#THIRTY_SEVEN Lorna: ucinga ndiphazamile ewe sisikwiza sam - TopicsExpress



          

#THIRTY_SEVEN Lorna: ucinga ndiphazamile ewe sisikwiza sam esi Asanda: Amanda kwathini singayazi thina lonto? Lorna: uyayazi nje ngoku kamnandi ugqiboyiva andithi Asanda: unguAmanda wena? Lorna: mxm khandihambe khabacacisele skwiza Phamela: hamba nyani Amanda: guys masingeneni e classin ndizobe ndiyicacise later Phamela: uright my friend? Amanda: ewe ndiright qha ndidikiwe kukuba mithi mna ngoku Phamela: uzobaright my friend dont worry vha Amanda: lonto kudala ndibhekabheka uSakhi andimboni tu I wonder uyeza nah, akanayo ne phone pha kuye Phamela: masambeni mhlawumbi uyeza Asanda: yehake skwiza (clap once) Amanda: he usekulonto na? Ndithe ndizonicacisela khawuyiyeke okwangou Bahamba baya e classin ingulo Uthetha eyakhe kuyangxolwa akukabikho tishala eclassin Amanda: Lorna izapha Weza uLorna Amanda: khange uoxelele mntu ukuba uSakhi uphumile Lorna: family business aloku iphelela kuthi leyo and ndifuna ibe yi surprise qha iyandi tshisa shame coz umzala ingathi akazi uphi khona!? Amanda: andimazi and undenza ixhala ngoku..... Lorna: mhlambi usendleleni ebelele kwa1 moss Amanda: ewe Lorna: hayke mhlambi siyefikela ixhala phantsi Kwangena u Tishala waqhuba umsebenzi wakhe nje ngesiqhelo 08:20 Wangena uSakhi wonke umntu wathi ntsho kuye ngamehlo, ingakumbi uMandla no Loyisa ababothuke ngeyona ndlela UWara wadanduluka wakhwaza Wara: ibuyilinja yam Iclass yonke yatsho ngengxolo namakhwelo utishala wazama ukuyilawula kodwa ke yonke lonto wayohlala phantsi uSakhi wesho ngoncumo luka blanket Mr Walaza: ngumongameli wenu uSakhumzi nha class!? Bambombozela abafundi kukho noo ewe abatsholo phantsi, waqhubeka umfundisi nomsebenzi wakhe yayingathi asisaphumi isikolo kuAmanda azohlala nesinqanda mathe sakhe 12:00 LONG_BREAK Sakhi waya kuMadla. Sakhi: pholani okangoku batshana yabona okwangoku ndiya kumamakho boy ndimxelele lento nayenzayo le cement suppose ndiyayikhulula but ndifuna ukumbonisa imisebenzi yakhe andithi uyakubasela ukuba ndizonde Mandla: askies mfowethu Sakhi: askies? Mxm uyanyela boy akukho askies apha thatha i askies yam uyi save for omnye umntu uzibheke kwadin uyeva umxelele umamakho ndiyeza, Uphi ubhuti wakho uLoyiso? Mandla: Sakhi mfowethu Sakhi: ndingumfowenu ngoku? Ndaphantse ndafa wawuphi? Wena ne chomie zakho nani celebrate, ndabanjwa wena nomamakho nayongqina into engokhoyo ngam uphinde ubenesosibindi sokuthi mfowethu kum, andingomfowenu thina sobabini sizi enemies ndizokubetha qho kwedini gqibe ndiyokubamba,iyakunceda into yokuba iyokolukeka ezilalini mfowam andikufihleli uzophuma ubhityile ndikubawela ngebhozo ndiyamzonda umamakho kwedini nawe nalantwana uLoyiso ndizanifumana chaps Mandla: ndenza impazamo mfethu Askies Sakhi: foetsek khawuvaye phambkwam ndiyakucaphukela kwedini wena hamba maan foetsek(watsho emkhaba empundu) Kwabuyelwa e classin uSakhi wangena waya ku Loyiso Sakhi: yabona wena kwedini ndibaleke qho undibona coz lanto ndandifuna ukuyenza ku spykoos ndizoyenza kuwe Loyiso: haybo bras niyiyeka njani ikwekwe ithi kwedini endodeni Sakhi: zingenaphi zona ke ibraz? Zazikhona ngoku naniyondibulala? This is between me and you, ungahamba uyovusa uspykoos niphinde niyondibulala, ndizokufumana ncncnc Oko wayethule uLoyiso iclass seyijonge kubo.. Waphakama u sakhi wabuyela endaweni yakhe 14:30 Saphuma isikolo Asanda: hayi kaloku sihlobo sisafuna ukuva ubu skwiza obu benzeke njani kuni Amanda: uyangxam ke wena my friend ndicela ukuyohlala nomntu wam namhlanje uzondigodusa late ndizonibalisela ke Asanda: yhooo hay sana wasishiya uSakhi asabonakala tuu Phamela: ingathi sizoshiywa ngu skwiza ngoku sana Amanda: hayke ayikho leyo khanindicingeleni guys haybo umntu wam ebengekho phambi kwam for three months sanuba wrongo Asanda: ndikubetha mntu wam Wabe esiza uSakhi ngemoto wakhwela uAmanda bahamba Phamela: zange ndaxakwa sana Asanda: yhoo ndim lowo ingathi mntakabawo udlisiwe ndlela le amthanda ngayo lo ben10 wakhe Phamela: masihambe sana kukude kwa16 ndilambe no lamba mna Bakhwela bahamba KWA_SAKHI Amanda: baby yazi andiyithandanga lanto ubuyenza e classin ngowumyekile uLoyiso ukhe umvule utakatake Sakhi: yazi unyanisile babe but ke seyenzekile bendicaphuka maan nam Amanda: khawubavule nje balibale ukhe uhoye umntu wakho nomntanakho. nide navana no Lorna ke? Sakhi: shes family ndizozama ukuthetha naye andiyazi noba sozivana nha but akufuneki andiqhele kakubi mna Amanda: ohk baby ndikuvile Sakhi: bby wakhe weva ngomntu ekuthiwa ngu Mr Makonese? Amanda: ewe Sakhi: kwakusithiwa utheni? Sekhe wambona? Amanda: ingathi une business apha kwelicala yi boss ka Ricky, and umfazi wakhe wafumana umntwana emva koko zange aphinde abenabanye wagula phofu ndayiva nje kwakungathethwa nam zange ndambona mna nantso qha into endayivayo ngaye Sakhi: so awumazi wagqibela nini ukuza apha kwelicala? Amanda: andiyazi ke baby why ungabuzi ku Ricky kamnandi nivayana Sakhi: ndizombuza babe qha bendifuna ukwazi ukuba uyamazi nha Amanda: khona kutheni undibuza ngaye? ...... To be continued....
Posted on: Wed, 23 Jul 2014 07:14:31 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015