Insert 102 Sathi sivuka ekuseni kwabe kuxokozela, uAntiza - TopicsExpress



          

Insert 102 Sathi sivuka ekuseni kwabe kuxokozela, uAntiza nodade wabo bedlana ngamazinyo. Anti: ucinga uba wena andiyazi uba nguwe owathumela abantu uba babethwe abantu babeze kwakho bezolobola, lonto yonke imikhuba ka tata ka Khuthala ilapha kuwe, ingathi awungomfazi, ndahamba ndisithi ndibanjwe inkunzi kanti yimisebenzi yakho. Antiza: yayikugolaphonkunzi na sisi, ngome ngochuku ekuseni kuvukwa mbhem yhini. Anti: akuyonkohlakalo lufuzo, wenziwa yinto utata wayesikhetha, athi mandibanjwe undibethe. Antiza, wayekholisa wawundikhwitshelani wena, zowundinikwe nguba, ilapho kuwe lo nkohlakalo, uhlaluhlale unikise ngomtaka sisi uba makazekwe likhehle le perm abe yena umtakho efunda ethwalizidanga, ndandikukholisa akwaba babekophule umlenze. Omama belali banqanda uba makungaxatyanwa eluhambeni. Antiza: nanku lo unditshinca ndivuka ndingeka phungi netengqongqo. Anti: ndandimnceda ke mna ngoba nanku uzalele ekhaya. Antiza: aba bakaOngeziwe babini nibafihlayo wendele phi yena? hay maan uzokubulala umona, sowunqwenela uba ibenguMtakho ngoku owendapha, Madlamini: yiyekeni lento niyenzayo bakwini siseluhambeni apha niva nekuthiwani. Antiza: andinaluhambo ke mna, ndiyalikhwitshidikazi ndikhuphe ibhunganentloko, kutheni ngoku sagezelwa, hayke ke mna ungandicunukisi, undehle futhi. Nam yandicunukisa lento kanaka Ongie ndisekameleni, akaceli noxolo ngento awandenza yona, kwase kwavuka nenzondo yakudala. Ndavuka ndahlamba ndahlamba no TJ sahlamba amazinyo, ukudla kwangehli ke ngok, ndazinyanzela kodwa. Saya eSalon ne gals, Zenziwa inwele zam namazipho ndafounelwa. Antiza: ndizonitshutshumbisa ke mna, tshetshani nifike kunomtwani apha uthi uthunyelwe kuwe. Mna: ngubani lowo, ufunani? Antiza: uthi uthunyelwe ngunaka Thando uba azokubhotya ummemezi mtam uyotshatubombu krwe. Mna: oh ngusisi we makeup mcele andilinde Antiza siyeza. Antiza: akuzumiwa ngani ke apha. Ndahamba mna ndabashiya kuba besendigqibile. Antiza: eh akamade mtam amazipho ingathi ulihule ... Mna: wafake nawe. Antiza: uthi ndokwazukuzithwitsha zezinto? Ngeke andizifuni mna ndiyaxolisa. Antiza: utheni na Makhulu wangathi awumandanga? Makhulu: ndinenyembezi zovuyo mtam yilemini, ndinqwena uba bekuthiwa ukhona uyise walomtwana, kodwa akunani. Antiza: yiza ndikosule ezonyembezi sijabulile thina. Phofu xa ndijonga abahlambi kwabona bayasula qha abanye bagqibezela inyama yayizolo. Zafika izinto zeti kwaphungwa beza notata kulo wethu umzi bezophunga. Qwathi: yho ngeke ngamavilabantu balapha. Zizi: ngoba? Qwathi: awubonanga wena uba yonkintwilapha, unyendleni ubuye udle kwalapha, ngamanzi uwakha kwalapha, uphuma naliphi ilanga? Zizi: hayke ungayiphathi eyompompi besilungu, ndimjije ndamncama, nangoku khange siwabone, sivele satshiyaphonto sahamba. Madlamini: uthini na bhuti, nawabonekhaya? Zizi: injalo dadethu, andisathethi ngezitabhisi endlini, kunyukwa kuyiwaphi? Ndrivele ndangena ndondlala ibhayi lam apha ngasemnyango ndaziqhutsheka, ndrababheka aba bathanda izinto banyuka besehla. Madlamini: oh betha Zizi, ziqhutsheke wena mtakamha uphumenkathazweni. Zizi: injalo. Ngo 8:30 babe besithi makuhanjwe ndabe sendinxibile ndifaka i makeup. Antiza: ayizuwa na le lokhwe ingenamikhono nje. Makhulu: thiza ngumdiyadiya. Khuthala: