Continuation Mama: thetha akhona kaloku Akhona: eeehhh mama - TopicsExpress



          

Continuation Mama: thetha akhona kaloku Akhona: eeehhh mama hee nzaske ndiphinde ndithenge amanye amaqanda yintoni nha sisilwa ngokutya okungathi andikwazi ukuthenga Mama: ohhh egeza nje kuba wena umphakela indaba zendlu yam! Hayke ntombazana ndikuxelele obungayazi lemali undinika yona for grocery ndiyivalele ukuze ngemini yoxakeka neemini ezinje ndingaxakwa! So kukutya kwam oku akutyayo nzaske ndikunike imali yakho Akhona ukuze umtyise amaqanda ayi100 ba uyaqonda Tata: hay mama kaAphiwe akwenziwa ngoluhlobo xa kulungiswa izinto Mama: kwenzwa njani xa unyanam ezondidelisa ngomakrwadeni Khaya: mama bendicela uyongqengqa Mama: hay awuyi apho wena tshini yintoni nha abantwana bam bendiyeka ndiphathwe ngoluhlo Khaya: mama no matter what you say ubhuti soze akuve you will only lose him kudala wabanje noSinazo wakhe! Akhona: ndiyamva umama kodwa ufuna ndithini ndiyamthanda uSinazo and ndizomtshata noba sekududuma!! Sinazo: baby ndiyozela mna ngoku Akhona: cela uxolo kumama kaloku Sinazo uxolo lwantoni ingabo abandiphethe kakubi nangoku isidlele nentamo yam zishushu hay madide ndigoduke shame Mama: nontombi ugoduka kusasa oku Sinazo hay yintoni nha wena hoyana nendoda yakho nantsi ilapha phambi kwakho wabe uhoyene nezinto ezingakufuniyo! Khona ndizawhamba nawe xa uyokhupha imali yomyeni wam Tata: khange atsho uyayfuna njena khona ayondlela yothetha nomntu omkhulu lenyo Sinazo: soloko kuqandwa mna kodwa benithe nyoxo... Tjuuu khange ayigqibe ndamtsibela ngengqindi abe elandelelana wathi ezama unditsala ubhuti ndabe ndimbambe ngamazinyo engalweni! Kaloku I cant allow anyone athethe olohlobo nabazali bam tshini Akhona: suphambana aphiwe! Wanditsho ngeyona mpama ishushu utata wamqanda khona utata ngulomntu ebesinqanda qha nomama wafaka eyakhe kuAkhona phofu zambini ndambona ba wothukile ubhuti Khaya: ndicela kuyolalwa ngoku saske sithethe ngomso xa wonke umntu eryt. Waphakama umama waya in the spare room wabuya erhuqa suitcase waylahla phandle waphakama uSinazo sethukisela ibag yakhe! Mama: bendisithi uzalala apha kodwa ke andinakho ungalali kamnandi endlini yam so ndicela ube yindlela Akhona: hay mama kwenzeka ntoni kuwe uqale nini ubakrwada wena Mama: ohhh ndikrwada kuwe akhona! You know what phumani maan endlini yam Baphuma bahamba notata wagoduka. Salala mna nomama in our rooms kodwa ndilele ndibuhlungu, no one wants to experience what I just experienced. Khona umntu ulichitha njani ikhaya labantu? Akanayo nha intliziyo loSinazondini lento sizawde singavani ekhaya ngenxa yakhe!! I was so disappointed kubhuti kuba akaboni burongo kwintetho zikaSinazo nangoku egeza phambi kwethu sonke kuye yaske yangathi sithi abamchukelayo. Nokhaya he couldve warned us kodwa on the other hand I understand why he didnt naye ebefuna sizibonele ingabingathi kukho into engaphaya. Ndavuka kusasa and went to check on my mom. Ndavula erumin yakhe ndafika ejonge kwelinye icala xa ndimguqula ndabona amehlo ebomvu edumbile and I assumed that khange alale. Ndaske ndangena ezinguben naye I hugged her walila umama even more but silently:( Mama: I just lost my son ngenxa yentombazana ekrwada:( maybe ngendiske andaphuma nyani kulerum ndiniyeke ndihlale nodwa! Me: hay mama uburyt! Myeke ubhuti will come to his senses soon,I hope. Masivuke kaloku mama sokwenza ukutya. Mama: for who kuba inoba akafuni nondbona uAkhona:( tjuu ndazisola nyani ngezenzo zam Ndamcenga wade wavuma senza ipapa but yancinci just incase! Wafika utata wabulisa sancokola nje then came in the devils daughter:( wabe ubhuti ehamba emveni kwakhe. Inesbindi nyani lentombi Sinazo: awukavasi nha mama bendisithi sizawleqa ebhankeni kaloku Tata: akhona is this what you really want?! Sinazo: we need it for umtshato wethu kaloku andithi love? Akhona: ewe tata Im sure ndizakuwakha ngantoni umzi wethu Mama: taka Aphiwe akhongxaki nzaske ndivase msinyane Khaya: bhuti ufuna sixatyaniswe yimali? Hay mama nzaske ndimnike kweyam xa kunjalo Mama: akhongxaki maan khaya awundiva!! Wavasa umama wagqiba waya kuthi ekitchen. Akhona: mama ndicela utye ubuya kwethu kuba uSinazo kufuneka ayobhatala ngalamali....
Posted on: Mon, 15 Dec 2014 11:16:39 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015