#ICONDOM_IBUZWA_SEKUGQITYIWE Insert 11 Kungentseni - TopicsExpress



          

#ICONDOM_IBUZWA_SEKUGQITYIWE Insert 11 Kungentseni yangolwesihlanu, uJay uvuke ngenj ixukuxa, wenjenjeya ukuya kowabo ukuya kubikel uYise uQwathi ngokumitha kaZizo. Ufike udade wabo uAmbesa nongumafungashe kaYise emi ekhitshin ehlamb izitya. Wayengatshatanga kalok udade wabo yaye engazanga wabonwa nandoda ePV, nditsho nase mdudwen kanonkala. Abantu besithili babesithi useyintombi nto, Bambi besithi ukhe wathandana ngaphambili qha waphoxwa liqabane lakhe ususela ngoko wayizonda into ekuthiwa yindoda, betheth izinto ngezinto abantu, kodwa yena wayesithi akho ndoda imfaneleyo ePv xa umbuza. Emhle kakhulu usisi, eziphethe kakuhle, ubungasoze umbone nakanye endawen yolonwabo. Ambesa: Kowu Dini! I just washed this floor kodwa wena uzonyathela ngenyaw zakh ezimdaka, Andiso scaka sakho mna Jay: Yabon ngowu cleaner kwakho ngok uba ubutshatile. Andaz kuthen uyoyika kangak indoda, ugqibe icalender kodwa useyi virgin, ukhe wayibona phi lonto? Ambesa: Usile wena, ndiryt ndinje mna, ufuna ndifane nawe lo uhamb usophul intliziyo zabantwana babantu. And yadlala ke lolo, andikaygqibi icalender, ndina 28. Jay: Yafana, kuba Ngo February inyanga iphela nge 28, uyigqibile qha icalender. Hamba uyokwenda qha wena utata ufun iinkomo. Ambesa: Tata yamuv uDini uyandigezela!! (embetha nge fadukhwe.ebalek uJay esiya kungena kwelo gumbi wayekulo uyise) Jay: Molo bawo! Qwathi: Tyhini molo nyana. Usemngumnt okhoyo na, Injan impilo phof? Jay: Ow ndiyacenga bawo, andibikwa mahlaba noko. Uyaphila wena? Qwathi: Ndiyaphila nyana, ndihlutshwa ngumqolo qha. kwewu! Awundilalisi tu. Jay: Ow uzawphila bawo, noko thina maqwathi asingobantu ababuthaka. Umama selephangele,? bendisith ndizanifumana nikunye, kuba kukh into endifun unibikela yona. Qwathi: Ufik esandawphum unyoko. Yinton leyo nyana? Awuleqwa phof? Jay: Hay andileqwa. Zindab ezimandi noko. Ehh Mandisuke ndithi, uzakuba ngu tamkhulu kungekdala. Ewe, intombi yam ikhululelwe. Qwathi: Tyhini! Tyhini! Tyhini! Yazindab ezimand ezo nyana. Yeyphi lontombi, yile ka Mampinda ibiququzel aph emgidin ka Yandani? Jay: Hay akuyiyo bawo yile ka Sis Lindi, Pha kwaNozulu. Qwathi: Oh (Ejonga phantsi uyise, enga uyacinga yeyiphi lontombi). hay Akunanto nyana, uzukh uze nayo lontombi izotya nath isidlo sangokuhlwa. Jay: Ndawkwenjenjalo qwathi. Undibona ndivuke early nje, bendisithi ndizawkhe ndithath utsi gxada nonina womntwana lo, siyoktshon eDe Aar, ayokutofwa kujongwe umntwan uba right na, andiythembi tu iclinic yalapha . Qha yayaz ke into engu mcelimngeni apha kum yimoto. Qwathi: Kowu ingangu mcelimngeni njani zininzi imoto ekhaph, thatha nasi istixo nyana uhambe nomolokozana niyolungis izinto ezifun ukulungiswa. Mna ndifun ubon umzukulwana wam ephilile qha (Emnika istixo se BMW) Jay: Enkosi bawo.. Mandiphuthume ke, ndizawbuya ndikbikele.. Wemka ujay esiya kulo zizo, benjenjeya ke ukuya eDe Aar. Bafike kugcwele kakhulu eclinic, banikis inkcukacha zabo ngaphambili, bahlaliswa phantsi kusthiwa bazawbizwa lokufik ixesha labo. Babahlala next to each other. Ukhangeleke enestress kakhulu ujay, ehleli at the edge of the sit, ebethekis amadolo. Eluma inzipho unkabi, enga angathi Vuleka mhlaba ndingene. Ubonakele esolula ingalo uZizo, ebamba ujay esandlen, giving his hand a gentle squeeze. Zizo: Relax hun. Jay: Yey Zee ndiziva ndinovalo ubona nje. Wat if siPositive? Singayintoni Kula Petrusville bethu. Zizo: Kuphela kwento oyicingayo leyo? Mna andinaxesha labantu ke tana. HIV affects all of us, ayikho ifamily engenawo umntu oHIV positive, emzantsi Africa wonke, nokuba seyi distant relative kakade. Izibhanxa ke uzaziva zihleb abany abantu abane HIV ekuhlaleni, emyeka lomntu wakowabo ubolileyo naye Yiyo. Mna ndifun ukuva nje istatus sam, if ndi positive ndibenako ukusindisa nje oku komntwana wam lo ndimthweleyo. Jay: Dats true, ndizimisel ukutshintsha yaz. Lomcimbi we HIV uyafana nje ne single train ticket to Johannesburg. Once u get infected theres no turning back. Kuzawnyanzeleka ndichul uknyathela, noko ndingade ndingen engcwabeni ngenxa yezenzo zokungakhathali, uzawthi Tata kuban umntanam . (Kusiza unurse ekhwaza uJay noZizo, bephakam, belandel loNurse ukuya kungena egumbin loku testa) Bafike kwelogumbi kwaqala kwenziwa ipre test counseling, UJay engayekang ukoyika, ibunzi libile limanzi, Zizo eman ekhuph iwipes emosula. Yenziwa ke itest, wazithatha itest cards zabo loNurse, wayozibeka egumbin elilodwa, wabuyela kubo eman ebancokolisa Elixa belinde iresults, ujay ethule ethe tu, kuphendula uZizo yedwa, enga akeva nangendlebe unkabi, engxamele le ebeyzele apha. Jay: Nurse ndicel iresults plz, enye nenye sizakuyxoxa mva. Zizo: Khawume Dini! (waphakama unurse ebuyela kwelo gumbi ebebeke kulo itest cards, wabuya Nazo) Nurse: Zizo Cekisani, nawe Dini Nombewu. You both are HIV negative. Jay: Enkosi kakhulu Waphakam uJay ebamb uZizo ngesandla ephuma naye, engalindi ne post test counseling. Baphuma bebambene esinqen ukuyongen emotwen bevuya UNABANTU BAKHO THIXO, UBAGCINA, UBANCEDA EZINDAWENI ZONKE!! IBALI LIYAQHUBA!!
Posted on: Fri, 26 Sep 2014 18:06:18 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015