#monday_groove insert #20 bekumnandi ebakhwetheni shem - TopicsExpress



          

#monday_groove insert #20 bekumnandi ebakhwetheni shem kungekho kwanto esihluphayo no Kairo.andaz noba yilento ndaqala ndasiwa kumthandazeli..umama wam ke ebengafuni kwanto edibanisa namaxhwele namagqirha...uzuqonde bekumnandi siphume sigaine iweight and sizeziyaaa zimthubi iyello bones.. Zivuliwe izikolo ngo january..bendivua maarn ndizoba ligqala le highschool futhi kungeko mntu uzondidika eskolweni ngoba u Sbu ebephumile...hee kanti andiyazanga uba uHlahla uyabuela...siyile ke esikolweni u Namhla uinde u 9C wakhe mna ndabe ndisenza u 10A..u Kaya yena ebesebuyele e kraaifontein eyokwenza u 10 naye and besigqibe ekubeni ufumana kwake i application forms angandilibali..u Sipzairo yena bendingeko close kuye kuba uske athule kakhulu but ebeyi friend yam bcz she is Kairos pocket money. Still bendingulowo ungenatshomi but andnaxeha lalonto mos mna..iveki yokuqala ihambe njeee sazofundiswa kule yesibini iveki..kusathulekile bethuna mandincome akho chuku akho bugqwirha..hayi ndiyamvuma u 1997 ngowam! U Lutho ebekhulile umntax naye efunda u 1 ngoku,andiyazi keyena eyoba angabinafriends emncinci ngoba ebeske akhethe udlala nam. U Likho no Aseza(namhlaz siblings) bebehlala emthatha fulltime bona so bendingabazi uba baqhuba into enjani apo bakhoyo...yhoo u Namhla uyandibhida ngoku uske watyeba mgoku anomntwana yangathi ayinguye lowa we fizzpop. Hayike sifunde kakuhle kwazothi ngo March sabhala i Controlled tests but ngoku sibhalayo besifundiswa so besisiya okoko esikolweni...zingenile iiperiods ngalemini sifunda kubomvu ku brown..kuthe nge period ye english sisakhumsha sinjalo..beku strict kwesisikolo nge english awuthethi sixhosa...Galakangqa u Mxolisi enxile eludongwe...haaaa :o! U Ankile uyaphi..ndajonga phantsi zintloni. .ungene wema wawaqhala amehlo ebheka-bheka. Miss: how can i be of help sir? Malume: mxm uphambene wena ndizofuna uLindelani apha..andzangodlala nawe Miss: Masuku,i dont appreciate your visitor interrupting my class. ME: my apologies mem..can i hear him out ,a minute please?! Miss: Fine,dont take long... Ndiphakame ndabamba esisimanga ngesandla ndakhawleza uphuma naye..ndimkuphe nge gate ndabuya ndaval igate ndayindlela epindela eclassini. Malume : hey kwedin ndakwenzel ikati ngenja..izapha,uyayazi uba bendizothini?? Wabhodla! ME: ndiye ndajika..inoba bendikrotyiwe ngee festile iphinde ndililo nekrwala ..inoba uzise i affidavit. Malume: ndizokubiza wena apha uyafunwa ekaya kukho ingxaki..hahahahahaha(waphela umntu yintsini) bendihle ndayiqonda isiphelo sale nyuvadem,Masambe! ME: ok ibuhamba ndiyeza ngoku ndiyothatha ubhaka wam. ..nyani uthe chu ugxadaxele uhamba.. Ndibuyele eclassin ndikwezongcinga..inoba unyansile na lo mntu uba ndiyabizwa okanye uqala lemikhuba yakhe?? Khona le ngxaki athetha ngayo yinton? Leliphi elikhaya athetha ngalo..elake or elam?? Ndangena eclassin. ME: im back mem,i promise no further interruptions. MEM: good..there is your classwork.. ..ndiye ndabhala ke iclaswork leyo but u Malume undishiye ndidom ndinomoya ophantsi waze walumosha usuku lwam..iphelile iperiod yesingisi sesidinwe nakukhumsha kakade zangena ezinye i subjects zaphela.. Sekushiyeke i 30mins kuphume isikolo.. Ngale 30minutes ke ibiba sistudy time so isikolo soonke sithe cwaka wonke umntu ujonge incwadi pofu abanye balele..uyabona bendiproud nge class ka 97 ye matric sonke besiglued ezincwadini shem kumnandi kunjeya. Besithe cwaka sifunda kwangena u MR V wandikhweba ndaya.. Siiphume wathi masiye e laboratory..hee bendi lost siyothini pha engateach physics nje yena but ndathula...sifikile wathi: V: ndithe size apha kuba ndifuna indawo equiet singaphazanyiswa. Me: ok sir. V: ndiqaphele uba today you are not yourself...eclassin ubu down ngathi kukho into ekuhluphayo..i know amakrwala abamba isidima kodwa wena ingathi kuko something..wancuma.:.do you mind undixelela?? As a friend not njeno tishala we maths. ..bendiba free xa ndithetha nalotishala coz ebenobubele enejokes.. So ndimxelele yonke into. V: mmh yanzima kele but ndicela ukukucebisa uba..ungakhe ubuyele back koo malume bakho ngoba isengenzeka akho kwangxaki qha bafuna ukugezelana naee...ndithanda lento ungahambanga naye ithe kanti umdala nyan..ungubhuti. Hahaha i enjoyed being bhuti yhazii..no wonder bebumgezisa u Sbu imnandi le respect. Me: enkosi kakhulu sir...ebesivalile isithuba sabangani empilweni yam..i have a new friend. V: uyazi nge monthend ndiyatshata..ebengencume nanku umntu...seyingathi uncumele i fiance yakhe. ME: wow! Congrats..mfundisi ndiyabona usemathandweni ndibone kwa indlela uyibale ngayo la simalteneous equation..sahleka lonto yabe seyikhala intsimbi...andfun xoka kundincedile uthetha naye isprit sam savuseleleka. Ndigodukile ke..ndithe xa ndithi gqi entla komzi..aibo akusaphithizeli maarn inoba kutheni..hayke ndigxanyile uyofika ekhaya ndangena ekamereni ndakhulula ndanxiba impahla yam...ndithe ndizoyoqonda kulo sisis useziko uba whatsup kwngena u Lutho engencume maarn,wakhulula naye watshintsha. ME:uncumeleni? Ibhefdey!
Posted on: Mon, 26 Jan 2015 14:38:46 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015