#Insert 436 **kungomgqibelo emini emaqanda apho kuhlala khona - TopicsExpress



          

#Insert 436 **kungomgqibelo emini emaqanda apho kuhlala khona uNozi,kufika uSiphpo ongugqirha kwisibhedlele asebenza kuso noNozi,uMpinga noZinzi basaye edolophini** Sipho:(engena ahlale phantsi) Molo wethu ntombendala. Nozi:Molo bhuti. Sipho:Uphilile phofu? Nozi:Ndiyaphila bhuti,unjani wena? Sipho:Ndiyaphila nam. Nozi:Enkosi.ufika kakubi ke xa utata esandulukuphuma. Sipho:Ngubani ebethe ndize kuye apha?lithamsanqa lam moss ukuba ndifike bengekho ndizokutsho ndifumane ichance yokuncokola nawe. Nozi:Akakho kaloku omnye umntu onokuza kuye apha.Andiqondi ukuba ikhona into esifanele kukuyithetha mna nawe. Sipho:hayibo andinakuza kuwe?Kaloku wena xa ungenayo into onokuyithetha nam ayithi lonto mna ayikho endinokuyithetha. Nozi:Ukuba ubusiza kum ngendiyazile lonto ungekafiki. Sipho:Suprise kaloku sisi,okanye awuqhelanga kwa suprise eso?khawutsho maan yintoni le uyithandayo kulomfo wakho? Nozi:Ngumbuzo mni na lo undibuza wona? Sipho:Ucacile Nozi lo mbuzo wam akhonto ingacacanga. Nozi:Into endiyithandayo kuye yeyam andinakuyixelela mntu. Sipho:Kucacile ukuba ayikho ungathi kubenzima nokuyithetha kaloku nina mabhinqa ningabantu baka qhayi-qhayi ukuba ibikhona ngowuyixele kwasekuqaleni. Nozi:So eyona nto ufuna ukuyithetha yeyiphi? Sipho:Kunini mfondini ndikucenga akuboni ukuba ndiyakuthanda,landoda ayikufanelanga,ucinga utata wakho angavuya xa enokuva ukuba uzakutshatela endlaleni. Nozi:Ndiyaphengela kaloku mna,kwaye naye uyaphangela kungekho nento ethi uyakufa ekulandawo akuyo ngubani owaziyo ukuba ngomso angangaphezu kwakho? Sipho:Lonto ingenzeka emva kweminyaka emingaphi?Nozi kutheni lento ufuna ukuzisokolisa nje?I mean ufundile uyaphangela why uzozinganga ngomntu unje?ayo class yakho lamntu maan. Nozi:(efunge iintshiya) Kodwa ndiyamthanda,naye ndiyamthanda. Sipho:Thats not enough girl,a man need to provide for umnu wesifazane.uthando luhamba nezinto. Nozi:Ubuzothini ke bhuti apha?okanye ubuzobona bani? Sipho:Ndicela ungatshintshi subject please.khawufane ube nombono indim nawe sinomzi wethu ulizulu iimoto zethu,imali yethu singadingi nto. Nozi:Khandixelele bhuti into ibenye wena awusokuze uthandane nomntu ongafundanga kuyaphi? Sipho:Ndingathandana nje naye kodwa not side sitshate. Nozi:Ngubani ke ebethe mna noZolani sizakutshata? Sipho:Ngoku xa ningazokutshata kutheni ichitha ixesha lakho kuye?uyakhula ngoku Nozi kumele ubene family eyeyakho ozakhele wena wedwa,futhi nomntu oyaziyo ukuba noba ungangabikho wena abantwana bakho soze basokole Nozi:Hayi. Sipho:Ngoku kutheni uzibophelela entweni ezakuxaka nje ekugqibeleni?andazi nina maGirls ukuba kutheni lento nithanda ukondla amadoda nje endaweni yoba wena wondliwe yindoda. Nozi:UZolani uyaphangela. Sipho:Kukuphangela xa ephengela kumsebenzi ongaphela nangomso?what if nitshatile wasuke waphela umsebenzi? Nozi:Kungokuba wena soze uphele owakho? Sipho:Atlist mna ndingakhawuleza ndiwufumane omnye. Nozi:So ufuna ukuthi ababantu bafundileyo bahleliyo bangaphengeliyo abayifuni imisebenzi? Sipho:Hayi anditsho qha... Nozi:(emqhawula engekagqibi) utsho kaloku ngoluhlobo uthetha ngalo.Andazi kutheni abantu abafundileyo bebajongela phantsi abantu abangafundanga okanye nicinga ukuba bona bayathanda?kanti ke imeko zabantu azifani. Sipho:Akhomntu ujongela phantsi mntu apha Nozi kodwa kufanele iinyani sizithethe.kutheni uqinelwe yintloko kangaka nje ngento oyibonayo nawe? Nozi:(athi cwaka uNozi angaphenduli) Sipho:Look Nozi mna nawe singakha ubomi obumnandi apho singazukudinga nto ngoba yonke into sizobe sinayo. Nozi:(uphinda angaphenduli uNozi) Sipho:Uyabona akunamazwi akuthetha ngoba uyayiqonda ukuba ndithetha inyani,unengqondo nawe Nozi uyayazi ukuba nyani lento ndiyithethayo yinyani. **Engekaphenduli njalo uNozi kuvakala abantu bethetha emnyango,luvulwe ucango,kungene uMpinga noZinzi besuka edolophini,angene uZinzi sele ethetha uthi akuphosa amehlo esitulweni apho kuhleli khona uSipho atshintshe ngoko nangoko kucaca ukuba akathandi** Mpinga:Tyhini Sipho nguwe lo,awusatsho xa usiza ngowufike ndikhona. Sipho:Hayi kanti bendifuna nje ukothusa ubone sele ndingena,kodwa ke akukho ngxaki noko ndifike kukho umntu. Mpinga:Hayi kungcono mfo bendizakukhathazeka xa ndisiva ukuba ubulapha wajika Zinzi:Nozi khawuze apha khesithethe enye into...(Aphakame uNozi eyiqonda eyona nto izakuthethwa nguZinzi,ngoba ebemjonge ebusweni wafika engemhlanga) **Baphume bayokungena kwelinye igumbi** Zinzi:(ethethela phatsi) Nozi ufuna ni lo apha? Nozi:Hayibo sisi ndimbone engena nam Zinzi:Ngoku kutheni ungamxelelanga ukuba utatakho akakho ahambe. Nozi:Benditsho engena wathi uzakumlinda hayike andabi na choice. Zinzi:Nozi ulumke ungatsalwa zizinto ezincinci nezingenamsebenzi.bendithe suku communicator nalomntu,nayizolo ndikuvile uthetha naye efounini qha ndabona ukuba mandithule. Nozi:Xa endifounela ke sisi ndithini? Zinzi:Mxelele ukuba awufuni kufounelwa nguye. Nozi:Hayi noko sisi bubu Rude obo andingomntwana kaloku noko. Zinzi:Oh hayi ndikuyekile girl....(Baphinde babuyele kwigumbi elihleli uMpinga noSipho) **Ngexesha bangenayo uSipho amehlo akhe uwathe ntsho kuZinzi,emjonge ngalo mehlo athethayo eyiqonda naye ukuba uphi undonakele** #Bancokole.
Posted on: Sun, 07 Dec 2014 15:46:54 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015