Deda mhlangala endaweni yenyhwagi. Sisaci. Umhlangala - TopicsExpress



          

Deda mhlangala endaweni yenyhwagi. Sisaci. Umhlangala nenyhwagi ziinyamazana eziphantse ukufana ngayo yonke into ngaphandle kwamabala neziqu. Ngaloo ndlela kunzima ukuzahlula. Kodwa kuqondakala ukuba umhlangala lo uyoyiswa yinyhwagi, kuba ithi yakufika usel’ udeda wona. Sivele apho esi saci; kuthethwa ukuthi umntu omncinci makashenxele abantu abakhulu. Umntu omncinci, ongumkhanduvana (okudidi oluphantsi) makamshenxele umntu omkhulu, osewongeni kwindawo ebethe chu (ebebambe ngokuthambileyo) kuyo, umzekelo umntu obebambele umntu entlanganisweni makadede asakufika lowo ungusihlalo. Umhlangala yinyamakazana engwevu enomsila omde ethanda ukuzingela iimpuku nezinye iinyamakazana ezincinane. NgesiNgesi yi“Cape grey mongoose”. Ngesigama senzululwazi ngezilwanyana yiGalerella pulverulenta. Inyhwagi yona sisilwanyana esifana nekati, koko ubuso butsolo. Sinamabala amdaka emzimbeni. Umsila mde, unezazinge ezimhlophe nezimnyama. Sisilwanyana esineengcwangu nesibulala iinkuku kakhulu. NgesiNgesi yi“genet”. Ngesigama senzululwazi ngezilwanyana yiGenetta tigrina. Umzekelo: “Okunene uDingindawo akayazi le nto. Kucacile ukuba kufuneka engayazanga aze aqabuke [aqondisise] yena xa kusithiwa ‘Deda mhlangala endaweni yenyhwagi’.” (A.C. Jordan) Imithombo ekucatshulwe kuyo: Mesatywa, E.W.M. 1954. Izaci namaqhalo esiXhosa. Kapa: Maskew Miller Longman. Ikhasi 10. Mini, B.M. noTshabe, S.L. (abahleli). 2003. The Greater Dictionary of IsiXhosa. Umqulu 2. Dike: Yunivesithi yaseFort Hare. Ikhasi 888. Tshabe, S.L. noShoba, F.M. (abahleli). 2006. The Greater Dictionary of IsiXhosa. Umqulu 1. Dike: Yunivesithi yaseFort Hare. Ikhasi 748. Imifanekiso ibonisa umhlangala (ngentla) nenyhwagi (ngezantsi).
Posted on: Tue, 27 Jan 2015 10:36:57 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015