Insert #55 U Amanda waye waya eskolweni , wayengasa - TopicsExpress



          

Insert #55 U Amanda waye waya eskolweni , wayengasa ngxamanga and efaneleka. U Sipho wayesele ehambile ukuya emsebenzini , u Amanda eaye sebenzisa I bus ye skolo xa esiya eskolweni so noko esakhe sasingenazindleko at all. Sasihleli silinde u Mafaku owayezoshiyeka no Zusiphe. She seemed so nice and she was good at what she does. Ndandimthanda and no Zusiphe wayehlala ebonakala ukuba wonwabile , emtyisa ke wethu , ubisi lwalukhawuleza but ndandingakhathali as long umntwana wam onwabile qha. Amanda : yoo ingathi ndiyaphupha...mna Amanda ndifunde e Kapa Me : inoba yintoni kanene ephuphisayo xa ufunda e Kapa? Amanda : yoo kwakuliphupha lam kaloku ukufunda eKapa. Ndaqonda le ntombazana iphupha kancinci. Mna ndandiphupha ngokufunda nabelungu qha. Ndandingena ndaba noba base Monti or baku Tsolo , uba ndandisecaleni komlungu qha , nam ndizive ndibekekile. Amanda : utheni nje , u Mntambhem (Mafaku) ingathi ulate nje namhlanje Me : zange waba late ke u Mafaku nakanye Amanda : yoh yiva u Nomfazana caba uthathekile Sathi sisathetha wafika u Mafaku Mafaku : hee Nomfazana , le lokhwe yakho ingathi incinci. Kutheni ungathengi ilokhwe ende kakhulu ngoba ungumfazi kaloku Me : hayi kaloku Mafaku , eskolweni ndingumntwana weskolo , then apha endlini ke ndingumfazi Mafaku : usendlini nje ngalomzuzu. Yoh hayi nina bantwana bangoku nise nkululekweni. Abafazi kudala babenxiba ii lokhwe ezinde eskolweni, umntu athwale iqhiya xa ephuma e gate(ini)...niphila kamnandi nina. Khosuduke ndithathumntam. Amanda : Sisi masihambe....kuzofuneka uthengilokhwe enkulu, Ungaylibalontweyo Mafaku : ndiyakubona ke wena Amanda ingathi nentsa le ikho kuwe. Amanda : ndiyadlala Mafaku. ..ungade undibhombise Mafaku : nindenza intanga yenu nina..nganihambe nizoba late. Ndaaphuza u Zusiphe saphuma no Amanda. Things were ok at school , ndandiwenza kakuhle nomsebenzi , ndandizi pasa nee class tests . Abantwana beskolo babengekandazi ukuba nditshatile. Ndandisoyika ukuyibalisa lonto , until kwabakhona umntwana owaye pregnant eskolweni. Igama lakhe ingu Candice, yayinqabile into yokukhulelwa kwabantwana eskolweni sam . Wonke umntu wayethetha ngalo Candice ndini kuthiwe the pregnant one . Ndaqonda ukuba andisoze ndiyithethe eyokutshata kwam , kwakuzo thiwa ndingu Ayanda the married one . Ndandiziphethe kakuhle eskolweni even though kwakungekho mntu iyaziyo imeko yam . Kwakuzobakhona I excursion sizoya e Table mountain ne class yam . Kulapho ingxaki yabakhona ke . Ndandingaziboni tu ndisiya kuloo Table Mountain. Ndandiqhele ukuva utata xa esithi kuyoyikeka phaya , amd mna ne heights asidibani. Ndoyika nje nee buildings ezinde. Ndaye ndamxelela u Sipho ngendaba yokuya e Table Mountain and he was happy that I was going to see Table Mountain. Wandinika imali yokuyothenga iimpahla. Ndaye ndathenga I skirt ne top then ne takkie . Ndathenga izinto ezimnandi ndagcwalisa ibhaka wam . Ndaafika eskolweni abantwana endihamba nabo benxibe ii jeans bonke. Kulapgo ndazibona khona ke ukuba ndihlukile mna kunabanye. Yayinditya itno yokunxiba kwam I skirt but ndingazibonakalisi. Ndikhumbula u Kim esiza kum caba uxakiwe naye ngulomntu ozoqabela intaba enxibe I skirt Kim : Ayanda , why are you wearing a skirt ? Me : why are you wearing trousers ? Kim : dont say trousers , say pants Me : pants why are you wearing pants ? Kim : were going to climb up the mountain , we have to wear comfortable clothes. Me : pants comfortable for you...skirt comfortable for me Kim : ok my friend o wont argue with you. .but if I were you I really wouldve wore pants Ndandingasedikwe nguko Kim ndini. Ndandimthanda u my friend but wayethanda ukujonga yonke into le. Saye sathathwa yi Iveco yase skolweni yasisa e Table Mountain. Ndandingatyi kule transport ndini , abanye abantwana babengathi abaphathanga kutya ndisitya yonke into mna. Safika ezantsi kule Table Mountain , silungiselela ukukhwela kwi Cable Car. Ndaphakamisa amehlo ndajonga phezulu kule ntaba. Yayingekude ndijonge nale Cable Car xaihamba. Ndandingathi ndizozichamela ndavele ndano valo olukhulu. Laafika ixesha lokuba singene nathi. We were standing in a queue , ndime emva ko Kim. Ndandimxelele ke umhlobo wam ukuba ndiyazoyika ii heights. Zange ndibenangxaki xandigqibo ngena. Into yaqala when the cable car started moving. Ndavela ndabambelela ku Kim . Teacher : Ayanda , why are you holding on to Kim so tight ? Ndavele