Hide me plz ,Ndingusisi otshatileyo .Ndiyi Nurse eFrere - TopicsExpress



          

Hide me plz ,Ndingusisi otshatileyo .Ndiyi Nurse eFrere andinamntana andide ndimfumane .Umyeni wam uye wamithisa ke ngaphandle so yathi iFamily yakhe lentombi mayizohlala apha nathi ukuze umntana akhule notata wakhe but andayivuma lonto , abandithandi tu kwaye basoloko bendithuka ngongazali . Umyeni wam ndaye ndamxolela ngalento wayenzayo yokumithisa wathi uzo supporter umntana ohlukane nomama womntana but ngathi wayendiqhatha ngoba ukhe ayi4ownele lentombi athi ke kum xa ndimbuza ebebuza ngomntana , theres nothing much . Into eyenzekayo kuthwa lentombi iseza apha ilale apha xa mna ndisemsebenzini ndiphangele inight ,kuthwa bahlala bobabini nasemini kubemnandi mna ndibe ndiphangele . Umyeni wam uphelelwe ngumsebenzi ikwandim nalo unikeza ngemali 4 umntana .Xa ndimbuza uyakhanyela eloxesha mnintsi umntu othetha lento apha ekuhlaleni .Ndithini bethuna ndicela ingcebiso .
Posted on: Wed, 26 Jun 2013 18:39:50 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015