#FIFTY_NINE Sakhi: Lume bendicinga maan ukuba ndikhe ndiyokroba - TopicsExpress



          

#FIFTY_NINE Sakhi: Lume bendicinga maan ukuba ndikhe ndiyokroba kwa8 Malume: kuzofuneka ke mfowam uhambe nodadewenu noko lide elithuba kungahlali mntu bakhe bayoguquguqula ba cleane Zama: unyanisile utata, uyaya Lorna? Lorna: ewe ndiyaya Malume: hayke nabo ke mtshana Sakhi: kulungile lume, hee Loyyd khange ubethwe kuke festive? Lorna: ndibethelwe ntoni ngoku? Sakhi: uyayazi ikhona enye into? Lorna: yhoo ndikubalisela enye into sana hayi uZama... Aunty: uZama utheni ngoku? Lorna: hayi ma akhonto Zama: uyaphapha wena Aunty: ingaba ikhona into ayenzileyo uZama? Zama: hayi Dabs akhonto ndiyenzileyo uyamazi uLorna akafuni ukungathethi Sakhi: ndiyamazi ke ngokuxoka Lorna: hayu ke ndiyekile Aunty: kukhona into eniyifihlayo nina Malume: nkosikazi yintoni na kucaca into yokuba abantwana abanoncokola phambi kwakho khawuyeke uZama yintombi endela Mabhuti: yazi tata umama lo inoba ucinga ukuba uZama uvalekile kuba esuka ezilalini... Mama unyanisile utata khamyeke uZama akhululeke akalosana noko mdala khawuyeke ukuba over protective Aunty: hayke ndithule mna Malume: bendithe ndiyeke ndikujongele abantwana siphila kwelinye ixesha ngoku khawuyeke ukudla ngendebe ndala.. Mabhuti: eeeh bazali nantsi nto ibalukekile maan Malume: uncede nyana ungasixeleli inti ezosothusa Mabhuti: andiyazi ke tata kodwa ndifuna ukubulela kuqala ngento yonke eniyenzile.. Kodwa ke ngomso ndibuyela e bhayi kuyanyanzeleka kuzode konakale Malume: uleqa ntoni izikolo zingekavulwa nje? Mabhuti: ndifumene umsebenzi Malume: uyaphosisa ke nyana ndiyakwazi awulifuni ikhaya zange ndimbone umntwana ongalifuniyo kangaka ikhaya kulungile uhambe kakuhle, bendiqonda ndiyoyika Mabhuti: woyika ntoni ngoku Tshabalala? Malume: zange ndikuva uthetha nge ntokazi zange ndakubona unentokazi nase founini soloko ukhala ngomfethu,, bendicinga uzosixelela ukuba uncuma namadoda Mabhuti: haybo Tshabalala ungathini undicingela njalo? Malume: hayke mfowam xa kungenjalo makube usisishumane ke Bonke basuka baphela yintsini, uAunty engayithandisisi yena lencoko Sakhi: hayi kodwa lume uyammosha umntakwethu ngoku Malume: ndithini ke mtshana akananja akanakati le mali azoyiphangelela uzoyitya naban? Waqumba u Aunty wagqwashula waphaka waya e kitchen Malume: oohh nkosikazi uyathanda ukukhathazeka msinyane siyancokola njena Aunty: hayi wena kudala ndisithi uzondimoshela abantwana ngoku ufuna lomntwana ajikeleze afune amankazana hay noko Malume: ndikhe ndathi yeka ukuhamba ngendebe ndala uyambona lomntu ndithetha naye uyahleka nje ngomntu wonke uyayibona ukuba ndiyancokola yena njengokuba usilwa wena Aunty: hayi tata ka Mabhuti maan uyabamosha abantwana maan Malume: ow awu understand kanene hayke mfowam uhambe ubuye ke uyindoda ngoku ushota nge nkosikazi ngoku Mabhuti: kulungile tata .................... Ring ring, ring ring, ring ring Nyameka: hello Asanda: hi unjan? Nyameka: shup wena? Asanda: shup masidibaneni e mall kaloku imali khona khe siyotyani khona, u Amanda sezisondele intsuku zakhe so ndifuna simkhuphe engekayi kuSakhi Nyameka: wow thats so sweet count me