INSERT 84 Sasibambene ngezandla saqonda ukuba masingothuki xa - TopicsExpress



          

INSERT 84 Sasibambene ngezandla saqonda ukuba masingothuki xa sibona utata,ukuthuka kuyakrobelisa.Ndabona singekahlali phantsi ukuba uzothetha utata,imilebe yayiphithizel.Sahlala phantsi. Tata:Benizolima noba benizobambana ngezandla apha? Simni:Khawume ngo chuku madala,akulinywa mos ngoku kuselwa isidudu. Lulu:Kwaye asizude singaphumli tata jhoo ayidinisa le way.Singabila imisintsila sibole amagolo kuma ngenyawo kutshisa. We laughed ngaphandle kotata,wase wajonga ululu lusizi.Wanikina intloko. Tata:Hay wena mntanam andikuqondi ukuba ubhadlile. Lulu:Sasizilambiselani ke Dosini singayofuna udanky nje?Masitye imali le kalok xa ndingabhadlanga. Sive:Tatomncinci noba ooNako bangangezi ngomso kuze thina soy3 noko siyabasokolisa ngamantombazana kaloku la. Simni caughed,wamgxelesha uLulu. Simni:Hayi Sive... ULulu wamgibisela ngegade emlonyeni esathetha,wathula balaqena. Tata:Uba utsho njalo mntanam akhongxaki kodwa ningandibali. Aya:#ebhomba#Besingade sibale wena uyi vasi unje,hlobo eli wonqena ngalo umanzi marn uyi washing. Tata:Uthini na Aya?Ufuna ukwenza iwashing Me:Ewe utsho. Wabuya uLulu no Simni sesilungiselela uhamba.Saphuma late around 3.Sahamba phambili sashiya uLulu no Simni besela isidudu.Ndathi chuu kenam ndizulisela uba linda bade bafika kum. Simni:Awufuni ndikubeleke nanam? Lulu:Hay suphapha ngewubeleke mna..Oh uzondibeleka?Thank you babe wakhe. Watsho egwencela emqolo.Zange ale uSimni wambeleka.Wemehlisa xa siphuma kwi gate yamisimi ewonke. Me:Jonga ke Dlamini uze utye pha ungabe usenza izitayela. Simni:Undifakele ivamna wafuna nditye? Lulu:Hay vamna,kaloku umama ukujongile wena njembe utshintshile nje,uNako uzobhaqiswa nguwe lo. Wavuma,safika ekhaya.Sangena endlini sanikwa ukutya satya.uSimni wafika wangulaMzukulwana waziwa ngumama.Wayengasachazekanga ke umama encokola,engazi ukuba kuthwa lala gusha ndikuchebe.Ndaphuma ndabashiya besancokola kumnand.Ndayophumla,ngakusa ndandizoya esikolwen.Xa kuvalwa izikolo esikolweni sam kwakunyanzeleka ukuba siye sonke esikolweni. Ndazijula phezu kwe bed ndalala.Ndothuka ebusuku,ngo 8 amaxesha.Ndacingakhange ndihlambe bawo.uLulu naye wayelele ecaleni kwam ndingazi noba ebelele nini. Ndathatha iphone yam,Ndanine missed calls from Simni and Mpo.uMpo kwakuselithuba ndingasancokoli naye ndandiyazi ukuba ayikho enye uzokhweleta.Kwakukho ne message ka Simni,it reads Im laying here nanam facing on the roof thinking about you.Thinking about you remind me that Im your first kiss and your first boyfriend or love.Iam also your last kiss and love.I want our love to be like a grandma and grandpa who grew up together.That is to say i want to grow old with you.You had my heart forever babe.I love you Madosini,have a blessed night I messages zakhe zazindenza ndicinge nzulu kangagoba ndandikhe ndaralela ukuthi ayeke undibhalela even thou zazindichaza.Zazindenza ndicinge a reality,likeWe cant grow old together,asoze sitshate sizohlala singcungcutheka koluthando.Yona i message yayindincumisa it made realise how much he loves,ndandimthanda kuba wayenamaphuph awayendenza ndiqiniseke ukuba akazundishiya ngoku.Kodwa kwakucace mhlophe ukuba amaphupha wakhe ngam akasokuze afezekiswe. Azange ndiyiphendule i message yakhe. Ndavuka ekuseni ndalungiselela uya esikolweni no Lulu.uAya ke kuba inguye wathi akayi uyolima yena.Ndaya esikolweni ndingaphethenga ncwadi,njengesiqhelo ndalinda uMpo e gatin.Wathetha esekude. Mpo:uYabona ngoku nolotso ndirhuqa i kelvinator,apha entloko ndithwele i bucket eligcwele zii ice.Ndiyabanda asoze uve kaloku.kwakunini undigqibele? Me:Unjani tchomy? Mpo:ukunya kwe chomy.Indoda mnganam ikuthathele u80% wengqondo. Ndase ndahleka into endichazayo uthi ukunya wwe tshomy kwayena aphinde athi mnganam. Mpo:Uhleka nje kuba ungenazisini uba ubunezimanyula ngekunzima novula lomlomo.Masihambe. Me:Ndiphoxelwani,ndenzeni na ntombi ndibulele u chrisHani? Wema,wandijonga. Mpo:Kuba kaloku mna umbhoroso andinaye,Bendingayazi uba umntu ongenayo incabhostin um treata kanje.Sendizisola uba ndandikucengelani uba uxolele uSimni. Me:Bendixakekile kaloku Mpo ndilima. Mpo:Nabani? I smiled Mpo:Uwhoa your smile says it all,zizoqhekeka izidlele ezi.Hay ntangam incanca ka Simni iphuma i Ultramel umlandela noba uyolima. Me:Masiyothandaza iyakhala intsimbi sbhanxa. Saya kwi assemble.Xa sigqiba uthandaza Principal called me,ndaya ndibaleka. Princi:Masingene apha officin yam. Ndafika kukho My class teacher ne miss yam yesixhosa. Princi:Andizukubuza nempilo you Failer. ClassT:Ayifani nawe ke Unako oyenzileyo,umntana ebe bright kanje phakathi konyaka. XhosaT:Kaloku uMzileni besiqine ngaye apha kwa Grade9. Pinci:Uhlazekile mntanam. ThinkingIngenzeka kanjani na into enje?Ndi faile mna uGrade9,kanjani Ptince:#shouting#Unaaakooo Ndagxuma,ndamjonga. XhosaT:Jhoo akawakhupha amehlo. Princi:Unenkwenkwe?Ndanditheni ngovuma amakhwenkwe xa uzobhala?Huh? ClassT:Nanku ejonga phantsi,unenkwenkwe. Ndajonga phantsi ndachiphiza iinyembeziBendifunda ntoni kanti,ngekhe ndithakathiwe
Posted on: Thu, 30 Oct 2014 13:55:20 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015