ndathula ndenza ngathi andimva lo ozenza ngcono ngam ngoba inoba wayebona naye ukuba ndiyoyika. Intloko le yayingathi iyajikeleza . Iinyawo zingathi ziyanyibilika . Ndabona nje sisifika phezulu ndathi u Thixo uyaphila nyani ngoba wandithwala . Safika se fundiswa ke ngaloo matye nee flowers ezaziphezulu entabeni. Ndandingeva neyokqala mna ndandine stress sokuphinde ndehlike , mdicinga nje ngala distance ivele ibengathi ngu nyaka wonke. We walked around the mountain, kukhona neendawo ezine mithi. We were then called kusithiwa masithathe ii notes. Sahlaliswa ematyeni , I skirt sam ndandisibophe icala elinye ngoba kwakunzima sindifuqile nje. Ndayibona ke lento bendiyibuzwa ngu Kim. Saye saya kwi dawo yokugqibela apho saye sachola khona amatye esasizoya nawo eskolweni. Ndandiguqe ngamadolo ndiqokelela lawo matye. I skirt ndisiphakamisile ngaphambile ndiquthe amatye. Ndaye ndaphakama ndiqokolela lawoo matye , ndavumbulula ilitye elali lihle lingekho kude nalendawo endandihleli kuyo . Ndaathi gqi nge nyoka , encinci. Zange ndakhala , andizazi ukuba ndasinyathela xakutheni I skirt but ndaye ndanyathela kuso apha phambili , sandiwisa , ndavuka ndathathisa ndabaleka , sabe sibambekile I skirt ngemva , ndeva nje into ekhalayo ngathi iyakrazuka ndabe ndingajonganga kwalonto mna ndibaleka. Wathi u Kim ekhwaza , esithi Ayanda its just a snake ndaqonda le ntombi yomlungu ayiyiqondi into yokuba zange ndakhuliswa ndidlaliswa nee nyoka mna. Ndaaziqaphela xasendikude ndisiva umoya ungena empundu. I skirt sam sasikrazukile , andisazi noba sasibhabhe entwenini. Kwakungase ndinga bhabha ndiye ezantsi , ndingabonwa ngabantu. U Kim waye landela emva kwam ethe chu . Ndandisendilila kengoku , ndingasakhaliswa kukubona kwam inyoka phofu but ndikhaliswa si skirt esi sivele sakrazuka. Ndandizisola ndisithi noba bendingahambanga ndise ndizigulise qha. Ndaye ndancedwa ngu Kim wasibopha I skirt , asabonakala kakuhle Kim : you see , you shouldnt have wore a skirt. Next time you mush wear pants...ok ? Me : I didnt know that the snake was going to jog (chase)me Kim : not jog , Ayanda , chase Ndandiqhele ukuva u Sipho esithi uyoo Jog (a) . Ndsndingalazi ke mna ukuba eloo gama lisetyenziswa xakutheni ...kodwa ndandilazi ukuba lidibene nokubaleka. Kwaphinde kwafika eloo zothe lokuqabela I cable car , ndandine stress se skirt noko ndingenaxhala layo kakhulu. Safika eskolweni sekuqalisa ukubamnyama and nee taxi zaziphelile. U Kim wacela umama wakhe ukuba andigoduse. Baandisa endlini , bandibeka phambi kwendlu sekubethe noo 7. Ndaafika u Mafaku ese khona Me : yoh andidinwanga , ndikrazukulwe nazi zkirt Mafaku : bekufanele ukuba unxibe u tight ngaphantsi Sipho : bekutheni ? Ndasibeka I story. Wayengahleki u Amanda Amanda : hahaha , uyayibona ke le yasezikolweni zabelungu. Next time uzoleqwa yi ngonyama uqobo lwayo Sipho : sthandwa sam inoba udiniwe nyani. Ungake ulinge uphuphe ngee nyoka apha Me : ndicela ukulala...utheni u Mafaku eselapha na ngeli xesha ? Mafaku : yee mntamntu , kuthethuba awundibuleli ngokulinda kangaka , bendingeno tshiya umntwana engekafiki unina. Andisebenzi kanjalo Me : oh kodwa wena Mafaku ndikuphiwe ngu Thixo... Waye wakhatshwa u Mafaku wagoduka. Wayengathi ungu mama wam nje u Mafaku ekhathala and enohoyo ku Zusiphe nakum no Amanda. Ndaye ndayoolala , zange ndabubona ubuthongo ngala mini. Intloko yam yayingathi iyajikeleza ndingathi ndisaqabele la cable car and ndicingana nje nala nyoka . Sasizobane function as ii students ze home economics the following day . Ndandingedinwe ngathi bendisebenza, sabe sizosebenza sibezii waitresses. Sasebenza imini yonke , ndandidinwe ndingakwazi nokuthini. Kwaye kwashiyeka ukutya , from breakfast to lunch. We were told to help our selves ekutyeni okushiyekileyo . But kwakufuneke sikutyile kuphela singaphumi nako eskolweni. Ndaabona abanye abantwana beziphakela I muesli ababye befaka ii fruit salad but andaaqaphela ukuba bayidibanise nantoni. Ndaaphaka nam , ndafaka I fruit salad ndafaka ne rice , lamb chops and salads kule plate inye. Ndaabona abanye abantwana behleka , ndandingazi noba bahleka ntonk ndabe ndingabethelwa nangu 1. Ndeeva u Kim the following day xa endibuza Kim : Ayanda , Melissa and them were talking about you in Maths , they say you mixed Fruit salad with meat and other food. Me : oh that ...you see , its my culture to eat like that !!!
Posted on: Wed, 03 Dec 2014 19:43:14 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015