Chapter 96 Ndajonga kuSbu Hayi tshi andiyapho mna kha ndithi - TopicsExpress



          

Chapter 96 Ndajonga kuSbu Hayi tshi andiyapho mna kha ndithi ndizakwenza tribute mna...watsho ejame Me:Hee inoba ubhaliswe nguba? Momza:Hayi ebesele ikhamba lowo Sitha:But momkhulu makaphak.... Momza:Futsek wena, umathe gqithi maan. Awuyi apho wena....sonke siyandumzela ngoku kuculwayo Kwacula yade yamiswa ingoma MC:Akekho uSbusiso Damane? Babhekabheka abantu bakulo Anga bejonge ngaku Sbu Momza:Basijonge is*mba awu movey ne inch apha...wabe ephefumlisa impumlo ndaphakama mna ndacula ndayoma kwi podium Me:Ndiyabulisa koo mama nootata. Mna ndingu Akhona Damane, uSbusiso lo ebekhwazwa yi brother yam utata ka Libongo. UBongi ndimazi nje enkonzwen sisakhula, kodwa uye wadibana nobhuti wam banomntana sade saqhelana. Noba ingxaki yam ibinjani I would call uSta Bongs. Ekhaya zange sasokola ekhona, kwimigcwabo yaba zali bam bobabini ilitye lafakwa ngu Bongi. Kusaswelekiwe nje ebengazisi mali yakhe yodwa but she availed herself kwi services. Mna andimkhumbuli ngempazamo zakhe kodwa ndicinga the good warm heart ebenayo. Ebengu big sister kum kuba ndingena dade...when I needed her most oko ebakho. She was never too busy for me. Rest in Peace maboko-boko, sta bongs. I remember ndiswelekelwe ngumama wafika the same day from cape town just to comfort me. Uyohlala ukhumbuleka. ULibo soze aswele nto ndikhona. Ndizoba ngumamakhe the way ubungumama wam after I lost my own. Enkosi Yaba sisithethi sobulela Mc:Haike ikwayara mayitsho ingoma kubizwe umshumayeli....ngoba thina asizifundi iinkatha nozifundela pha kwazweni xa nihleli niyi family Kwashumayela omnyu Pastor ...watshila ku Isaiah 6 Ves 1 In the year that King Uzziah died ,I saw the Lord. Sitting on the Throne High and lifted up, His train of robe filled the temple 6 Then one of the seraphim flew to me with a live coal in his hand, which he had taken with tongs from the altar. 7 With it he touched my mouth and said, See, this has touched your lips; your guilt is taken away and your sin atoned for. Today it is Bongekile who died...nawe ungayibona INkosi,umamkele njenge Nkosi noMsindisi wempilo yakho. Afake ihlale elwimini lwakho indlela othetha ngayo iguquke,owenza ngayo izinto iguquke. Alisuse ityala lako zonke izono zakho zihlanjwe yiyo iMvana. Sono sohleba, sobukrwada, sombulo, sekratshi, sengqumbo, songathandi abantu, somona....zonke uyazihlamba ube sisidalwa esitsha. Akabali matyala uwacima onke uqale kuqalo olutsha. Ngoba uyakhathala ngathi ...uyasithanda UBawo. Nawe mntaka Baba iza ...xa ebuza ndizothuma bani uzi availe. Jizasi. Hayi Amen. Kuya hlaleka kule Ndoda yase Calvary... He Rewrites your life that has been written off. Ungula Thixo wavusa uLazaro sebolile Ungula Thixo wanika ubomi kumathambo omileyo Ndiyabona ungulaThixo oyeka usathana adakase avuye acimbe kuphelile ngawe Yena aqale owakhe umsebenzi. UThixo usithanda xa siphelelwe lithemba sesincamile azibonakalise. Usiyeka siye koosiyazi, kwi fortune teller,siwudinge umsebenzi side sicinge ngozibulala, aphele vuthu umtshato ootshomi bakuhleke, ugraduate ujikeleze indlu for 12years uxele intombi eyayinethombe legazi kodwa Yena aqale umsebenzi. Skhonza looThixo unjalo Lo wenza izinto ezingekho zibekho. Halleluya...uphi na onje NgaYe ? Andikamboni Jizasi ndiva amandla Waphakama uAnga Iza mntaka Baba uyakhathala uyakubiza...Nam wandibiza ndasabela....ndandingudlalani, ndingazani naYe. Wandenzeli nceba ....iza makangakudluli . Une HIV yiza, awufumani bantwana yiza, ungumbulali yiza, He was bruised for our transgressions, pierced