Chapter 84 Ndaphuma phandle ndayoma ngase gatin ibiyeyona ndawo - TopicsExpress



          

Chapter 84 Ndaphuma phandle ndayoma ngase gatin ibiyeyona ndawo I ne network ke yona, ndazama ukuphone tuu uku connect yhoo hayi ndancama ndabuyela endlini... Oko bendicinga inoba yintoni le afuna ukundixelela yona kanti utata ka Zaza??? Hayi mandilinde kuye ndiyeke ukuzikhanda... Zahamba intsuku u V engade aphone, hayi ndaske ndakhetha I letter xa kunje ngoba yona ibizofika ndiyifunde ndiyigqibe ndingabe ndinemibuzo apha... Zaza ebesenza kakuhle eskolweni shem ebendenza ndibengumama oziqhenyawo, I homework ebezenzela ngokwakhe then ndizi check ndifike yonke into I right... Achu no Alu nabo bebekhula nje kakuhle bebanayo ke imikhuhlani njengaye nawuphi na umntwana... U Mnikelo uye waxelela umama wakhe nge plans zakhe zokutshata ithi ke xa ebdibalisela uye wavuma umamakhe ukuba angatshata kodwa angatshati u Nombulelo yhoo hayi ndiyayiqala le yokuba umntu akhethelwe umntu amakatshate naye ayeke lo amthandayo kodwa ke u Mni uthe soze yenzeke lonto uzotshata lomntu amthandayo futhi ke uzohlala naye pha kowabo... Ja nhe who knows maybe nam kwakungafunwa mna apha ngendlela andiqhuba ngayo umama kodwa ke zange aphumelele ngoba ndilapha futhi ke andiyi kwaphi... Bekungomgqibelo ndivasa izihlangu phandle, iphone yam bendiyixhome esibondeni u Zandiswa endincedisa... Yakhala iphone waxhuma uTolokazi ukuyoyithatha kodwa ke khange afike phezulu ndasuma ndayithatha... Ibingu Vuyisani ke njengesiqhelo ndayicofa ndabeka endlebeni ndincumile... Me: hello takaZaza Him: Ndlovukazi andizobuza nempilo... Ndifumene Ingcwadi ithi mandiyoqala ukusebenza kwicandelo lezendlela apho eQumrha... Me: yhoo andisavuyi myeni wam yinto yanini leyo?... Kwathuleka, takazaza... Ndiye ndatsho... cwaka inoba iye yaqhawuka kodwa ke undoqo ndimvile... Zaza: uthini utata mama? Haike ngumbuzo wemihla ngemihla ke leyo, uba utatakhe khange afune ukuthetha naye uvele andibuze uba besithetha ngantoni... Me: uthi ndimbulisele kuwe Tolokazi Zaza: waphinde wathini futhi mama? Me: uthe uyanikhumbula Zaza: khange atsho uba uzobuya mama? Me: hayi khange atsho Zaza: kanti ebesithini ngokuya ubusithi yinto yanini leyo Me: ebengathethi Tolokazi bekumka I network... Bendingafuni ukumxelela kaloku uZandiswa xa ndimxelele into uvele abaleke ayobalisela umakhulu wakhe... Zaza: hayi hayi mama uyandiqhatha Me: asoze ndikuqhathe tu Aluve: utata ebethe uzondiphonela nam nje kodwa akathethi nam Me: uzophinde athethe vha nana Alu: athethe naye no Achu mama? Me: ewe nana Zaza: nibancinci nina anikwazi ukuthetha ephonin Alu: siyakwazi thina tyhini.... Bendibamamele ke bethetha bephikisana... Ndiyambulela yonke imihla uThixo ngababantwana andiphe bona yhoo bandinika ulonwabo olupheleleyo... Zahamba intsuku engade aphone uV atsho uba ubuya nini ebevele athumele I messages qha esithi uyandithanda futhi uyandikhumbula, kemna bendingakwazi ukuphendula ngoba bendingena airtime bendizoyithenga xa ndiye etown and ke e town bendisiya kanye xa kuphela inyanga... Emva kwentsuku ezintathu wabuya u Vuyisani ephethe zonke impahla zakhe, bebengasavuyi abantwana bam, hayi mandivume bebemthanda utata wabo kakhulu futhi ngoba bebengandinaki kwam bathi nca pha kuye... Bendiye ndipheke ngokwam ke xa ebuyile utata wakwam ndikhe ndimphuze u Nomaria... Ndapheka ke nangalemini I papa ne spinach nenyama ye gusha ibifike no V keyona inyama yabe ininzi enye ndayifaka kwi fridge, umntu kaloku uya ebangumntu naye ebentwini ngoba besele ndinayo I fridge ngoku ebhalwe OCEAN... Satya ke salala... Following day savuka kunye no V mna bendilungiselela ukuya emsebenzini yena ebelungiselela ukuya apho azoqala khona ukusebenza, ebengekayazi ke uba uzokwenza ntoni kodwa ke ebevuya kuba kutshiwo uba umsebenzi uwufumene... Salungisa ke umntu waya kwelakhe icala... Belungasacothi usuku lwangalomini kaloku bendifuna ade aphume umsebenzi ndigoduke ndizova uba umyeni wam uzokwenza ntoni na bendingxamele noku iron I uniform yakhe :) Ebendixelele ke u V uba uye wa resign emsebenzini wakhe e Welkom washiya eyenzile ne application yakhe ye Mineworkers Provident Fund kwathiwa izophuma after 6 months... So ngoku ingekaphumi bekuzofuneka ndimncedise kwicala lemali kodwa ke kuba ebethumela inyanga nenyanga enye yayo bendiyivalela ndilungiselela imini ezinje... Kubalulekile kodwa bethuna ukutya ubeka uze uthi mhla ngengxaki uhambe uyovula kula vimba ubumane ulahla kuye... Lude lwaphela usuku ndatshayisa ndagoduka, ndafika uZaza edlala phandle umaphuca edlala no Alu... Me: molweni bantwana bam... Ewe mama baye batsho ngaxeshanye. Me: Tolokazi sele uyihlambile I shirt ne kawusi? Zaza: ewe mama Me: good girl ke Tolokazi... Akakabuyi utata wenu? Zaza: ukhona mama qha akathethi uthi udiniwe Me: kulungile qhubekani nidlala... Ndaya endlini, bendiyiqonda kengoku ukuba akahambanga kakuhle u V kwalento yoba abuye engasafuni kuthetha, kaloku leyokuba athi udiniwe ibiyi excuse qha yokuba efuna ukuba yedwa... Yhini na bethuna umyeni wam sele ewulahlile nomsebenzi wakhe kanti uzofika aphoxeke... Ndangena endlini ndabulisa u Rias emva koko ndaya pha ekameren yethu... UV ebelele ngesisu ebhedini ebuqubudile ubuso bakhe... Me: Tolo wam Vuyisani: Ndlovukazi Me: uhambe njani? Vuyisani: kakubi, kakubi kakhulu nkosikazi, jonga apha.... Iyhooo ndothuka ithini na kanti lento? Hayi ngenene ukukhula kukubona!!!
Posted on: Thu, 16 Oct 2014 10:05:34 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015