in, ndizothetha no Meka no Siphoki vha Asanda: great bye ke vha Nyameka: sho She hang up Phamela: uthini? Asanda: uyavuma uthi uzoxelela elinye iwele noSiphoki Phamela: masiye ku Amanda ke Baya ku Amish bafika e ready ebalindile bahamba baya eMall .............. NU8 Zama: akwabishushu kulendlu vula yonke indawo uvulekayo Lorna.. Kuyatshisa apha Lorna: kuyacaca kudala kuvaliwe kushushu nyani Watsho evula iminyango na festile Lorna: hee bhutomtsha kutheni ungayi ko Wara sishiyeke si cleana thina ubuye ke xa ucinga sigqibile Sakhi: bendicinga lonto nam yazi, ndiyamkhumbula uAmanda kodwa funeka ndimfounele late Lorna: kudala ekukhumbula naye yhoo Sakhi: ubusithi uZama itheni khona pha endlini? Wangathi ubotshwe mnweni waybalisa yonke into eyenza ngobusuku uZama ebetha uSkizo eyifakelela nokuyifakelela.. Zama: yhuuu hayi uyayibaxa into wena maan ....... Mdantsane City Mall Zangena i girls e mall zi xakiwe ukuba zizoqala ngaphi Amanda: kanti besizothini apha? Asanda: sikhupha wena kudala uhleli eAmalinda sikukhumbula, qha asiyazi ufuna ukutya ntoni coz sizokutya nathi apha Amanda: ohk masikhabe singena phakathi siyobuka ke xa ningayazi ukuba masithini Zahamba igirls zangena ngaphakithi Nomawethu: yhuuu jonga tata ka Andy lamntana use right Mr Paul: utheni? Nomawethu: nguAndiswa ehleli maan Mr Paul: ndiyabazi abantwana Nomawethu: ubazelaphi? Mr Paul: ndiyaba teacha Nomawethu: intombi ezindala kangaka? Mr Paul: nkosikazi imfundo ayigugelwa ndiyayithanda into yokuba khange zi give up ezintombi eskolweni unlike uAndiswa ke lowakho wandiphoxa lomntwana, hayi uThixo wandibetha ngalowa umntwana athi eyintombazana oogqithwe ngamadodana oomabini ngengqondo akamameli ingathi nguye oyindodana ngoku Nomawethu: wandiphoxa nam tata Mr Paul: wabaleka wayaphi khona? Nomawethu: ndim wonke lo wammoshayo lamntwana ndiyazisola bendizothini ke ngegqibelo lam phofu? Mr Paul: hayi nkosikazi masinikele kumdali, sithembe ukuba uzakubuya ungazisoli wena nguye owazithathela isigqibo Nomawethu: tata uyafana nawe lomntwana maan kodwa bendicinga nguAndiswa ukuqala kwam ukumjonga Bathi xa befikayo wabamisa uMr Paul Mr Paul: molweni Asanda: molo tishala Mr Paul: ninjani bantwana bam? Asanda: siyaphila tishala unjani wena? Mr Paul: ndiyaphila nam, nipasile nonke? Asanda: ewe tishala enkosi kakhulu Mr Paul: ngenibulela uSakhumzi heyy lamfana uya kude maan ukrelekrele, yhoo nkosikazi lamfana ukwenza ubenomdla walento uyenzayo maan Wabazisa ke ku nkosikazi wakhe, oko uMrs Paul ejonge uPhamela aphinde ajonge owakwakhe anyikinye intloko Nomawethu: ndiyavuya ukunazi mantombazana Mr Paul: hayi ke bantwana bam nihambe kakuhle sobonana esikolweni Asanda: kulungile Sir Bohlukana ke Zameka: hee guys niyibonile lento ndiyibonileyo? Nyameka: la mama? Zameka: ewe, uyamazi Pam? Phamela: bendiqala nokumbona Siphokazi: yazi bendicinga ubone lento ndiyibonileyo mna Zameka: yintoni ngoku leyo Siphokazi: lamama ebejonga uPam aphinde ajonge umyeni wakhe, you know why? Nyameka: khawuthethe maan Saphokazi: bayafa nqooo if kunokuthiwa ngutatakho lowa andinothi hayi
Posted on: Thu, 07 Aug 2014 11:53:42 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015