Chapter 92 Me: uba awukho ready to talk about it ndizokulinda - TopicsExpress



          

Chapter 92 Me: uba awukho ready to talk about it ndizokulinda vha Amahle: ngu Sphelele Me: wenzeni? Uye wade wamvuma? Amahle: No bendingekamvumi kodwa was considering it... Wathula Me: qha? Amahle: wafuna u Noncedo wathi mna andikho good enough to be her girlfriend and ngoku u shower off ngaye nabantu bayandihleka bathi ndishiyiwe... She sniffed... I hugged her and she started crying... Me: dont cry nana that pig doesnt deserve you, you deserve better... UThixo uyazile ba wena naye ngeke nilungelane. Kaloku yonke into eyenzekayo ezimpilweni zethu uyayazi... Mamela sisi uThixo wasazi sisasekelwa ezibelekweni zabazali bethu, uyakwazi okusilugeleyo nokungasilungelanga... Yiyo lento ezinye izinto siye sithi sizithanda kodwa siphulukane nazo sikhathazeke thina kanti yena yonke lonto uyenza ngenjongo... Amahle: Abantwana beskolo bahlekisa ngam Me: it happened nakum with the same Sphelele wathandana no Anela and ne friends zam turned against me, I made new friends with people who had the same beliefs and visions like me, and look where I am ngoku... Nawe you can do the same, uzobabona abantu bayaziyo ba into yokuba nenkwenkwe akuyo priority uzidibanise nabo... Khumbula umntu oyi friend yakho ebengenoyenza into yokuvuma umntu omthandayo... Yabona uzibonakalise kwa early lo Noncedo ba ebengengomngani wokwenene. Ebenqwala ngentloko ngoku u Amie angasakhali, oko esezingalweni zam... I brushed her back ndambona ba uyalala.. Ndamsusa gentle ndambeka emqamelweni ndalala apha ecaleni kwakhe kuba bendimbona ba akakalali, bendifuna ukumshiya sele elele. Finally ude walala ndasukuma ndaphuma... Ndafika e roomini u Zoli ebelele yhu yintoni le ndiyenziwa kulomfana wakwaZizi ngoku bendimbawela kwasemini yena undenza lento... Bendizothini ke ndiye ndakhulula ndalala emva ko Una... Following day ndithe ndivuka wabe u Amahle epheka I papa e kitchen, she was humming a song ebonakala ba I mood yakhe noko I improvile. Me: morning nana Her: my fav sister in the whole world... Ebencumile... Enkosi vha now m feeling much better... Ndancuma nje qha nam, bendivuya yhaz xa kanti ukuthetha kwam naye kwenze umehluko... Sahlala ke ekhaya kumnandi, khange aphinde aqumbe no Amahle ibingulowa ndimaziyo, we spent the christmas holidays siyi family yakwaZizi, xa utshatile uyayishiya I family ozalwa kuyo unamathele kule utshatele kuyo, bendibakhumbula bona kodwa ke koba sathiwani, ndazikhethela ngokwam... Zadlula I holidays wavula u Zoli emsebenzini, mna bendi busy updating I CV yam, bendi 4 months pregnant bendimthanda no nanaza wam lo ukhulayo ngaphakathi kum. Bendisiya eTown ndizohamba nge public transport xa ndifika estopin nanku u Anela hee engasemncuma xa endibona... Wandihlangabeza. Anela: hey chomi... Welula izandla for I hug yhuu yavuya not kum. Me: Hello ntombi... Ndasonga isandla zam... Bendifihla nesisu esi sam kuze singabonakali mtakabawo. Anela: undiqumbele na wangafuni ne hug le yam Me: why ndizokuqumbela na shlobo Anela: andazi kaloku ungulo ungafuni nokundinika I no yakho Me: asisengobahlobo kakhulu kaloku ngoku so andiboni need yoba ube ne no yam Anela: kwenzeka ntoni kanti phakathi kwethu Me: wayeka ukubayi friend yam the day ungazange uye emtshatweni wam kodwa ukhona ungayanga ndawo Anela: unenzondo yhazi ntombi, bendithi sidlulile apho by the way uqhuba njani eskolweni? Ndivile ba ubukhe wane nervous breakdown bekusuke kwathini? Andothuka yile sentence yokugqibela kodwa ndazixelela ba ndizoziqinisa ndingazibonakalisi tu ba ndothukile. Me: why ungabuzanga kulomntu ebekuxelela lonto na nontombi... Ndingasadikwanga eloxesha kwabe kungazi kwamoto. Anela: uske ungafihli ndizoyenzani into yokugula kwakho kanti mna? Watsho ehamba mtakabawo... Esidaleni ide yafika imoto ndakhwela ndaya etown, bendiziva ba ndithe fixi apha ngaphakathi yhaz, andazi man but Anela ebekwazi ukundenza ndizive ndi inferior... Ndaya kwa gqirha ndenza nezinye izinto ebendizozenza e town, enye yazo ibikuku post I applications for umsebenzi ndagqiba ndabuyela endlini... Bendingasonqini ukupheka kuba ndiye ndabona uba akuphekwanga qha kuvaswe zonke ingubo nempahla, so I toss ibindikhomba embizeni, ndenza ke njengomfazi, ndagqiba ndaphaka satya Amahle wahlamba izitya, mna ndahlamba u Una salala... Zahamba inyanga ngoku bendina 6 months 2 weeks pregnant yabe ilixesha le graduation. Isisu sam besesikhulile ngoku so ndazixelela ba andizokwazi ukuya, ibingebuhlungu intliziyo yam, yini ukufunda nzima kangaka kanti andizoyonwabela imini enkulu yokuthwaswa isidanga... Zoli uzamile ukundicenga ba ndiye kodwa ndala, bendingazokwazi nonxiba I high heels klok I mini yonke so ndaluyeka usuku lwam kwadlula nje kanjalo...
Posted on: Mon, 14 Jul 2014 17:57:06 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015