#THIRTY_TWO Yagqitha iveki yesithathu usakhi usavalelwa, - TopicsExpress



          

#THIRTY_TWO Yagqitha iveki yesithathu usakhi usavalelwa, kuthiwa makachaze iphi igun abulele ngayo uLuzuko Policeman: uyabona boy uyasisokolisa phofu uyazisokolisa nawe Sakhi: ndithetha inyani bhuti wam ndicela ukubuza ukuba why mna ndingade ndi providwe nge gqwetha Policeman: so ukrelekrele nhe uyazazi noba funeka ubene gqwetha, mamela ke mfowam uhambe wrongo ukukho mbulali uzophila kamnandi apha ndifuna ingcungcutheke mfowam ude uchaze inyani, Sakhi: why ndingawanikwa amalungelo am ndizophuma apha bhuti wam uzozisola Policeman: uzondibulala nam? Ngelishwa ke umbulali onje ngawe akafuneki phakathi kwa bantu usezohlala apha Sakhi: ohk bhuti wam enkosi Yaqubeka lento bemngcungcuthekisa uSakhi abafuni abonwe ngabantu abafuni ukumnika igqwetha, into abayifunayo yi gun NU16 Tshawe: mntanam itya sukuzikhathaza kangaka inyani izovela uzobuya lamfana and xa ephuma phaya sizobe sisonke nomalume wakhe, sithethile savana kodwa ke kwathiwa funeka silinde umfane abekhona bave kuye uthini okwangoku sihleli emithandazwena, itya mntanam sizothandazani Amanda: ohk tata kamnandi uyayazi wayelapha ayingombulali uSakhi Tshawe: if wayengazange angene apha ngalamini besingasoze sibenobungqina yilanto ke aye athi amangesi everything happens for a reason ngoku sinako nokungqina e court xa lifikile eloxesha, kodwa andiyithandi leyokuba angabonwa ikhona into engalunganga kula mapolisa, I wonder uyatyiswa nha, hayi ubenelishwa umntanomntu Yaqhubeka lento yaphela inyanga, usakhi usavalelwe, akukho mkhondo ekugqibeleni wade walifumana igqwetha Lambuza yonke into elifuna ukuyazi lafuna namangqina, kwayiwa e court Ecourt Judge: Mr Xhanti unetyala okanye awunatyala? Sakhi: andinatyala mhlekazi Judge: khawuxelela yonke lendlu umazi njani umfi umbumzonda ngantoni? Sakhi: mhlekazi umfi andimazi Judge: khasixelele kwenzeke ntoni kuwe nomfi before? kuba uyamazi umfi nanga amangqina angaphimbili ayichazile lonto Wayichaza yonke into uSakhi eyenzekayo wachaza ukuba wayephi ngalamini notata ka Amanda wanika obakhe ubungqina Judge: tata uthi lomfana waye kunye nani ukutshona kwelanga ngalamhla wokubulawa kukamfi Tshawe: ewe mhlekazi nditsho Judge: umazi njani ummangalwelwa Tshawe: ndimazi nge ntombi yam Judge: tata mandithi ke apha uzongqina ubuxoki kuba ufuna umfana uyohlala nentombi yakho le umazin ngayo Tshawe: mhlakazi ndifungile apha ukuba ndizakuthetha inyaniso yilento ndiyenzayo ke Judge: tata andinabungqina balento uyithethayo Yanguphantsi phezulu, hayi igqwetha latsho lancama nomama ka Mandla wawubasa umlilo ngakumbi noLoyiso wawuphemba ngakumbi Judge: Sakhumzi lendlu ikufumana unetyala lokudubula ubulale uLuzuko Mpayipheli Sabekwa isigwebo 15years yokubulala, 10years ukungachazi isixhobo sokubulala, ukusokolisa ingalo yomthetho Judge: mthathe mhlekazi uhle naye Zehla inyembezi kuSakhi Amanda: uzophuma apha baby vha uzophuma apha Loyiso noMandla be celebrata ukuba soze abuye uSakhi bawinnile Yaphela inyanga yesibini akuveli cebo wonke umntu uncamile bemana beyombona e prison, everytime besiya uya esiba strong uSakhi, seyencamile ukuba uyoze aphume siyenikezela. Inyanga yesthathu yangena sept first weekend