khanisilinde kancinci mama siyagqibezela, baphuma. Khuthala: unjani ukoyika mtasekhaya? Mna: yho ndoyikabantu. K: jonga ungoyiki sikhona akuzubakho nix. Mna: ingathi ndingabona sekuksasa. K: zixelele qha wena uba uyotshata umntu omthandayo. Salungisa sagqiba sehla saya ebantwini, bakikizela bebheshuza, caba besekulindwe mna, nemoto zimile ngaphandle, Thando hired the BMWs wayeyithanda ngoko. Nkosi: yhu yiminyunyuva mtam yile uthi nowuhlala utshibilike, ndake ndayigibela ulungu wam wayenalentlobo ndiseke lustinburg. Zizi: *ehlebeza* akuyobholani. Antiza: naliguzu liphimekhasini, nguwo nguwo ngumtshato, bakikizela kwaphuma abamelwane. The cars were decorated nicely, abafazi bomsino benxibe imibhaco yabo intombi zincebetile, amakhehlekazi ethwele onombhoholo bephethe imibheka phetsheya, imilomo imnyama ngumsizi wenqawa imibhaco emhlophe ibetha emaqatheni, izitenesi ezinyaweni, xa ndijonga uAntiza yena usanxibe itenesi ezindala eziveze ocikicane. Mna: Antiza ulibele ukunxiba itenesi ezintsha. Antiza: umtane xhego, ndizilibele, yizani nazo. Bhodi: alikhwixetsha lonto ngoku makuhanjwe, kwek abafazi ngemizanga uyofika bejikeleza......bangena ebhasini abahamba nge bus, sangena thina ezimotweni, zaduma kwakhala hooter ukusuka endlini ukuya eNkonzweni, sithe xa sisondela kwabe kudlaliswa izikuta( scooters), ngasemva iyimoto yomyeni nabakhaphi bakhe, ilandelwa zimoto zefimaly, nathi sake sema sabukela, ngaphandle kwenkonzo kuyi New brighton Band bephethe i trumpets, zadlala izikuta zagqiba zayopaka endaweni yazo, yangena i Band yenza into yayo, sekuphume nabangamenywanga bezobukela. Ngo 10am waqala umtshato enkonzweni, the band played ingoma yokungena kukaMkhwenyana se umlingele umyeni ngexa afikayo (x2) nanko esiza, nanko esiza nxiba lunge umyenuyeza wangena ukhwenyana ehamba nomama wakhe, hayke umama ka T isuits ne hat zinto zakhe, uTJ wangena, xa ebona abantu wajika wabaleka bambamba wathukisa hay maan fusek yeka mna nxa waphuma ebaleka. Antiza: mh uyathuka umdemetshi rhaa. bangena abakhaphi and they made a guard of honour. The band played 194 Bubuhle Jikelele, ngoThandwekhaya, xesha lihamba kuhle ngoThandwekhaya. Ndangena ndihamba nonyana ka Makhulu, engasemhle uyise kantamekana go ndase ndangathi ndiyaqala ukumbona, enxibe a black trouser, white shirt, black bow tie, white blazer ndase ndaziva ndisithi I do ndingekabuzwa, ndameba nje ndajonga phantsi, babambana izandla notatomncinci, ndanikezelwa, wathetha umfundisi wenza ne vows, zisenziwa nguye thina sisi I do Sayalwa, pronounced as husband and wife, sathandazelwa, safaka i rings, we signed ndabe bendingagqunywanga ngenxa ka mdemetshi and we kissed, kwakikizelwa yindlu. Sajonga ebantwini uba basibone sibambene. T wispered you beautiful Mna: you not bad yourself, yaphela inkonzo yase Nkonzweni, and u tata ka Thando cried kwabuhlungu kum, wacela ukuthetha, wabekelwa istulo phambili wathetha. Waqala ngokubulisa, waqhubeka, wayala unyana wakhe. Thando namhlanje uyindoda, ungutata, ungumyeni, ungaze uyilibale indawo yakho ekhayeni lakho, ndake ndatsho ngaphambili, ndisatsho nangoku. Bandlelihle likaYehova mandixolise ngokunibambezela, ndenziwa luvuyo nemincili yokuba beyingathanga qatha engqondweni yam uba ndakuwubona lomhla, bendiba ndobe sendikobandayo, mikhulu ingumangaliso imisebenzi