INSERT 104 Wandinika imali ndayoqabela imoto sahamba.Waqala - TopicsExpress



          

INSERT 104 Wandinika imali ndayoqabela imoto sahamba.Waqala wayobeka mna endlini. Lume:Mtshana liphelile tikiti lakho yehla. Me:Lina khozondibambise bag Lume:Eh Mtshana ndikuthembe kangaka awukatsali na apha? Me:Nditsala ntoni ngoku Jola? Wahleka Lume:Ndikulibele kanene uba uthatha kade,yehla Luna uyomphathisa. Lina:Uhamba naye no Luna na apha malume.ngowaphi? Me:Inoba naye watsala uLuna Lume:Yenina bantwana ndin nam ndiyatsala nangoku ndimdala kangaka. Lina:Kuthini utsala Lume? Lume:Kukuqoma marn uthetha into ongayaziyo kanti? Lina:Ndiyayazi qha bendifuna uva apha kuwe. Lume:Hambani marn nina niyandilibazisa. Ndema Lina:Masambe Nako Ndasonga izandla Lume:Haybo yintoni wandenzela ishori andizobhatyi zakho mna.Hamba mtshana Me:Ungandiphanga imali asoze ndihambe mna. Lina:Gwaaa uziphethe kakubi Nako. Wakhupha iR50 wandinika Me:Qengeba!ndiyabulela ke Phahla Andalinda noba aphendule,sabamba i bag.Wayibeka emnyango uLina wajika.Ndanqonqoza,wavula uSiwe and welcome me with a big smile.We screamed and share a hug. Siwe:Ntombi jhuu kunini ndakukhumbula.Isibhanxa esindim ke salahla iphone,inumber yakho andiyazi nangentloko. Me:I understand mnganam udom awunokwazi unqaya i number yam. Siwe:Jho sani bendikukhumbula nyani--- Me:Khandimele ngeenkumbulo wena,yhini wase wandingxolela Siwe:Awudiki kanene,khasukume ke sithuthe ndifune enye indawo yohlala we are not safe here.Ndidikiwe kunqonqozelwa ngalamaqathalala ootsotsi. Me:Uyifunephi? Siwe:Kwa Nomfazi Me:Thiza!usise ejele ngoku kobanzima nokuzikrwentsa Siwe:Asizukuzikrwentsa kaloku. Sathutha iimpahla saya kulendlu.Safika uNomfazi ehleli phambi kwendlu ebeke iJug ene drink kunye ne glass.Sabulisa wavuma wasibonisa indlu esizohlala kuyo.Saphuma sayothatha iimpahla zokugqibela,xa sibuya sadibana noNomfazi ephuma nge gate. Nomfazi:Niyacotha marn,ndifuna uthetha nani yizani. Sarhuqeka emva kwakhe sangena endlini kule sizohlala kuyo. Nomfazi:Niyalazi ke igama lam,lo#Ekhomba uSiwe#ebesele endixelele,wena ungubani? Wancuma Me:Ndingu Unako mama Nomfazi:Hay ntombi ndibize Nomfazi.Jongani ke Nako no Siwe apha kwam akungeni ndoda kungangeni zichomy.Umntu xa egqibo ngena egatin uyayitsixa,apha kwam umntu akalali engekho kwaye akafiki ebusuku.Niyawabona lamatanki mahlanu alapha kule yard ngawam ayingowethu. Sajongana no Siwe.Ndabona ngathi lomama wodlula nowam ngokhohlakala yhini sothini ungawakhi nangoku amanzi amatanki emangaka. Nomfazi:iRent incume ke apha esandleni sam nge 5 every month.Nizobhatala I R200 umntu ngamnye nithenge nombane, kodwa ke bantwana bam ii appliance azisetyenziwa apha kwam.Nithenge istove se paraffin Siwe:Jhoo umbane siwuthengelantoni kengoku Nomfazi? Nomfazi:Uba nizo lyta amakhandlela ningawuyeka. Watsho ehleka isiqhazolo sentsini. Me:Jhoo ngathi kunzima apha She laughed again Nomfazi:Ndisemkile,keep my rules ke girls..ndizonibona ngomso andilali apha kemna ndinomnye umzi apha ngezantsi---. Siwe:Bye Bye sikuvile hamba Nomfazi laughed isiqhazolo again Saqoqa indlu yethu,kuthulekile.uSiwe wazincama wathetha Siwe:Usanambitha lemvuthuluka ithethwa ngulomfazi? Me:Ngendisithi uyasinyela lomama qha mdala.Yhini sa--- My phone Rang,It was Simni.Kwangona ndicingayo uba kanene kukho lomntu unguye.Xa ndixakekile mna ndandimlibala andifuni nokuxoka.Ndayiphendula Me:Hey,babe Simni:Kanti yintoni ingxaki yakho? Me:Andinangxaki mna Simni:Uhambe ungandibonanga and ubonile uba andiyithandanga lonto kodwa akhange undihoye. Me:uxolo ndifike nda busy apha Simni:Khange ube nayo ne 5minutes le yam? Me:Uxolo Simni bendingenokwazi Simni:Sure Unako ndizolinda ude ukwazi ke Me:Bye ndabeka ucingo,uSiwe wandijonga. Me:Yintoni wandiqhaqhela amehlo? Siwe:Kutheni uhambe ungambonanga uSimni? Me:Jho mfo khange ndibenayo i chance yokumbona. Siwe:Wamgqibela nini? Me:hahaha andikamboni kulonyaka Siwe:Are you serious Unako? Me:Yehake khame nawe Siwe:Hee uyamazi ke uSimni ngemikhuba xa eqale ezanto zakhe ungandikhaleli kemna Me:Akazuqala nto uSimnikiwe Ndaphuma ndayothenga i airtime,ndafowunela uSimni on my way back. Simni:Unako Me:Undikwatele? Simni:Mxm wase wandidika ebusuku Me:Yemfo uyayazi uba kunjani ekhaya khange ndibenalo ixesha. Simni;O Unako,ngomso ndiyahamba. Me:Uyaphi? Simni:eGoli Me:Uzobuya nini? Simni:Andinokuqhatha andizazi Me:Ndicela uhambe nge weekend ndizobuya Friday. Simni:Andizukwazi Unako,noba ndibuye nini uzondibona im sure awunangxako mos ngalonto. Me:Uhambe kakuhle Simni Simni:Noba ubungatshongo bendihleli ndizohamba kakuhle. Me:Ndiyakuthanda ke Simni;O Ndabeka ucingo,amaxesha yayingo8 ebusuku,xa ndingena gatin nanku uNomfaz ume gatin:Ndangena gatini Nomfazi:Ye ntombi uva ni xa kuthethwa nawe?Ubutsho ukuba isixhosa awusiva ndithethe isindebele. Ndathula andamhoya Nomgazi:Ingathi ndizokugxotha apha kwam Ndathula ndayongena endlini,kanti ulandela apha emva kwam.Wangena naye Nomfazi:Ihule andilihlalisi kemna kulomzi.Uba awufuni kumamela imigaqo yam uwubone lamnyango uyandiva Unako?Lonto unentloko elikhuni ufuze uyihlo. Ndothuka Me:Umazelaphi ke wena? -----
Posted on: Fri, 05 Dec 2014 13:19:10 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015