Kwabafo 23:30 Lorna: Skizo ndihamba nawe mna andinokwazi ukugoduka ndedwa ndiyayazi u madam akekho Skizo: ndilinde ke coz andizohamba ngenxa yakho apha Lorna: ndiyayazi nje awunaxesha lam uyandiba andithi nam ndisisbhanxa ndiyavuma Skizo: ndikushiye unye apha ke mna uthetha amasimba uhambe unye wedwa Lorna: yhoo uxolo 00:45 Skizo: ek se ndiyavaya mna joe Lorna: ohk masambe Bafika kwaskizo bangqengqa Lorna: unazo i condoms? Skizo: yhooo yeses ndizilibele Lorna: andicwangcisi mna and if unondimithisa uyakumgcina ngokwakho lomntwana Skizo: hay suka ucinga ndizokucenga uvuke uhambe apha ekuseni ungabonwa ngabantu Lorna: ndiyiqhelile nje lonto, mandilale ke Skizo: foetsek lala Buthe xa busithi sebe sebe ubuthongo yangena icall Skizo: private number ebusuku unguban? Tshepo: ndim mfethu Skizo: ndim ngubani undim? Tshepo: nguTshepo mfethu Skizo: yhoo mfethu uphi kunini ndikufuna ucishile uspykoos uyivile lonto Tshepo: ndiyayazi lonto, ndiyayazi ukuba bendizixelela lamjita izinto zam ndimthembile andikwazi ukuhlala phakathi kwabantu ngenxa yalanja atleast apha ndipholile Skizo: hee mfethu theni ngathi unxilile zange ndakuva uteketa Tshepo: ndiyayazi soze uyithethe lento awufani nalanja ife yanya hahaha Skizo: hee mfethu unxilile wena ungathetha olohlobo ngomntu ofileyo Tshepo: ndiyidubule yanya lakaka Skizo: ibulewe nguwe la outi? Tshepo: ja nawe uzoba ngumfazi uyigqithise Skizo: haybo mfethu andingeni ndawo mna qha uyandothusa coz kubanjwe lantwana uSakhi seyi gwetyiwe futhi Tshepo: iright izokunya nayo Skizo: hayke mfethu khawulale soncokola xa u sober Wabeka iphone Skizo: ek se Lorna, Lorna(emshukumisa) Mxm ilele lento Yaphinda yatsho iphone Skizo: ja mfethu yintoni ngoku Tshepo: ndikuthembe? Skizo: ucinga ndingubani mfethu, ndisengula Skizo ukhula naye Tshepo: ndandkuthemba ke nja yam andiyazi kwathini Skizo: andinanto kaloku so wakhetha abanemoto nemali waske wafana nalama cherry akhoyo Tshepo: hella uhleli nabani? Skizo: nenye into qha itipile lenjakazi ishukuma yonke ingathi ifile nayo apha, yazi I cant believe ukuba ubulele lamjita mfethu wena uligwala unje, intsimbi uyithathephi? Tshepo: ndandispana ngayo epitoli before ndingxothwe ndaxoka ndathi ibiwe so zange ndiyingenise ngoku ndigxothwayo but bendisayixoxela Skizo: so unentsimbi apho kuwe? Tshepo: ewe ndine safe mandikuyeke ulale maan ndikuthembile ke nja yam Skizo: sho ndizoyicima le phone ngoku coz ndifuna ukulala Wayibekha, waphinda washukumisa uLorna wabe eshukuma wonke Skizo: incede yatipa lento ibizoyithetha kulomdantsane wonke Walala.....….….…......... 05:55 Skizo: Vuka wena benditheni kuwe Lorna: mxm haysuka ndiyahamba yintoni rha andiphinde ndize apha Skizo: ucinga ndizokuceng khawuhambe Waphuma wazicenga wahamba she couldnt believe her ears Lorna:( talking alone) I guess it was my lucky day ezi iindaba zizophuma nge brazilian hair, ne nails, wathi uzondenzela into endiyifunayo moss azinophuma mahala tu, esisibhanxa isilibali ndilele shame hahaha zidom ezizinto ude athi ilele lenjakazi ndamthembisa uAmanda ngathi bendiyazi hahaha yhu andinongayihleki injakazi ishukuma yonke.. Wahamba wayongena kokwabo..
Posted on: Sun, 20 Jul 2014 16:19:53 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015