kaThixo, ndim lo ndibukele abantwana bam bezimanya ngeqhina lomtshato, impilo andisenayo, nibafundise abantwana ngabenu nani, nibabonise indlela eya eNkosini, umbulelo endinawo eNkosini andinakuwulinganisa nanto....Enkosi, wahlala phantsi, kwake kwathuleka. Kwadlalwa ingoma zokuphuma benza istep baphuma abakhaphi nathi saphuma, uba sizoyofota, kwamiwa ngaphandle, waqalingoma uKhaletshe Kutheninekhapha kwayaluzela? Size kulomzi sizothetha ngalomzi, asazi nobekhapha kwayiwa ngaphi Bacula beyongena ebusini, mna noT sahamba ngemoto eyi1 zaduma nezikuta, iband yayo entertainer abantu abaya eholweni. Sabuya ekufoteni, yamisa ibhasi behla abantu bakuthi, bavula isangqa yadlalingoma, basina abafazi, basina abantwana benciyo, atyityimba amadoda ekhwitshindlam, baphuma ebesele behleli, igcodolozi zangalungi ngoku ngoba beva kamandi nabo sebefuna ukusina, bakhulula bangena kweziflat izihlangu, wonke umntu wangowase Mampondweni mtambhem. Ts uncle: bakhozi mtam ngeke kumnandi kwelakuni, akunaduli ngoku siyazalana masigideni sonke abazi bumnandi aba besilungu. Bhodi: ngena, ngena mkhozi ukhwitshindlam mtam siyazalana, amakhehlekazi enza izidlalo, sendibabona uba abahambi bodwa ngoku ikhona lento bamane beyoyimfimfitha ebhasini, babuye sebeqhatshumba, Zizi: woqalubaleka sagolwa Khalmetshe wenunezwi elingathi liyakrabalaza, mna ndondyodya mtam. Khalmtshe: Baleka sabanjwa mna ndingumfazwomntu *eqaligwijo* balandela bendyondya, batyityimba bephakamise amagxa, bebetha ngesingqi esinye bephakamise izagweba zabo intloko zilele ngamacala behamba ngomgca, bakikizela abafazi batsho kwahlokoma yabihambingoma, Bhodi: kubo! Kubo! Kubo....nguJola, ungwanya, uqengeba kamalangana, uzwelibanzi, uJolinkomo abanye bejolibhokwe nje, siphuma ngaphaya kwelakuthi emampondrweni, waphuma uT wandishiya emotweni nonyanam, Ts uncle: oh yamnandi nto ingathi kungangangenwa kwakulo holo sibelapha, bathathwephi ababantu? Bayonwabisa maan damit. Antiza: *ecula* Ho ulelulele, uleluyomtanam, oh ndrizamazama ndrodwa, ho ndrimokamokana ndodwa. Balandela, kwasinwa, balibala abantu ngokungena for uba uqalwe bamandelwa ngumamtiseni, Beqhwaba becula, bade bacelwa uba bangene. Makhulu: asingxamanga thina sohamba ngomso apha, masingeneni sosina kowamzi kuse gede. Kwafuneka kuhanjiswe aba basinaye ukize bangene abantu, bede bangena ekugqibeleni, baboniswa indawo yokuhlala phambili, bavele banaba phantsi o-Antiza negenge yakhe o-Zizi bamisa amadolo bemane bekhwaza izinto ezisetifileni uba mazidluliswe, ndibaliselwa nguKhuthala xa ezondikroba emotweni. Makhulu: ayikho na idyekile yamarhewu kotafula lenu, Waphendula usomtshakazihay makhulu Makhulu: kow qndabisanxanwa ke ngoku andiyithandi kwaledilinki mna, khothi ndiyive! Yadluliswa, watshona. Antiza: wongavanguthe awuyithandi idilinki na? Makhulu: ijiyile mtwandini ingathi ngamarhewevenkile, imandi kunjawnjoku. Kwalungiselelwa uba kuzongenwa ke ngoku, wabe umdemetshi engafuni kusuka kum engafuni kwaloAnti wakhe na kakade, wamthatha uT ndalungiswa ubuso, saready uba sizongena, kwafuneka uba umdemetshi asiwe kumakhulu wakhe. Seva ngembongi endingayazi uba ivelaphi, kwayiyizelwa, baqala phantsi bacula phakathi, kodwa bacelwa uba bathule kuzodlalwa umculo, bathula.
Posted on: Mon, 29 Dec 2014 11:41:03 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015