Dear Admin I am a young man age 25, sizalwa sibathathu ekhaya - TopicsExpress



          

Dear Admin I am a young man age 25, sizalwa sibathathu ekhaya my parents were married utata wasweleka wadutyulwa ekunye netshomi zakhe. Kwafika lomphanga ke xa siyiva kuthwa wayenqandela utatomncinci kwadutyulwa yena ngempazamo. Kubenzima kakhulu emotionally and financially kuba ke umama wayengasebenzeli Mali ininzi wayekwi maternity leave ngelixesha kwenzeka lento. Wabuyela ke emsebenzini emva komngcwabo, sikhulele Apha eRhawutini ke apho besisihla nee parents siye EC December family eninzi besingayazi ncam, sifunde ngapha, kuye kwafikelela ixesha lokuba umama athi uyohlulakala sithi sister wam lo uza emva kwam wangumntu ongalawulekiyo, wasithatha umama inkani wosiphosa ezilalini Mtata kuloTata washiyeka nalo umncinci, firstly Xhosa language zange sayenza but besithetha ixubile nesizulu, it was difficult to adjust kuba we were from a multiracial school. At first siye samkeleka benobubele babantwana bakamfi as the time goes by zajika izinto our cuzns got parents bayathengelwa izinto thina siyavukuzela umama kunzima ne cent sele sifowuna uyadikwa athi masicele Koo Darata noo tamnci, phofu nabo bakhupha into ngomlomo badikwe luxanduva sasizintlekisa kumana kusithwa babebahle ababantwana kudala. Ndazama ukumqoqa uDadwethu ezawugxothwa kuthwa ugulisa umakhulu uthandamadoda, the thing is we were very close notata yasilimaza lento yakhe she did not handle it very well. I passed my matric yena esenza grade 10 ndafowunela umama ndamxelela ndinenjongo zokufunda yaye ndicela uncedo wathi akanamali ndathi but ziphumile nje imali zikatata bendiba usigcinele,wabuza ndiyithathaphi lonto ndinqanga imali na ndazidina ndakhwela ndaza kuye ndafumanisa uyajola umama its fine xa ejola but to neglect us like that indenze umsindo kwa umntwana lo uliphelo xa ndisiva uke amshiye the whole weekend angafowuni, amshiye ko makazi or friends, wothuka xa efika ndikhona wandibuza ndizofunani, ndamxelela ndibone mandibuye saxabana ke ndazixelela andiyi ndawo ndabe ndibona indlu got new furniture naye mhle esiqwini kodwa kunzima nesihlangu kum nodadwethu, ndingumntu othethayo xa engonwabanga ndayikhupha I pain endinayo ndimxelela nangempatho yasemva ekho engafanga kwafika boyfriend yakhe umama endithuka yangenelela into engayaziyo saphendulana yandibetha yandophula iimbambo umama uyanqanda imxelela ukuba iyandiqeqesha andinambeko, ndabuya esibhedlele ndaqoqa impahla ndowuhlala kwa cuzn wam eFlorida, ndahamba ndaya eUJ ndowuzama isikolo ndasifumana andafumana ndawo yokuhlala kugcwele ndazama nyhani ndalungelwa yafumaneka ndafunda ke ndanethamsanqa student loan sandenzela konke, into endivisa kabuhlungu kukuba lo uza emva kwam akazimiselanga eyibona imeko ubeyiphuqe kulaMtata wa failure nalo matric ndathi makeze kuba egxothwa kuba ke ndiyaphangela ngoku umama akafuni nozifaka waya for a week kumama wabuya egxothiwe umama uthi unxiba izinto ezincinci kunendoda endlini bahlalisana endlini elikhaya lethu, ndathi makahlale Nam ke, phofu asithethisani nomama since ndabethwa yindoda yakhe, ndizihlalela apha eBraamfontein yena ulapha eThembisa hospital view, udadwethu uyandimosha kakhulu yonke lemihla utshintsha amadoda kumdaka eflatini akayi nakule college ndiyibhatalayo, silwa mihla le andazi ndithini usuke abuze ndizawulala naye na xa engazulala namadodakhe iyandibulala lento coz I only want whats best for her. Lo umncinci ndivile uhleli kakuhle nomama ngoku but we dont have a relationship akasiqhelanga, ndicela ukwazi how do I change my sisters behavior aqonde acinge better sendizawude ndikhalale undibuyisela umva ngoku ulala nama Nigeria, ndiyampha imali andazi ufunani kwababantu, she is just a lil girl please help me. Kuthi mandibhace ndiye kwantliziyo ndise aze nabantu kubiwe kwa TV athi akazazi ziphi bebesele.
Posted on: Sun, 26 Oct 2014 10:48:16 +0000

Trending Topics



="sttext" style="margin-left:0px; min-height:30px;"> I was told Sunday by PNB aka Misty, Fat Boi, my mom, and Steph Its
>>> EARLS RECIPE FOR GETTING FREE LEADS, SIGNUPS & SALES FOR LIFE
Monday 16th SEPTEMBER 2013 Fairly Used Laptops In Stock Hp
0px;">
#الشيوخ_الثلاثه .********* قصة أكثر من
BLUSHING GIRL: Hi handsome. BOY: Mcheeew (rolling his
Every conversation Ive had about unfriendly, unhelpful, or

Recently Viewed Topics




© 2015