#Insert 336 **Esibhedlele ngesithuba secala emva kwenzimbi - TopicsExpress



          

#Insert 336 **Esibhedlele ngesithuba secala emva kwenzimbi yesibhozo,uVuyo ungena esibhedlele njengesiqhelo nanjengoko ilixesha afika ngalo mihla le uthi xa ephosa amehlo kwelinye icala abone uZolani equbudile ejonge ezantsi ehleli esitulwe,ajike aye kuye** Vuyo:(esima phambi kwakhe) Yhe ndoda walapha ekuseni kwenze njani? Zolani:(ephakamisa intloko eqwalasela) Oh nguwe Ndoda,hey uZoleka uye akabikho right pha ngezithuba zabo 4 apha ekuseni. Vuyo:(esothuka) Kwenzeke ntoni?kuthwa yintoni ingxaki? Zolani:UZoleka ukhulelwe ngoku kuthwa uphantsi konxinzelelo lwengqondo,kuthwa ke inoba ikhona lento imphethe kakubi. Vuyo:(esothuka) uZoleka ukhulelwe? Yho hayi ndoda awuphozisi maseko nhe?Kufanele ukuba uyayazi kaloku mfo kabawo,nguMfazi wakho moss,inoba nguwe. Zolani:Ingaba ndiyakuqhatha ndoda ukuba ndithi ndiyayazi ukuba yintoni ehlupha uZoleka ngoba ndizama ngako konke ukuba ndimonwabise. Vuyo:Mhlawumbi awenzi ngokwaneleyo,khumbula umntu okhulelweyo unochuku kakhulu ukhathazwa nayimpukane le imgilileyo.Ngoku wena ndoda ube kulongxaki yofuneka umane ucela uxolo lwento ongayaziyo. Zolani:Kodwa nalapha akukho kwanto endinothi mhlawumbi uZoleka ikhe yamkhathaza..Mhlawumbi ungakhe undixelele wena ngoba umazi ukogqitha mna uhleli naye iminyaka,Yeyiphi enyonanto imenza onwabe uZoleka? Vuyo:Woow hayi ubuze umntu orongo,mhlawumbi kuzakumele uzame nantoni na ocinga ukuba izakuba right for yena ngakumbi ngoku ekhulelwe.Hey ndoda mandibaleke maan ndisafika mna...(Emshiya eme apho uZolani,athi esemile kuphume kwala gqirha ebekhe wathetha naye,amkhawulele) Zolani:(ethetha noGqirha) Gqirha ingaba ikhona mhlawumbi into entsha? Gqirha:Oh hayi ndinendaba ezimnandi wena mhlekazi wam,unkosikazi wakho sizakumkhulula kungekudala usukela ngoku,noko akukhonto ixhomisa amehlo inokuba nje ibiyilonto le ibimhlasele kodwa akhonto kufanele sibenexhala yiyo,nomntwana uright. Zolani:Into ethi ndingakwazi ukumbona ngoku? Gqirha:Ungakwazi ukumbona ngoku usaphumlile nje kancinci njengoba ndisitsho mhlawumbi kwiYure nje ezimbini ezizayo sizakumkhulula. Zolani:Kulungile Gqirha. Gqirha:Ndoda umphathe kakuhle umfazi wakho umntu okhulelweyo akufuneki akhathazeke oko,zam ukuthoba unyamzele wazi ukuba yonke mhlawumbi enye into uzakuyenziswa kuba ekhulelwe. Zolani:Ndizakuzama ngamandla gqirha,Nam andinqweneli ukuba akhathazeke ngoba ndifuna usana lwethu luzalwe luphilile. Gqirha:Ungangena ke ndiyavuya ukuva lonto,kulamadoda angakhathali kangaka apha phandle phofu ndibone indlela le ubukhathazeke ngayo,ungakhange umke kwalapha esibhedlele oko uhleli intsasa yonke apha,ndayithanda lonto yangase wonke umntu oyindoda angenza njalo,kaloku ababantu sibathatha sisithi siyabathanda kufanele sizibonakalise ke ukuba siyabathanda ngokwenene,singathethi nje. Zolani:Hayi Gqirha ndiyamthanda unkosikazi wam andizange ndenze mpazamo ngokutshata yena yilonto ke ndilapha ngoba ndafunga ndathi ekuphileni nasekufeni ndakusoloko ndinaye,unyanisile kona amanye amadoda awanaxesha lalonto,jonga mna ngoku bekufanele ndisemsebenzini kodwa andikwazanga kuba umfazi wam ubaluleke ukogqitha umsebenze. Gqirha:Ungumzekelo omhle ndoda,ndiyayithanda indlela owenza ngayo sengathi nomnye nomnye umntu angafunda nto apha kuwe.amanye amadoda axabise imisebenzi yabo,ayina ndaba nalomntu ithi iyamthanda,mandingakulibazisi hamba uyombona ukuze sizokulungisa amayeza ekufanele ewasele Zolani:Ndiyabulela nkosi yam..(Engena kwelo gumbi linoZoleka) Zoleka sthandwa sam uziva njani? Zoleka:(ethethela phantsi) Ndingcono kakhulu ndise dizy nje kancinci kodwa ndizakuba right. Zolani:Ndiyavuya ukuva lonto,nomntwana wethu kuthwa akananto uright nje bendinexhala kakhulu kodwa ungaxhali kuthwa akakhonto ingakho..Khawutsho Zoleka yintoni sthandwa sam le ikuhlupha kangaka ude ubene depression,ingaba ndiyakuhlupha. Zoleka:Ndicela singathethi ngezonto please awundihluphi kodwa. Zolani:Then yintoni ingxaki? Zoleka:Akhonto Zolani. Zolani:Kulungile mandibe ndikuyeka,bendifounele umama uthe ke uphuma kwakho apha kufuneka ndikuse ekhaya uyohlala khona ukuze akujonge. Zoleka:Noo why Zolani?uyayazi andikagqibelisi emsebenzini nje. Zolani:Ayongxaki leyo sthandwa sam ndikhona nje yonke into oyifunayo uzakuyifumana akho sidingo sokuba uyogqibezela Zoleka:Ndizakukhe ndicinge ngalonto,kaloku andingomntwana Zolani anina kundithathela isigqibo njalo nje. Zolani:Kodwa ndizama ukuba uphumle kakuhle kwaye ndikukhusela ingaba iwrongo lonto? Zoleka:Khange nditsho. Zolani:Kwaye umama sele egqibile ukuba mandikugoduse kwaye uyamazi akaphikiswa ke. Zoleka:Ndizakukhe ndiyicinge lonto..khawundiyeke khendithi gqii kancinci mhlawumbi ndakuthi ndikhutshwa apha kube sele kuphelile ukuba dizy oku. Zolani:Lala nkosikazi ndizakuhlala nje apha ecaleni kwakho. Zoleka:Ungagoduka Zolani uyokutya inokuba ulambile ukhe uphumle Zolani:No no ungazami nokuzama ukundicenga ke kuleyo into ngoba andizokuyenza andizokushiya wedwa apha Zoleka ndingumyeni wakho,ndenza into ekufanele ndiyenzile.. Zoleka:Kulungile...(Ejongisa ngasegumbini) #Alale
Posted on: Fri, 26 Sep 2014 18:47:59 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015