#Insert 424 **Ngamanye amaxesha ekuhambe nasebudeni kobomi - TopicsExpress



          

#Insert 424 **Ngamanye amaxesha ekuhambe nasebudeni kobomi bethu,sidibana nezihlobo esingazalwa,esithi sakufikelwa zinzingo zomhlaba sikhale kuzo ibezizo ezisesula iinyambezi zisinike ithemba,ngexesha kanye izihlobo zethu zokwenyani kubonaka zisizele ngomva,sidibana noZolani ehleli noNozi ezicanda igila ngenzima ajongene nayo ekhayeni lakhe** Zolani:Andimazi uSatana owangena ekhayeni lam wasichitha-chitha sazi ntsasa kunjalo nje mna wandenza ndanevumba elibi kutata akafuni nokundibona ukuba ndamenzani andazi nam,mhlawumbi ndenza impazamo enkulu ngokuthi ndimcenge ukuba amkele uSizwe lo nyana wakhe wangaphandle emtshatweni kanti ndizikhanda ngenyeke etyeni ngoba usukela ngoko izinto azange zihambe kakuhle,mna ke ndandiba ndiyalungisa. Nozi:Wathetha kabuhlungu kwabuhlungu kum kengoku Zolani yatsho yamoshakala nemini yam,ndiyayiqonda ingxaki okuyo asinto imnandi ukohlukana kwefamily,kungumqweno kabani wonke ukuba ingase ifamily yakhe ihlale idibene ithetha into enye,ngamanye amaxesha siye sicinge ukuba senza izinto ezilungileyo siyalungisa kanti kuqala kwezinto okonakala.Kodwa yomelela Zolani,qina njengendoda.Ukhumbule ukuba ikhaya lakho lakuthi ukuze lime njengamanye amakhaya lime ngawe Zolani:Ndingayenza njani lonto Nozi xa kungoku utata ondizalayo engandifuni nokundibona,ndinenyanga eziliqela ndingasayi ekhaya,unento ethi xa ethetha athi andiyiyo indoda kuba ndingazali kwakungafani umfazi wam ezaliswa yenye indoda nje kuba mna andiyiyo indoda epheleleyo. Nozi:Uyayazi moss wena ukuba uyiyo indoda eyokuba kwenzeke into nawe ubungayi planenga asiyoyakho. Zolani:Uthi xa esitsho intliziyo yam inconcoze igazi,andazi ukuba umntu uyithetha njani into ayaziyo ukuba iyakubulala nawe. Nozi:Zolani ungumntu olungileyo izinto ezikwehlelayo ngoku zezingakutshintshi ubuwena,zikwenze ubenenzondo,inkohlakalo nentiyo ngoba wena awunjalongo,ukuba ubunjalo ngendingazange ndikuvumele uzisondeze kum.Nangona bendingathandi ukuba uhambele kude kowenu kodwa ndicinga ukuba umnike ithuba utata wakho naye mdala unengqondo ekuhambeni kwexesha uzakuzibona uburongo bakhe.Kodwa nawe ndicinga ukuba lifikile ixesha lokuba ubazise ngomntwana lo wakho ukuba utata wakhe ngumntakwenu lo. Zolani:Andinqondi ukuba ingenza mahluko lonto,ndingase ndibelixoki. Qha kutata ngoba akhonto ingangoSizwe kuye.umntwana andinangxaki naye kwakufikelela ixesha lokuba amazi utata wakhe ndakumazisa. Nozi:Ndiyakuva ke xa uthetha kanjalo kodwa ndicela uthobe umoya ingavumeli iingcinga ezingendawo zikulawule. Zolani:Enkosi wethu Nozi,ndiyabulela nokuba nomhlobokazi onguwe,qho xa ndithetha umthwalo endinawo kuwe uyandothula,kunyanisiwe xa kuthwe izihlobo akunyanzelekanga ukuba zezi ozalwa nazo ndiyayingqina lonto. Nozi:Akhonto ingako endiyenzileyo oyena mntu odlala indima enkulu ebomini bam nguwe ngokumana xa ndifuna ukuthetha nomntu usoloko ukhona ubeke ingxaki zakho ecaleni,nam ndibone kubalulekile namhlanje ukuba ndenze lonto.ndithi nokuba ndilele ndicinga abantu abandikhathaleleyo nawe ube ngowenani.emhlabeni bendingayazi ukuba kukho abantu bangamadoda abakwazi ukukhathalela umntu obhinqileyo nangona bengenanto yakwenza nabo.uThando onalo for mna ulubonakalisile,ndithe ndakuthi kuwe andikho ready ukuba ndingathandana nomntu,awabaleka wagqithela komnye,kodwa usuke wanesineke wathi uzakundilinda nokuba lixesha elingakanani na,lonto iyodwa indibonakalise indlela ondikhathalele nondithanda ngayo...