#INSERT 30 Uthe esathe nxokotho endijongile ndavela - TopicsExpress



          

#INSERT 30 Uthe esathe nxokotho endijongile ndavela ndacuntsulwa kwezi zabantwana ngoba besele ndikhumbula uthando wam ngoku lomfana undifanela nqwa nothando ndacinga ngalamhla usbu wandichola ngayo kunetha wandiwola yayingathi ndiwolwa nguluthando ndithe ndawucinga yonke nje lonto ndaqiniseka apha ekukhaleni...sizi lomfana wabantu wasoloko endixhasa endithuthuzela ke lonto eleke endibeka esifubeni sakhe ndivele ndikhale kakhulu, nikhe ndiyive lanto xa umntu ekuthuthuzela ingathi uyakuthuma bendinjalo ke mna...ngelingeni ndathula ndabe sendisiza nobuthongo bumnandi intloko iyatshisa iyasinda kelonto ingathi ndinebhabhalaza ewe kaloku ndiyayazi ibhabhalaza ngoba sekhe babutya utywala...ndalala cum ingathi ndilusana ndothuka sele kumnyama ndajonga ixesha efownini yam ibisepokothweni yeblukhwe yam yho kuhlwile zileqa u8 ngoku ingaba ndizolala apha? Ibe kanti uphi umfazi wakhe usbu ngoba isidima anaso ubukeka ngathi utshatile yho undongamele umva ndedwa lonto ndizibuza ndiphinde ndiziphendule kwangokwam ndive lomntu undishukumisayo ndothuka ndamjonga yho ngu sbu lona kanene ndilibala njani... Sbu:yhu uyalala kunini ulele lonto kudala ndikukhwaza awundihoyi ngoku sele uvukile ndiyaqonda ukude ngengcinga kodwa cela ke khesithethe undixelele ingxaki yakho ndizokwazi ukunceda ngoba soze ndikwazi ukuhlala nomntu ndingayazi noba wenze ntoni mhlambi ubulele umfana wakho uzoncathama apha ndiphele ndibanjwa nam kube ngathi sisonke ahleke me:noko asoze ndibulale mntu andinaso esosibindi kodwa ndinaso esobulala elagqwirha linguzizipho sbu:andimazi uzizipho qha ndixelele kwenzeka ntoni me:ndiphefumlela phezulu***ndade ndathe ndamxelela yonke into ngobunjalo bayo... Sbu:yho hayi ayihambi yodwa lomama unento yokwenza kulento yenu kodwa ingathi ndingakunceda okwangoku uzolala apha kusasa sivuke ukhona ugogo ozosinceda emonti me:kulungile ndingesavuyi ngako yayingathi akusasi ndithe ndisonwabe ndinjalo kwakhala ifowni yam xandiyijonga ngu thando yho andavuya ndayiphendula bby thando:andingo bby ndinguzizipho ndiyavuya usikhwelele ndim otshatayo hahahaha watsho ehleka wacima ifowni ndandivutha ngumsindo ndikhala ndingcangcazela ndingazi noba ndiyomisa lomtshato okanye ndithini hayi ndoyisakele lonke eloxesha usbu undijonge kalusisi uthule qha akakhuphi nelesenti waphakama weza nokutya satya kungangeni kunjalo endinyanzela #ndizicingela yho unobubele lomfana azba oluncedo lwakhe luzozala nkomoni na ngoba andisathembanga kwamntu ngoku kodwa andinayo enye indlela mandamkele impatho sagqiba ke ukutya wandikhombisa igumbi endizolala kulo nyani ke ndahamba ndayolala ndamshiya esabukele umabonakude yena ndavuka sele ilanga lihlabe ezimpundwini ndivuswa ngu sbu phofu ephethe ukutya ndandingazazi noba ndithini ngoba uyandinceda ndabulela ndatya ndayovasa ndanxiba kwa ezampahla bendizinxibile wabeyena sele elungile sawujongisa emonti umbombo sade sayofika kwilokishi yasemdantsane sangena ke kulendlu inkulu intle inobuhlanti obukhulu obuhle nemfuyo eninzi sakhonjiswa icala esizo ngena kulo saya ndithe xandiqala ungena waphakama ugogo wathi ima ima ima mntanam sungena khululani izihlangu yho andoyika kengoku sakhulula waza nento wandiphekuza kanobom andinokuxelela uba yintoni le waye phekuza ngayo nam andiyazi sangena sahlala phantsi wathi zandile mntanam zandile mntanam yho andothuka uve ngabani kanene ukuba ndinguzandile hayiwethu mandimamele le ndiyizeleyo.. Gogo:lonto ulandelwa lilishwa elikhulu caba funeka uphile ubom bentshontsho kodwa zakunceda uzophuma uphilile lonto lomntu ukungcoleleyo uyamazi qha soze umve ngam zakuxelela kodwa ukuba unjani unesiqu unomhlantla uyakhanya akazali akanamntana me:hambake makazi uthin apha kum ngoku mama? Gogo:suxelela mna ndiyamazi mna singatyanga xesha ke ntombi mandiqale ngezibalulekileyo ezinye zizolandela umama womfana wakho oncuma naye ukuphephethile kunyana wakhe andizokufihlela ke yena ufuna wohlukane nonyana wakhe umgqibe kudala unyana kodwa uyakuthanda akazenzi unyana into emasiyenze masibuyisele into kunina bekani imali yam phantsi sizoqalisa...yho ndabhekabheka ngoba andinamali mna kaloku wakhupha usbu kwexibilili gogo:yinike uzandi lo ayibeke phantsi andinikwa sandleni me:kulungile gogo:iza ngapha ndizobuyisa izinto kumntu wazo ngoku wenza wenza ke into edikayo ngelingeni wathi ugqibile wandinika into engenancasa wathi mandisele ndasela ke nam wandinika nesiphondo wathi mandisiqabe ngoku emashiyeni nasentloko sizandikhusela ndavuma nam... Gogo:jonga ke ntombi ufika kwakho kwasibusiso uvase uthambise isiphondo ungathambisi, ukhupha onke emashwa amnka nalo manzi uzobe ugqibe uvasa ngawo sogqibe ubuyele kumfana wakho namhlanje uyandiva me:ndiyakuva mama enkosi gogo:akuthiwa enkosi ithi camagu ndatsho ke nam sakhululeka** ndingenqekeke endleni ndibulela into engenasiphelo ku sbu ngokundinceda kwakhe qha ndabe ndicinga kutheni yena engenamntu makhe ndimbuze bekukudala ngoko me:uphi umntu wakho sbu:andinaye (waqiniseka ekuqhubeni..sade safika ndadzulela ngasese ndavasa #ncpho
Posted on: Mon, 04 Aug 2014 20:27:40 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015