INSERT 73. Intliziyo yam yayicandeke kubini ndingakhathazeke - TopicsExpress



          

INSERT 73. Intliziyo yam yayicandeke kubini ndingakhathazeke maarn sekude kungathi uLux sele etshatile. Ingqondo yam yayithatha ibeka enyanisweni yayindikhathaza le ndaba yomtshato kodwa ke ndandingafuni ukuyicinga intoba uLux angathatha isigqibo sokutshata sogqiba angandixeleli mna. Ndosula iinyembezi zam ndehla ndayothenga i airtime sogqiba ndaya ezitaxin. Ndafika ekhaya ndakhulula ndanxiba iipijama zam ndacinga uba mandifownele uLix wakhawlezisa waphendula Him: baby wam Me: hi hun, unjani? Him: good mntwam. Wenza ntoni? I miss you Me: yhoo ndingqengqile ndiyakukhumbula nam Him: can i come over? Me: what if.... Him: please baby can i? Itone yakhe ibingavakalisi kuphumla tu, mhlawumbi ufuna undixelela ukuba kwenzeka ntoni na kanye so ndagqiba ukuba eze Me: yhe sho Him: enkosi mntwam wakhawleza wacima iphone ndingekathethi mna mntu ebefownile. Hayke ndahlala emlindweni weentombi ezilishumi ke mntanenkosi ndilinde uLux. Wazofika ke uLux ndisalindile ndinjalo. Ke loo nto wakhawleza nokukufika ngokungathi ngumntu obesele esetaxin vele Him: baby, hi Me: hellow mylove wazondincamisa. Ndaphakamisa intloko wasusa umqamelelo sogqiba wahlala phantsi ndabe sele ndibeka intloko yam phezu kwakhe Him: baby? Me: mntwam ndodwa ndayitsho ke leyo kuba ndifuna imhlabe Him: yhoo Inga Me: what now? Him: ndisengxakin baby wam Me: whats the problem? Him: umama uthi mandivume Me: oh Him: please baby Me: please nto? Him: understand me Me: i do Him: but asizukohlukana Me: i dont do married men so kuzonyanzeleka sohlukane Him: no baby ayingomtshato lowa Me: yintoni Luxolo? Yhe? I was now angry, dissapointed and hurt. Eyona nto yayindenzela umsindo kukuba uLux uyithatha kancinci yonke le nto, ndidaniswe kukuba bendicinga uba akuzufikelelwa kwesi sigqibo ndandingafuni tu uba uLux atshate, ndandikhathazwe yile yoba kufuneka ndohlukane naye. Him: ndonelisa nje abazali bam and andifuni ukuba utata andisike Me: ok Lux Him: dont tell me you expect me to choose between you and my family Me: family? Him: ewe kaloku if andavumi utata uzondisika Me: so you expect me to be happy ngenxa yoba usenza into ezokonelisa utata wakho? Him: no baby anditsho njalo Me: utsho njani kanti? Him: baby please understand me Me: i do baby. Belive me i do. But andizukwazi nyhani ujola nawe unomfazi zazehlela iinyembezi ndangakwazi nokuzibamba oku Him: ndiyakucela Inga Me: ucela ntoni? Him: ungandilahli Me: ok wandiphakamisa intloko ndahlala ngeempundu Him: i know how you feel baby ngoba nam ndiva kanjalo but lets not give up on us Me: how? Him: lets keep our love burning Me: how? Him: ngokulwa le challenge together he wiped away my tears ngoobhontsi bakhe then kissed my wet eyes Him: sulila baby Me: andifuni ba utshate Him: nam baby wam andifuni kutshata yhoo ndavele ndaphelelwa ngamandla. He hugged me. Ndakhe ndee ncaa esifubeni sakhe into ende yexesha suka kwakhala iphone yakhe yasiphazamisa. Wayikhupha epokothweni wayijonga sogqiba wandijonga Me: what? Him: nguNtombi Me: mphendule Him: ndicela umphendule Me: haybo why uzofuna iphendulwe ndim? Him: because you are my wife mhmm ndava kamnandi ke ngoku ndaqonda uba mandiyiphendule kodwa ke ngelishwa yabe sele iyekile yhuu andadana. Yaphinda yakhala ndayibamba Me: hellow Her: ndicela unike umnikazi wefown Me: feel free to talk to me uzowufumana umyalezo Her: ndifuna uthetha naye Me: ok. Lux ufuna uthetha nawe Him: uzothetha ntoni? Me: andimazi kaloku Him: mbuze Me: uthi uzothetha ntoni? Her: haybo heee sogqiba wadroper iphone Me: ubalekile Him: uncedile ndanika uLux iphone yakhe wayibeka phezu kwakhe. Kuthe kungekapheli ne10 minutes after la call kwabe sele kungena enye from his mom Lux: mama.. Hayi mama... Andifuni kuthetha naye... Haybo mama uInga ngumntu wam asizukohlukana ke and uNtombi ndandimxelele ba abosenda imassage xa efuna uthetha into angandifowneli ngoba andifun uba uInga akrokrele uba ndiyamjolela.... Mama ndiyakuva, ndivumile ukuba ndizotshata naye uNtombi kodwa ke andimthandi naye uyayazi loo nto owam umfazi nanku ecaleni kwam intliziyo yam yakhetha yena... Bye mha. Wadroper ifowne uLux sogqiba wasondela wanditsho ngekiss eshushu i kissed him back. As we were kissing i realised that akakissi kuba efuna but hes stressed so i pulled away Him: baby please kiss me Me: ha,a ikiss ayizulungisa nto subaleka iingxaki zakho wathula wathatha iphone yakhe sogqiba wafowna Him: yintoni ke ngoku ebangela uba ubalekele kumamam ulila awunaye owakho.... Hayi maarn sundiqhela kakubi kuba ndise ndavuma utshata nawe akuthethi ukuba ungumfazi wam... Asoze ube nguye nanini na into oyiyo wena ungumama womntwanam qha...........
Posted on: Wed, 13 Aug 2014 09:47:41 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015