#Insert 95 U Mazoe wasondela kum wahlebeza Yhu andiyazi noba - TopicsExpress



          

#Insert 95 U Mazoe wasondela kum wahlebeza Yhu andiyazi noba mandithini ku mamakho tana i replied Hay wethu noba awuthethanga nto Mazoe: Uphambene kuzothiwa ndingumfazi onjani? She cleared her throat Mazoe: Maka Kuhle kunjani?xolweni bethuna khandibesafumana xesha lakubulisa Mama: Molo nontombi,hay siphilile akhonto ngaphandle kwale isehleleyo ke singenobasayith Mazoe: Ei ndithe ndoyiva ndaqondba mandikhe nditsibe kwelicala ndizovela,hay maka Kuhle zinto zomhlaba ezi ziyenzeka azikhethi mntu utheni funeka sizamkele qha thina sihlale emthandazweni kuba nguwo osinika ithemba Mama: Siyabulela ngofika kwakho ukhe uvele xa uve into ibonisa ubudala lonto Mazoe: (wancuma kancinci)Uba kukho into ekufuneka ndiyenzile uzundixelele ke Ma ndikho for lonto apha Phelo: Mind to make me strong tea? Me: Ungumama wena? Phelo: She offered to help Me: Ngoku wen,,, Mama: Stop it you 2 yho Phelo: Yaphapha lo Mama: Umntu kuyafuneka akhe aziqoqoshe xa kukho abantu nizohlazeka(wajika amehlo wajonga ku Zoliswa)hay sisi izinto ezininzi sezenziwe ningahamba nina niyophuma nisuka kude Me: Yizano phumlela kule yam ikamere Mama: Hee gawuve Mazoe: Undwebe ukufa lo nqayntloko(Bahleka no mama) ndathatha i suitcase saphuma Me: Yhu hay somtshazi i suitcase engaka uze eholdeyini na Mazoe: Qhunyiwe nkuluphi le suitcase kukho nempahla zika Thando nje(sangene kamereni)yho yho yho yile kamere yakho le? Me: Yebo Mazoe: Yhe ntombendala uchophe bhotolweni kweli Kapa kushota nje i bleach ndiku bleacher kuba ungumlungu sowuphoxwa nje libala Me: Hay yho akhonto ingafumanekiyo ekwaziyo uthengenga kwelikhaya,into engekhoyo lulonwabo Mazoe: Alukho nyhani shame ndibona kulo mntana wakowenu soloko egwajile ngathi namafufunyana kwasoloko enyeke nyeke man ephakamise iimpumlo Me: U Phelo?mxm uyageza ke lowo ayikuko nongonwabi Mazoe: Hay sile uncame wambi apha kum kanti wenziwe wacoselelwa kakhle umntana womntu qha kwalityalwa umphakathi wakhe Me: Hay wethu gawuthethe ngale yomendo wakho,kwenzeke ntoni kanye kanye? Mazoe: Ngenyi mini andinamdla wayo tu kuba ndsuka ndibeligeza,thetha ngawe kunjani eskolweni? Me: Yhuu haike sana ndine 0 Mazoe: Haibo Me: Mhle kanjani mntax hay lowa phambanisa oomakoti bakhulule nezokhetshemiya Mazoe: U Lutho sowumyekile ngoku? Me: Hay hay ndiyintoni ko Lutho mna? Mazoe: Kuthwani apha kowenu xa ujola kengoku? Me: Akuthethwa sendisuka no taka Wandijonga nje ngenyi ndlela endingayazile Me: Yho awundivuyeli nondivuyela? Mazoe: Xolo Makuhlana kodwa bayakulahlekisa ababantu bakowenu,abakwazi kaloku uvumela imveku engaka ijole itake awukafundi no 8 lo Me: Haibo sisi abantu abaninzi esk,,, Mazoe: Ungabantu wena?xa uqala ulalwa kule age ukuyo uzothi u reacher i 18 ube unjani?sowulele nabantu abangaphi?if uyamitha apha ok masiyiyeke eyomitha uzoqeshelwa umntu agade umntana but amagama amathathu ona awaqeshelwa,uzobayinto egogeneyo wedwa kungekho mntu unowakhupha emzimbeni wakho Me: Zange ndalala naye Mazoe: Kodwa exesheni uzolala,uba bendinguwe bendizokhe ndibuyise inyawo aphe buhuleni ndijonge ncwadi zam bhetele ujole no Lutho lo ukude ungazukulala I really like u Mazoe but sometimes yadika ngezi talks zakhe,kwahlwa salala ekuseni ibingumngcwabo,ibingamaphithi phithi ke kugcwele iimoto zilikrozo ezinye zingenandawo yo paka noo tishala baka Khanyo bebekho kaloku ubunocinga ngumngcwabo womntu omdala Kanje nakweyiphi na i family kwathi kothiwa imoto yomzimba ifikile wawungakangeni nalomzimba babe sebefixiza abantu be family.I thought was strong enough ngoku bafixizayo ndabe ndizithulele mna kodwa ndithe ndobona kungena ibhokisana yakhe zange ndikwazi uzibamba ndasuka ndagqwesa kunomntu wonke i guess its the only time i realise he was really gone Kwafika ixesha lobona umzimba zandandingafuni uyomjonga mna kodwa ndanyanzelwa,,,Oh yhini umntaka mama bethuna wasuka wamncinci washwanca kula bhokisi kucaca awusekho nyhani umphefumlo i had to make sure though i called his name for the last time Khanyo? he never replied i then knew for sure he was gone forever Izithethi zaye zithetha kakuhle ngo Khanyo,u Phiwo was suppose to be a family speaker but she couldnt waye khubeke kakhulu. The funeral was over but ku busy wethu abantu besitya abanye behamba isesosiphithi phithi nje,i was glad u Mazoe wathi uzohlala for a week until everything is settled bendiyazi kemna ugade mna nge style Kwesosiphithi phithi sasisenzeka ke mna ndandihleli no Mazoe kwelinye icala ooPhiwo bethe nca ku mama ngathi ngamantshontsho mntwabantu,sive ingxokolo ke kushawutiswa ngabantu saleqa saya nathi bekugxothwa igeza elinjani ubamdaka lixhaphe nendevu ibhlukhwe zikrazukile inwele kubonakala ba zineminyaka zingasachetywa nalo beliziphindisela ngothukisa,umama engesalili efanele ke umngcwabo womntanakhe was ruined Me: Hay shame lo tata inoba ufuna ukutya yaz Phelo: Ngoku kutheni eshwabulela thina ayeke ukutsho Me: Ushwabule wathini? Phelo: You will never find peace until you bring back my daughter u Thixo uyandiva mna
Posted on: Fri, 09 Jan 2015 05:05:26 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015