(Athe nangona ebethetha emjongile nje suka wajonga phantsi) Zolani nam namhlanje nditsho ngokungena zintloni ukuba nam ndiyakuthanda,ndikubonile ukuba uyandithanda. Zolani:(kuqale kwamnyama kuZolani kwangathi kugqiba kulenyeza umbane ebusuku akayazi ukuba kwenzeka ntoni na) Nozi ndiyaphupha okanye? Nozi:Awuphuphi tu. Zolani:Ndicela uphinde lento ugqibo kuyithatha.(Engakholelwa) Nozi:Zolani nam ndiyakuthanda kwaye ndiReady ukuba ndibe nawe nanjengoko ubunqwenela njalo. Zolani:(akazanga ukuba uphakame nini?njani na uZolani suka wamanga ixesha elide,aphinde amjonge emhlweni ) Nozi andikholelwa ise yangathi ndiyaphupha. Nozi:Awuphuphi kanti..(Etsho ngolwancumo lwakhe lubukekanyo kuvele amazinyo amhlophe) Hayibo Zolani yinto ngoku wehla inyembezi?..(Othukile sele kuphele nolo ncumo) Zolani:Hayi ungakhathazeki Nozi azehli kuba ndikhathazekile,ndenziwa yimivuyo,inene kunyanisiwe xa kuthwa umzingisi akanashwa,ndise andabi namazwi akuthetha. Nozi:(ekhupha itshefu epokotweni amosule ezonyembezi) Akho mfuneko yokude uthethe Zolani inyembezi zakho sezithethe lukhulu kum,andisafuni kuphinda ndive enye into. Zolani:(ephinda amange) ukuba bendinazwi ngendiwathetha kodwa andinawo ndise ndaziva ndibethelwa luvalo kuphela,kodwa into endinokuxelela yona kukuba Ndiyakuthanda Nozi ngentliziyo yam yonke,ukuba bendinokwazi ukuyikhupha uyibone indlela evuya ngayo ngalomzuzu ngendiyikhupha. Nozi:Hayi uzakundilile please yandazi ndinkene-nkene mna. Zolani:Nozi uqinisekile lento ugqibo kuyithetha nyani nyani? Nozi:Oh ufuna ndijike ndithi ndiyadlala nhe? Zolani:Ohh noo ndingafa kaloku yintlizyo. **Akakhange ayikholelwe into agqibo yiva uZolani,kuye kusuke kwangathi kuyahlwa kwaphinda kwasa yangathi ebephupha,kanyi ke enyaniswe akaphuphi,uNozi ubesitsho enyanisekile ukuba uyamthanda uZolani,KuZolani kusuke kwangathi yonke into yenzeka ngokukhawuleza nangona ebesele elinde ixesha elide elinde uNozi,ubemane ezibuza ukuba ingaba yenzeka ngokwenene na le nto?,nanjengoko besele ilanga lisiya konina,lifike ixesha lokuba bohlukane ingulowo aye apho ahlala khona bengathandi,ibingase bajongane kuhambe ubusuku**GOOD THINGS COME TO THOSE WHO WAITlawo ngamazwi kazolani azithethela wona ngaphakathi kuye. **Ukanti ihambe yayokufika ezindlebeni zikamama kaNomsa into yokuba uNomsa ubethukana noAkhona esidlangalaleni** Miss Majola:Nomsa ayiphindi yenzeke lento ndiyivayo igcwele kule lali?kutheni lento undihlazisa ngokungathi andikhange ndikuqeqeshe?wawukhe wandiva okanye weva kusithwa ndithukene nomntu esitratweni? Nomsa:Hayi mama. Miss Majola:Ngoku wena uyifunde phi lonto? Nomsa:NguAkhona ondisukele ndizihambela wandithuka. Miss Majola:Akhonto ubuzakuphuma yona xa ubuthule awamhoya.Yazi ndiva kabuhlungu Nomsa ngoba kumntu okujongileyo izakuba ngathi mna andikwazi kuqeqesha angayazi umntu ukuba ezizinto uzifunda apha phandle hayi apha endlini,ngoba ngoku akusathethwa ngegama lakho ngoku sekusithwa lamntwana kabani.mayibe igqibelisile ke mna andizalanga ndlavini kwaye andiqeqeshanga ndlavini.mna ndodwa undingcwaba ndihleli zizinto ozenzayo ndiyagula. Nomsa:(efixiza) Ndiyaxolisa mama kodwa nguAkhona ondiqalileyo,andizokuphinda. Miss Majola:Andifuni ke ndide ndihlambe izandla zam,ngoba ndakukuncama kwakubanzima kuwe. **Kuthi cwaka kungabikho uthethayo**
Posted on: Sun, 30 Nov 2014 05:20:58 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015