#Insert 465 **Ukhawulezise uZinzi wenza into ebebezoyenza - TopicsExpress



          

#Insert 465 **Ukhawulezise uZinzi wenza into ebebezoyenza noNozi edolophini nangona uNozi engasekho nje,ukanti uNozi noSipho baphume apho baya kwivenkile esekupheleni kwedolophi ethengisa ngokutya okuvuthiweyo,sidibana nabo behleli** Nozi:Kumele ndihambe ngoku Sipho inokuba nosisi sele esendlini,akandazi ukuba ndiye phi na. Sipho:Hayibo Nozi caba ndiyakudika nhe akumnandanga ukuhlala nam? Nozi:No Sipho asiyiyo lonto,into kunayo ndicingela usisi lo bendihamba naye,uzakuthi xa efika endlini athi ndiphi kutata? Sipho:Oh hayi uyayazi kaloku utata wakho xa ekubona ufika nam akazokuba nangxaki.so ukuba unexhala lakhe relax.Mna into endifuna ukuyazi Nozi yeyokuba uyathembisa ukuba andizokuphinda ndikubone ume nalamfana unguZolani kwakho? Nozi:Kodwa ke andikhange ndimbize kule igame uze kum nosisi sizihambela so kumele ndithini ndimbaleke? Sipho:No andithi mbaleke,kodwa mxelele ukuba makohlukane nawe,awusengowakhe.Ngoba nam andithandi xa ndizakunibona nime nobabini ndinganazi nokuba nithetha ngantoni na.kumele kucace ukuba awusenanto yokwenza naye. Nozi:So lilonke uyakhweleta kuba undibone ndime noZolani? Sipho:Ndifanele kukukhweleta kaloku benithandana nalamntu,ngoku ngubani owaziyo ukuba kungenzeka ntoni? Nozi:Awuzithembanga kanti?ngoku ibingathi uzithembile awunaku competor noZolani,ngoku yintoni ekwenza ixhala? Sipho:Ngekhe ndazi ukuba kungenzeka ntoni kumele ndikhusele kwanto,ukuze ndingavelwa ngemva,uyambona nje lamfana ukuba akakaxoli usakufuna,so angenza nantoni ukuze akufumane back. Nozi:Ngoku ufuna ukuthini ke ngam Sipho? Sipho:No akhonto ndifuna ukuyitsho,kaloku angakohlula mhlawumbi.Khawundixelele ke ingaba usamthanda? Nozi:Khona ukuba bendimthanda okusalayo ndilapha nawe moss ngoku. Sipho:Mhlawumbi kaloku unesinye isizathu esibangela ube unam. Nozi:Ingaba sesiphi ke eso sizathu? Sipho:Sinokwaziwa nguwe kaloku hayi mna.anyway masiyeke ukuxoxa maan,sitye sigqibe sihambe ndim ozokwenza sure ukuba uZolani lo akasondeli kuwe azokuphazamisa. Nozi:Ndinesicelo apha kuwe Sipho kwaye kukokwesibini ndikucela. Sipho:Sesiphi eso sicelo? Nozi:Bendicela singathethi ngoZolani,I mean ndinawe ngoku why kumele qho xa sithetha sithethe ngoZolani?ndiyaxolisa ngokuba undibane nam ndime naye kodwa ayithi lonto makuhambe ixesha sithetha ngaye Sipho:Ok kulungile xa usitsho njalo. Nozi:Enkosi **batye bathi bakugqiba bangena emotweni bahamba,eyonanto icacayo yeyokuba uSipho is not happy to see uNozi with Zolani,ingaba uzakwenza njani bethu ukuqiniseka ukuba uZolani akasondeli ecaleni kukaNozi,khona emfumene nje uNozi yintoni le imenza ixhala?okanye liyinyaniso elithi indlela omfumene ngayo umntu isoloko ikwenza ungonwabi**ngoba kucace gca ukuba akonwabanga igama likaZolani lisoloko lisemlonyeni wakhe?,bayokufika apho kuhlala uNozi bethe chuu bengangxamanga imoto ihamba ngo60 KM/HR,bafika sele uZinzi engaphambili bathi xa bengena ngaphakathi aphakame uZinzi kwindawo ebehleli kuyo ayokungena kwigumbi labo lokulala eshiya uMpinga** Sipho:Molweni bhuti Mpinga. Mpinga:Mfo kabawo,tyhini ngoku uZinzi engamazi uNozi ukuba uphi kanti unawe? Sipho:Oh hayi siyaxolisa mhlawumbi unongamazi ukuba ebenam,qha ndiyabona ukuba sithe xa singenayo wabe ephakama besizakuyixolisela londawo. Mpinga:(ethethela phantsi) Yhoo indlela aqumbe ngayo nam ndise ndamoyika kungcono ayekwe ngoku angathethiswa.kodwa nawe Nozi ngowumfounele umxelele. Nozi:Ndiyaxolisa tata ifouni yam iye yaphelelwa yiB3 Mpinga:Hayi akhonto wethu,nisuka phi? Sipho:Oh besisazibethise ngomoya wethu kwezindawo zintle zalapha edolophini. Mpinga:kumnandi ukuba ngabantu abatsha. Sipho:(ehleka) tyhini bhuti Mpinga sele uzenza ixhego elohlobo na? Mpinga:Ndinganentombi engaka kanti ndisemtsha?(Bahleke) Sipho:Bendizise nje uNozi andizokuhlala kumele ndileqe kwenye indawo phambi kokuba litshone ilanga. Mpinga:Kulungile Simpra,akukho ngxaki iyakubuya ibonane ngenye imini. Sipho:Makube kuhle..(Uthi xa ephuma emnyango ajonge kuNozi,ebonakalisa ukuba kukho into ayifunayo,uthi xa egqibo phuma alandele uNozi) **emva kwemizuzu abuye uNozi angene endlini,ahlale phantsi kungabikho mntu uthethayo,ngelingeni aphume uZinzi kwigumbi lokulala ethe cwaka** Mpinga:Hayi sthandwa sam kuthe kanti uNozi ebenoSipho apho akhoyo..(Ebhekisa kuZinzi) ngabantu abatsha kaloku. Zinzi:(athi cwaka angaphenduli) Mpinga:ndiyakwazi ke wena uzakuyenza into enkuu lento Zinzi:Ukuba wenzani uNozi noSipho,nini?phi?ayindifuni. Mpinga:Hayibo ndiyanqanda ungathethi kanjalo. Zinzi:Ndithini?ndiqhwabe izandla? **aphakame abuyele kwigumbi ebehleli kulo** Mpinga:(ebhekisa kuNozi) ungamhoyi uyamazi kaloku umamakho ukuba unjani..(Aphakame amlandele)
Posted on: Sun, 04 Jan 2015 13:29:52 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015