for our inequities. With His stripes we are healed... He is Rapha. Yiza mntaka Baba , uyamkeleka loYesu, Mawungangedluli nam Msindisi yizwa mazwi am ...xa ubabiza banye zundibize nam. H Waphakama qaqamba wotsho ngaphambili wafika wabamba inyawu zika Anga waguqa , Anga moved away esenza alter call....baza nabanye abantu. Waphakama uSitha no Sbu baya ngaphambili Momkhulu:Yhuu mna ndimfunela ukugcwalisa amabucket am nge wine qha uYesu ngoba ugood ke kwelo cala Bongani:Kodwa ngosikazi ayikho enyinto oyicingayo Momkhulu:Tshi ,wayeyithanda yena kuqala nje kwanqu agcwalise amabucket ngayo. Lizwi:Hey iliginye nyan le chap iJaja. Momkhulu:Udikwe ziintsula wethu uAnga, kanti ke ukhona umagxagxa uzothathu Akho...elibele kudlala ngomkhunyu kulanjwa nje uAnganathi Heyi yangathi sisententeni waca abantu phatsi uKrila walahla pha loo bhatyi ...ethandaza baza nabanye ooPastor aba wayehamba nabo kwi S.C.O ...hayi sana ndamoyika uThangana yhoo Yaqhubeka ke inkonzo yomngcwabo kabongi kwaphunywa ingcwaba phofu naliya ekoneni yeyard....ndathi uba ndawuze ndiphinde ndibeke imicondo yam kwa Zweni. And ndihamba same night asoze kaloku ndilale nengcwaba. Kwatyiwa ndaya endlini ndiyothatha uniniza neento zethu, wabe ekugogo wakhe Ndiyahamba ke mna ma ngoku...ndathso ku sis mpuci Mpuci:Okay ke standwa sam....sobonana aphe holidayini Me:Okay Mpuci:Biza uAnga akuphathise Me:Okay Ndaye roomin I called Anga azosiphathisa ....warhuqa zombini suitcase ndathathu niniza saphuma sayokhwela kooSbu. Sahamba ke oko kuthe cwaka emotweni uSitha ekhala. Yhoo bayaxoka abantu abakhonzayo yeses...wadubuleka uzwezwe caba kudala eyicinga lento Sbu:Awukhonzi kanti wena?...wajama kwi rear view mirror Lizwi:Hayi bhuti ndithetha aba baxoka ngale suster, ibi lunge phi na le sylon ?...ndamkrweca ndamjamela Kwathi cwaka emotweni safika eKei bridge sathenga supper saqhubekeka nendlela safika entsane sekulate. Oko kuthulwe akuthethwa Ndavasa niniza then ndavasa mna. Ndamtyisa walala. Ndathatha burger ndayohlala nozwezwe Lizwi:Yha ntwana yam, esgela kumandi? Wabuya usenza ismash. Me:Kumand sana uLiam ngoApril uzo movela khona Lizwi:Hayi ikuphethe grand ingamla yaz...hayi ngusukwini wamanyani Me:Qha undichancile Lizwi:Intoni? Hay. Nomdi Me:Its 8weeks mchana...yilento esiza next week sizoxela lonto Lizwi:UMr Sbu uyayaz lonto? Me:Ha.a ungayi thethi please Lizwi:Yhoo hayi ijumpile ifadele iway yakho no Angas Me:Iphele tu, Lizwi:Ndimbonile la mjita...jonga uliginye loonke soze silifumane ijaja uyeva nomdi....hay ndithe makabambe imizuzu yakhe akanondishumayeza indlebe zishushu ndipume sbherweni Me:Hahaha mxm nto zakho Lizwi:Andidinwe, kukhona sivala next week thina Me:Haike mandikushiye ndiyolala Ndaxukuxa ndalala , ebusuku umntu wandivusa Itha....endiqwaba ubuso Me:Mhmm nini...ndavula ilihlo elinye Niniza:itha nini ...watsho ezityhila isisu Me:Funutya Niniza:Itha...she nodded Ndaphakama ndavula yoghurt ndathathi cephe lakhe ebagin xa ndimtyisa Niniza:Hayi...itha...watsho ekhupha isandla endixutha icephe itha nini...amane esitya andincumele ndakhe ndambukela , warhiphiza but wabe eyitya eninzi ingena emlonye ...ndayikrwela ndamgqibezelisa Me:Gqibile nini Niniza:Piye...aphose izandla phezulu ahleke Me:Uyakuthanda ucoco vha...uzoba ne brother Niniza:cococococo ada Me:Ee uzoba ne brother uyithande ke vha, sizoyani elwandle no uncle liam....wase wandijonga ngamehlo athi WTF are talking about . Wangqengqa ngomqolo edlala ngenyawu zakhe wakhala ndamniki bhotile walala. Nam ndatipa
Posted on: Sat, 30 Aug 2014 05:29:29 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015