INSERT 32 I helped her up satotobisana songena - TopicsExpress



          

INSERT 32 I helped her up satotobisana songena endlini.Khandiphe amanzi anetyiwa watsholo ezantsi umama.Ndakhawuleza ndaya ekhitshini ndimshiya ekamereni yakhe eyayiseyinuka isibhedlela ziintlobontlobo zeepilisi phoff zonke azihlali ziginywa nje kungekapheli neSecond yomzuzu ibuye.Ndambeka phezu kwebhedi wangqiyama ngomqamelo omkhulu.ndayokwenza la manzi anetyiwa,ixesha eli lonke ndilibele ukukhwaza uMomncinci nguye omnye umntu wayendincedisa.Ndabuya namanzi phi ke khona kwalo manzi ezobuya which I believe was dehydrating her more.Wahlamba nje umlomo.wabuya wangqengqa.Umama ke noba wayengumlwelwe kodwa wayewaqweba amandla wayengade aziyekelele afune umenzele kwanto kanje ngokuzihlamba she would bath herself noba uthathe i2hours aske amane ethi mandongeze.Ndabiza umomncinci zakubuya iingqondo weza wamlungisa wathi kumele aphinde esibhedlela at least ayofumana iDrip.I helped them pack few things to carry to the hospital.Ndandisancancisa lo unguThando uKanyi seyintombazana nhoko eza entweni sekhulakhulile.Bahamba ngelithi bazodibana nomakazi edolophini kuyiwa eMadzikane esibhedlela.But wathi umakazi xa efona uzolala nje okwangala mini she is gonna take her to Matatiele private hospital the following day. Eey coming back to my lovelife it was as quite as ever ,I had given up on our relationship I thought to myself maybe I was Bushs rebound and I was starting to suspect maybe he has a girlfriend though I didnt wanna sink my crazy suspicions into my mind.Phecelezi okanye ngeligcweleyo ndandinganamntu undincedisa ngokuhleka ndandijongene neentsana zam esendizondlelwa ngumama.Blues was doing his 3rd year.He was so fond of his daughter phoFf only by calls not financially.Well I did not mind that,I guess kuba ndandisendihlukumezekile engqondweni enough for uba ndingabe ndikhemfeza ndimfunimali besides my mom was doing everything for my kids. Days went by my mom was discharged on the 4th day esesbhedlela in Matatiele cause waye wahamba nyhani the following day from Madzikane.Wayefona ahleke kube mnandi aphefonini athembise she is gonna come back home.Wabuyela eMacwerheni kowabo,apho azalwa khona with Makazi Cece.She was gonna stay over for a weekend since we were expecting my siblings ekhaya for holidays.I also went to Macwerheni that weekend kanti nooYonie bazovele babuyele phaya.Kwakukubi andifuni nokuxoka wayesenento engafuni kusijonga umama kuba wayevele agcwale iinyembezi.I still have the image of her thin,weak,very dark,boney body when she was lying on that bed and the way she would cough and you would wish to rather do it for her :(.Her brothers who are based in East london and her twin were also back kwakugcwele nje but kwakungekho mnandi as uba bekufaneluba kunjalo ukuhlangana kwabantu abagqibelana kudala.Yadlula iweekend sagoduka nathi sesisonke me and my 3 sisters along with mama.Ngobusuku xa kuzobetha u8 owam umama wayede azigube iipilisi kuba zingaginyeki inoba yayikhona ingxaki pha emqaleni.Eish... It was now mid July and mom was on and off.So this time again wayeyakwaphelelwa ngalamandla wathi uyanxiba yena uya esbhedlela she doesnt feel okay tu so she left us wayakolala esibhedlela.Sashiyeka sodwa again sase siyiqhelile ke laa nto yoba ahambe ngoba sasiyazi uzobuya abuye asibalisele ngazo zonke izinto ezifunny ezenzeka kwezi zibhedlela amanukuyolala kuzo.Emini the following day she left she called me athi mandiye kuye azondinika imali ndiyothenga izinto ezishotayo endlini. Ndalungisa nyhanie ndaya eMadzikane ndafikela emntwini engemhle marn ungamphikela kwaukuba nguye lo ube mbi kwezi veki zidlulileyo.Sancokola njee wandinika le mali lol engasandiyaleli uba ndibathengele iinto ezimnandi abantwana bakhe ndingabangxolisi (ndiyangxola kaloku)ndibapphathe kakuhle,tyhini yazba utsho la magxibha wakhe adikayo asileyo.Watsho kuthwe uzophuma soon akananto qha yiswekile(diabetes) le imhluphayo uvele ashwabane ulwimi angakwazi nothetha xa seyehlikile.Ndaphuma ndonwabile apho nhoko ndenelisekile.Ndagoduka nezinto ezimnandi nyhani and groceries.Wafona kobo busuku wathi hey iyamhlula le nto yophelelwa ngamandla.Sasihleli elounge and we decided to pray for mamas health yes our faith was in Him kaloku sasingekhe sibe ngabantu xa singashiywa ngumama.Sasingakhali simemeza uThixo sicela oku kokumgcina side sibe zizinto.Sagqiba ukuthandaza sayolala ngeendawo zethu. She called that morning assuring us she is ok.kwahlwa pha ke ngamarhatya sasihlala eLounge siloqe zonke izinto ezi eziphambanayo sizotsho sikwazi nokuthandaza sometimes we would sleep midnights oko sintsintsitheka intsini engabhadlanga sibukele neTV.My phone rang it was my other Momnci ninjani na bantwabam apho endlini Mna:hayi siryt Momnci akhonto,enkosi. Momnci:ohw oky ke sisi hayi bendifunukuva nje kuba usisi engekho kodwa ke bendimbonile namhlanje. Mna:ohw oky hay siyabulela momnci siphilile.We hung up.kungemzuzu seva ngeKnock emnyango saqale soyika kungathi kanti zizigebenga.Ndakhwaza ndiziqinisa ngeena!.Kwave kwangena utatomkhulu,our neighbour who is also our family relative enxibe idyasi enxibe idyasi yakhe ende ndisothuswe yileyo kwangena uNkosikazi wakhe hayibo wayiwayi abantu endlini yooo Thiiiiixxxxxxooooo!!!!! Uvumelentoni!!???? :( :( kumhla sazinkedama kusukela namhlanje yhiiini Jehova kanti Nkosi ubungenolinda ndiphangele sofundiswa sityiswe ngubani actually,umzi omngaka sizowuthini??14 July 2011 left me naked!Ndaba ze ukusukela laa mini zange ndiphinde ndibe namntu uzondikhuza enothando olunyanisekile iphiko lomzi wasekhaya laliqhawukile kwakufuneka ndihlume iimpiko njengamntwana mdala phi na nam bendisakhusiwe.Akho nomntu na wayenondishumisa andivuse .akasavalelisi novalelisa umama atsho uba uyahamaba ucinga ukuba usishiya nabani ke ngoku. My sisters were crying so painful,our hope was gone forever what were we gonna be without her..who were we gonna be.Sabe sithuthuzelwa kuthandazwa salala apho elounge nabanye oomama ababemane bevuka bathandaze ebusuku.Kwakuzolungiswa enye indlu ngengomso.mnxiiiiim :( Death is unfair.
Posted on: Fri, 24 Oct 2014 17:46:30 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015