> Insert #43 Ndatsho ndaphumla ngala mini , u Ma waye busy - TopicsExpress



          

> Insert #43 Ndatsho ndaphumla ngala mini , u Ma waye busy nje etyutyuza. Zange ndayithetha naku Amanda or u Sipho, kulapho ndabona khona ukuba xandiziphakamela nam lo mama uzoyeka ukundiqabela. Kwakungathi uyachazeka nje kukundibona ndingonwabanga. Waqhubekeka ngokuhambisa kwade kwabetha usuku olulandelayo. Ndandinga bethelwa nangu 1 ke mna , ndizipholele nje kamnandi. Waye ndihlukumeza hayi nje kancinci . U Buja wade wabe uyayithetha into yokumithisa kwakhe , abazali bakhe babe danile kakhulu , suprisingly u Sipho zange abenangxaki , wase wamcebisa ngokuba ayofuna umsebenzi qha. U Bongi ke yena wayengaqhashanga ngoba abazali baka Buja bathi bazoyobhatala isisu. Kwakuzolindwa abantu bakuloo Bongi bafike kuba wayesebaxelele nabo . I birthday ka Amanda yayi nge 25 , it was not even special , wathengelwa nje I cake but ke yena wayene lucky kuba yayingemini ekutyiwa kamnandi ngayo . Abazali baka Amanda babengekho nge birthday yakhe and naye she wasnt even bothered . Amanda considered Sipho and I as her parents. Ndandimdala ngonyaka kuye but wayendenza umntu omdala , even though sometimes sasisenza nje izinto zobuntwana . Ndikhumbula ngenye imini right after her birthday. Saye saya e town sino Amanda siyoothenga izinto zasendlini, u Sipho wandinika I R600 which wouldve been enough to buy all the groceries we needed . Sathenga I rainbow cake , mna ndathenga ii lekese ekwakusithiwa zii flakenuts, ii biscuits ze glucose . Ndathenga ii bhotile zika Zusiphe nee dummy kodwa wayenazo. Sasizixelele ukuba sizozithengisa ke ii biscuits nee sweets. Andazi kemna noba ndandicinga ukuba ndingakwazi na ukuthengisa ekuze zam ngoba ndandikhe ndacelwa ngomnye umama wase lalini ukuba ndimthengisele ii russians eskolweni. Ndandina 13 years , wayezifake esityeni esi bomvu , esijijele kwi plastic yakwa Spargs e bomvu efake ne folokhwe. Ndaathengisa ezo russians mna , ezinye ndazitya , andagodusa kwa eso sitya phofu. Ndandimane ndiphepha indlela xandibona la mama , ndade ndabe ndiyenda ukuze ndiphumle. Ndandingazi ke ukuba inoba sizokwazi na ukumelana nayo le yokuthengisa sino Amanda. Saye sakhwela e Van (ini) egodukayo. Ndandingenaxhala nje ndine worry yokuba u Ma uzobona asibuyanga nezinto ezibhadlileyo. U Sipho noko ndandingena worry yakhe kuba wayengazazi ezase kitchen. Sathi xasi phakathi kwe lali yethu ne dolophu , kwaqalisa ukunetha imvula. Yanetha yaqiniseka , imifula yagcwala ngoko nangoko. Kwafuneka imoto esasihamba ngayo ime esithubeni ilinde imifula yehle/the kancinci . Kwabetha oo 7 ba late oko sihleli emotweni imvula ingayeki Amanda :yoh ingathi liqonya elilethu...ngoku sesihleli simoshe nemali sizophinde sifike late nasendlini Me : sukhwaza kaloku ufuna siviwe ngumntu wonke okulemoto ukuba sidlale nge mali Amanda : hayi wethu banezabo nabo. Yade yayeka imvula , sade sahamba. Ndandi mfounele u Sipho ndimxelele ukuba sizofika late. Imoto zange ikwazi nokusibeka ngakuloo Sipho kuba sasingena mpahla ininzi , yasibeka nje ngase mlanjeni , sazihambela no Amanda. Sathi xasigqiba kuwela umfula sabona into elayitileyo from a distance. Amanda : kuthiwa kukhona iziporho ke kulo mfula Me : hayman suthetha ngalonto apha sihamba sodwa Amanda : yoo ngeke ndoyikiswe yinto engakwazi ukuthetha mna. .ndingasophula amathambo ne so siporho Me : Amanda sudika man ndiyoyika mna Ndathi ndigqibo thetha , kwavela into emnyama phambi kuka Amanda. It made funny noises. Wakhala kuqala u Amanda wabaleka endishiya emva. Kwakumnyama ndingaboni na kakuhle , ndayiva xa ikhala nayo lento isiya kwelayo icala kanti kwakuyi Hagu. Sasesihamba sikhawuleza kungekho nothethisa omnye . Sade sasondela ngakuloo Sipho. Indlu esasilala kuyo yayiphezulu ngase ndleleni , but sabona kusa layitiwe e kitchen so sayongena kwelinye icala le gate. Sathi xasijika I corner sakhonkothwa zizinja zase bumelwaneni. Once again u Amanda wabaleka ndashiyeka emva , nam ke ndazama ukubaleka but ndinxibe ezolokhwe zinde , ndaqhubeka elityeni elalise koneni yegadi. Ndabambeka ecingweni ndayobetheka elityeni ngomlenze. Ndavele ndazixelela ukuba ezozinja zingase zinditye xazifuna. Ndasele ndilala phezu kwelo litye. U Amanda wandikhwaza sele engenile e yard(ini) ndavele ndazi faint(isa) ndayo landwa ngu Sipho. Zange sibe sibuzwa nangento yokubuya ebusuku or sibuzwe ngempahla !!!
Posted on: Wed, 12 Nov 2014 19:04:19 +0000

Recently Viewed Topics




© 2015