esincinci. Bhuti : Molo sisi.. Kudala ndikubona ulele apha kwaye nentombi ubuhamba nayo ihambe ne truck. Mna : Intoni? Thats cant be true. Uthe uyofownela usisi wakhe moos. Bhuti : Haike! Nontombi mna ndimbone ehamba nge truck.. Anyway igama lam ndingu Mzolisi wase Bhizana.. Ifani ndingu Mthunzini ndingu Khwetshube isiduko. Ndisebenza apha ndizama impilo ngokuqhuba inqwelo ezi zokuthuthela abantu impahla itrolley. Ndihlala eMlazi kwa B. Mna : Ndingu Asanda Funda. Ndingu Maxhanga.. Njengoba ubona ke icacile andinandawo mna kuba itshomi yam ithe size apha eDubarn kukho imisebenzi emininzi kwaye ndizobe ndihlala naye ngoku ndingekasebenzi.. Ndingowase Lusikisiki. Mzolisi : Ungu Maxhanga, Umakhwetshube, uMabhonxa, umhlambolalintaka? Mna : Ndim lowo. Mzolisi : Tyhini! Tyhini! Ungudade wethu kaloku wena futhi sokuze ulale phandle ndikhona.. Mna abam abazali basweleka ndiselula phofu kwabe ikukuphela kwam umntwana. Mna : Ndiyaxolisa ngalonto owam umama wandishiya ke andimazi ukuba wayaphi. Mzo : yooh! Abanye abazali... Masihambe mntwana wasekhaya ndizokufunela umsebenzi.. Utheni ngathi unzima nje. Mna : ewe kunjalo (ndinentloni) Mzo : akukho ngxaki ngumtshana ka Malume lowo.. Sahamba ke sakhwela i taxi eziya eMlazi.. Yasehlisa esitophini.. Ubendiphathise ibhegi zam endichule ngesandla engasancokoli apha endleleni ubhuti Mzo ndimbona ukuba wonwabile.. Mna bendinexhala nje endingalaziyo ukuba lelantoni.. Ndicaphukiswa nangulo uhambe nama truck mxm.. Sade sayofika ke endlini engu 2rooms wankqonkqoza ubhuti Mzo kwavula umntu ongu sisi.. Wema emnyango. Sisi : And then? Mzo : Khawusuke emnyango Nokwanda... Wasuka nyhani sangena sayohlala esofeni. Mna : Bendicela ukuyochama.. Uye wandikhombisa ibathroom ubhuti Mzo ndangena.. Ndiye ndeva ukuba bayathetha no sisi Nokwanda.. Ndachama ndagqiba ndaphuma kuba bendingabeva ukuba bathetha ngantoni. Ndafika ndahlala esofeni ndathula. Nokwanda : Ndingu Nokwanda wena.. Ungubani waphi? Mna : Asanda, wase Lusikisiki. Nokwanda : Ndiyavuya ukukwazi.. Nam ndingowase Lusikisiki eMantusini.. Wamkelekile ke sisi no Mzolisi sele endixelele ngento yonke. Mna : Ndiyabulela sisi.. Siye satya ndalala ke mna esofeni ndibukele i tv nabo bayolala ebhedini... Bebendiphethe kakuhle shame abobantu uccNokwanda no Bhuti Mzolisi bebefana ne family kum.. Bendifumana yonke into endiyifunayo.. Ndingalali ndingatyanga... Ziye zedlula iveki ezimbini ndihlala nabo.. Ngolwesibini uBhuti Mzo wabuya esithi undifumanele umsebenzi kwaye kuzofuneka sivuke sihambe kwakusasa kuba lomama ndizomsebenzela uhlala e Margate.. Savuka ke sahamba.. Wayokundishiya kulo mama uBhuti Mzo.. U sisi Nokwanda shame ebengafuni ndihambe kodwa ndamthembisa ukuba ndizokumane ndivakatsha xa ndirholile.. Mama : Haibo ntombi yam uzokwazi ukusebenza njengokuba ukhulelwe nje. Mna : Ndizokwazi ma... Lo mama ubethengisa amadumbe, bhatata, nombona esitendini sakhe ngolwezithathu ubewalanda e Margate apho anomzi khona.. Siye sahamba ke nge van yakwakhe sayofika ngokuhlwa kwakhe.. Bekukho amantombazana amabini alingana nam.. UNqobile no Zethu. UNqobile enomntwana omnye uZethu bebabini abakhe.. Kukho namakhwenkwana amathathu, uSanele, Siyabonga no Sinelethu.. Umama wakhona wandazisa ke kubo... Mama : Ndingumama uZakuza ke mna aba ngabantwana bam ebachaza amagam.. Nina ngu Asanda lo uzosincedisa apha ekhaya. Mna : Ndiyavuya ukunazi. Bona : Siyavuya ukukwazi nathi. Nqobile : Haibo Mama ukhulelwe nje u Asanda angeke akwazi ukusebenza. Mama : Ndimbuzile nam lonto wathi uzokwazi. Nqobile : Hayi mama makahlale apha ekhaya........
Posted on: Sun, 21 Dec 2014 08:08:35 +0000

Trending Topics



/b>
* Question * by ~Anonymous Hi Ive got a question about cold
Had a strange thing happen lately. I had been finding some kind
Namma Bengaluru has been hijacked by vested interests and mafias
Day 49 (Jack is 7 weeks old today). Today started with a 6am
"min-height:30px;">
kata TOEBOEN stm BHAZACK adalah stm terhebat di JAKARTA

Recently Viewed Topics




© 2015