Hey guys ndine ngxaki apha ndidinga ingcebiso zenu. Ndiyafunda - TopicsExpress



          

Hey guys ndine ngxaki apha ndidinga ingcebiso zenu. Ndiyafunda ndenze I 2nd year e UP University of Pretoria ndino mntwana so naku ukwenzeka utatakhe wathi xayihlawula wanyuka ne ngalo. Ngoku izolo ubone into yase SASSA echazayo uba ndenzele umntana I grant akukho mntu ebesazi ngalento bendiyfihla since ndisazi ukuba abazovuma endlini kunye no tatakhe akazofuna uba ndenzele umntana I grant kuba be bengabantu abaphakamileyo abane mali kwakunye no tatakhe usebenzela uRhulumente. Ngoku utatakhe uthe wobona eliphepha waphambana waligeza wandibuza uba nditheni ndenzela umntana I grant udinga ntoni okanye mna ndidinga ntoni khange ndimphendule ngoku umntu uqumbile and uthi mandiyoyicima ngoba izosifaka engxakini lomntana ukwi Medical aid blah blah bazoyibona kwi system. Bare in mind umntana usebenzisa ifani yam not eyakhe so andazi uba izobayi ngxaki njani ndiyazi nam ndibe wrong ngonga xeleli mntu and kwelinye icala ndibe greedy ngoba nyan akukhonto endiyidingayo. So ndicela nindicebise bethuna ndenze njani ndiyicime okanye ndithini? Ndicela ingcebiso not izithuko. Thanks Admin #Bra Smart#
Posted on: Mon, 03 Nov 2014 08:22:48 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015