AWUTHEMBAKALANGA #Isipeshali sangoLwesine UYoliswa usendleleni - TopicsExpress



          

AWUTHEMBAKALANGA #Isipeshali sangoLwesine UYoliswa usendleleni evela ezivenkileni edolophini. Ebeyokuthenga izinto ezithile zomzi wakhe. UYoliswa uhlala nomyeni wakhe uThozamile osisityebi, abantwana babo bafunda esikolweni apho bahlala khona kuso (boarding school), babuye nje xa kuvalwe izikolo, nangempelaveki ezithile. Uthe xa ecinga ngokuya kwakhe uYoliswa, wabona ukuba makakhe aye kwithala leencwadi (library) abenokuthatha incwadi anokuyifunda xa ephumle kwakhe. Nyani wayifumana incwadi, wakhe waphumla kancinane wayifunda nje walawala phambi kokuba ahambe nayo incwadi ukuya ekhaya. Xa ephakama esiya kubhalisa incwadi yawa, xa eyichola kwabe kukho ityendyana lomfana elimncedisa ukuyichola. Wayefanelekile lomfana ebukeka engumntu ozihoyileyo, umzimba wakhe wakhekile nje ngendlela eyiyo. Kwakungathi kukho umbane ophakathi koYoliswa nalomfana obadibanisayo, bavele bajongana baphakama bama kumgca wabantu abayokubhalisa iincwadi. Babeme omnye emva komnye. Uye wancedakala uYoliswa waphuma nayo incwadi, kanti lomfana uye wamlandela. Umfana: Sisi ndicela uxolo ukuba ndikothusile ngoku bendikucholisa incwadi. Yoliswa: Hayi wethu khange undothuse, ndiyabulela ngokundicholisa incwadi, ntokunayo ndiphose ukubulela kuwe, andazi ndibhidwe yintoni. Mandithathe elithuba ndibulele. Umfana: Wamkelekile sisi. Ndingathanda ukwazi. Mna ndinguVukile igama ndisebenza eArt gallery ndingumzobi. Ndihlala kwalapha kufutshane nethala leencwadi. Yoliswa: NdinguYoliswa igama ndihlala ngaselwandle kwalapha kuledolophu. Vukile: Ingaba kukhona apho ungxamele khona? Singayokufumana into eselwayo kwam? Yoliswa: Yhu ungaba undincedile kuba bendiqonda ndizakufika kwam ndibenesithukuthezi. Nyani ke bahamba ngenyawo bayokufika kwaVukile. Imoto uYoliswa wayishiya ngakwithala leencwadi. Bafike apho uVukile wadlala umculo opholileyo, wabe sele egalela isiselo, bahlala basela bemamele umculo. Apha kwaVukile ubusithi xa ungena unyuke izitepusi, yena ebehlala kumgangatho wesithathu ukusuka ezantsi. Bekubonakala ukuba kuhlala umfana osemncinane, bekukho neglasi entle enamanzi ngaphakathi kunye nemibala emihle yomgca manani. Watsalwa yiyo uYoliswa wayibuka wabe sele uVukile ebalisa ukuba wayezithegele yona phesheya. Vukile: Ubonakala ungusisi omhle. Yoliswa: Enkosi wethu, ndiyakubuka nawe. Emzuzwini wasondela uVukile wancamisa uYoliswa, uYoliswa khange athi hayi baqhubeka baqhizana impahla. Zange bazidube nangokukhwela emandlalweni balitsiba iziko beme ngenyawo, uVukile esoyamisa uYoliswa ngodonga. Wayezinikele uYoliswa kuVukile, uVukile wayemnika ngobunjalo bayo ezimisele apha kuYoliswa. Wabe umculo usatsho kamnandi, balitsiba iziko, yayingathi baphuma entlango endlaleni yendibano yesondo kuba yayinde into befuthelana bengade bayeke, abe namaxesha uVukile ahlale esitulweni uYoliswa aqabele ngaphezulu kwakhe bonwabile kumnandi kubo. Ethubeni bade bagqiba, bandula bayokungqengqa emandlalweni beyokuphumla. UVukile wabeka uYoliswa kuye esifubeni bethe cwaka. Emzuzwini wajonga ixesha uYoliswa wacela indlela wemka. Yaba yilento ke umhla nezolo uYoliswa emana uyokutsiba iziko endlwini yelityendyana. Wayevele afike kwakhe ahlambe angabinawo nomdla wokuncokola nomyeni wakhe. Ebefika umyeni wakhe sele elele uYoliswa, ahambe aye kwigumbi lokufunda asebenze. Ethubeni lendoda yakrokra, yazifunela umcuphi wabucala (private detective) ukuba alandele uYoliswa imini ezi xa engekhoyo ukuba wenza ntoni. UYoliswa uthe xa esiya ngesiqhelo kwithala lencwadi apho aqhele ukudibana khona noVukile, nqi uVukile akakho. Emva kwentsuku ezimbini wamfumana kwaphaya ehamba nentokazi encinane ekwangangaye yena Vukile. Wavele uYoliswa warhuqa uVukile wemka naye, baya kwakhe ngqo, zange balinde nokuba banyuke izitepusi, uYoliswa waziqhiza ngokwakhe impahla, noVukile zange athi hayi, balalana apho, kodwa bathe besaqhuba babona ukuba mabakhawuleze banyuke. Bafika phezulu kwaVukile baqhuba, bayokugqibezela phantsi emgangathweni (on the floor). Emva kokuba begqibile zange bayixoxe nale yokuba uVukile ebenqabile wazokufumaneka ehamba nentokazi. Wakhawulezisa uYoliswa waya kwakhe, wafika umyeni wakhe ekhona enobubele kodwa njengesiqhelo waya kwigumbi lokufunda wafunda, walala noYoliswa. Ngengomso uYoliswa wathi esahleli netshomi zakhe kwenye ivenkile yezinto zokuphunga (coffee shop) wathi tshe uVukile apha esiya kwigumbi langasese wamlandela. Wangena uYoliswa kwigumbi langasese lamadoda bancamisana batsiba iziko apho kwezondonga zalevenkile. Waphuma uYoliswa enobubele kwitshomi zakhe, bagqibezela ukuphunga bahamba netshomi zakhe. UThozamile uye wayokudibana nomcuphi wakhe wangasese kwiveki elandela leyo, badibana ngakwisikhululo seenqanawa. Bahlala phantsi esitulweni. Uye umcuphi wakhupha imifanekiso kaYoliswa xa esuka emzini wakhe esiya edolophini de ayokungena kwaVukile ehamba noVukile, naxa ephuma yedwa kwaVukile. Uye wabulela uThozamile wanika umcuphi imali yalomsebenzi kuba uThozamile wayexolile eyifumene into ebeyifuna ukuba uYoliswa lo uye enze ntoni nabani phi. Uye wabuyela emzini wakhe uThozamile wafika uYoliswa engekafiki. Wafika emva kweeyure ezimbini. Thozamile: Sithandwa sentliziyo yam, ndikuphathele ukutya kwasemaNdiyeni (Indian food), ndiyakwazi indlela okuthanda ngayo. Yoliswa: Enkosi myeni wam. Njengesiqhelo uThozamile waya kwigumbi lokufunda, noYoliswa walala. Wayethathe ikhefu emsebenzini uThozamile ezixelele ukuba ufuna ukunika ithuba lento kaYoliswa ungaqondakaliyo. Ngengomso wenza ngathi uya emsebenzini njengesiqhelo uThozamile, kanti uya kwaVukile, kaloku ebebona kwimibhalo yemifanekiso ukuba babakwaVukile xesha liphi. Wayeyazi ukuba uzakufika uVukile ekhona yedwa engekafiki uYoliswa umfazi wakhe. Wazama ukungena nyani wafika uVukile ekhona ekwigumbi lokupheka, wamgibisela ngalaglasi inomgca wemibala wayokuwa uVukile wopha wasweleka. Wakhawuleza uThozamile wahlamba laglasi esusa iminwe yakhe, wathatha uVukile wamsongela ngale methi (carpet) ebesophela kuyo, wamfaka engxoweni wayokumlahla etipini apho inkunkuma ilahlwa khona. Wabuyela endlwini yakhe wahlala. Ngalemini uYoliswa wabuya msinyane edolophini enxubile, wafika waziphosa emyenini wakhe wazichaza emyenini wakhe ukuba ebekade esenza ntoni noVukile, wabe noThozamile sele ezichaza ukuba umbulele uVukile. Bathe besendleleni eya emapoliseni uThozamile ekhatshwa ngumfazi wakhe kuba eyokuchaza ukuba ubulele uVukile, bavele bamisa imoto isidala phandle bangana badanduluka bobabaini. Thozamile & Yolisa: AWUTHEMBAKAKALANGA. Bavumelana ukuba mabajike bangabisangena emapoliseni bafe nayo le yokubulala uVukile. Wafunda ukuba makenze ixesha likaYoliswa umfazi wakhe uThozamile. Waqesha abanye abantu bokumncedisa abaliqela kwishsishini lakhe ukuze asoloko ekunye noYoliswa inkosikazi yakhe. Ibali liyaphela.
Posted on: Thu, 24 Jul 2014 14:13:08 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015