Insert 106 Akunzima uba ngumama full time uhlale negeza elingu - TopicsExpress



          

Insert 106 Akunzima uba ngumama full time uhlale negeza elingu TJ imini yonke, but uyonwabisa, uthanda nokuhamba lonto uhlala ngasemnyango alinde ohambayo, ndaya naye esalon ndiyohlamba i styling gel, ehamba ephiwa imali indlela le yonke, abanye ebajaivela, asine bamhleke. Kids are a blessing I tell you. During the week umama wandifounela uba ndihambe naye, wathi uzodlula ngam pha ngo 12 mandilungise, uT uzosala no TJ, ndenza yonkunto endlini ndalungisa, ndahlamba ndathambisa ndagqiba Xa ndi-ayna amajelemane kuba klk ndizohlangana nomamazala wathi uT mandiwabeke andizunxiba ezonto apha, wawathatha wawabeka apho bendiwakhupha khona wathi ayamdina yena uzothetha nomama wakhe, Mna: thetha naye ndiwanxibile klk nondoda T: ndizomfounela yibukhangela enye into ndakhangela ilokhwe ke, noko ndingade ndidelele olohlobo lokunxiba izikhindi, wakhalaza nakuyo ethi its too serious mandinxibe i jean, mxm ndangamnaki ndanxiba ndathwala wafika lomfazi enxibe ukuphola, white pants and floral top with sandals wafaka i sun glasses from D&G, naye wakhuza iqhiya kwelilanga, ndathi yima khonapho ndiyabuya, ndaphindela endlini ndayotshintsha ndayilahla le kude ndanxiba iskirt eside esigrey esivuleke kanobom amacala la, sisikekeke ukuzotsho apha emadolweni kwatsho kwabetha umoya, nevest emhlophe nesandals ezi silver, ndakama entloko inwele zam, injani into neyinje ke wanqwala u tatekhaya ndathatha ibag yam ne sun glases zika T andinazo mna zophuka ndandizithenge estratweni. T: beka izinto zam wena. Mna: khawuyeke kuyatshisa ndoda. T: phatha i credit card ngoba asinamali, uthenge ezakho ke ubeke ezam. Ndazijonga ezi glass zithethelwa kangaka (Gucci) likhulu ke eligama noba ndingayazi iprice yazo, akufuneki noba zophuke, mxm ndathatha izinto ndahamba. Ndazinxiba ndisajika ikona ndatsho ndathi yabona hok, ndingumfazephepha kamadlanduna ndiyakxelela. Mama: nazo nje, hamba molokazana wamina, intlonipho isentliziyweni mtanam hay kwezilokhwe zinde zigquma amaqatha, andizukubhanxa mna ndithi gungxa, uxakathe, susa lonto izokubona maan indoda yakho, uveze lo figure, noba sesiyikhangela nje, uThando ambone lomfazi amtshatileyo, ungashiywa apha uzivale ubuso, mfishe maan, angahlaliseki kulandawo akuyo, afune ukuhamba nawe qho uphuma ngomnyango, ube ukhazimla okwelanga. Mna: betha mamiza kwezondawo, ngenapha, ndatsho ndimbhantsa, ndase ndamthanda lomfazi yhini le! Mama: injalo, nxiba njengabanyabantwana uthande indoda wena qha uyihloniphe, hayke uyabe unditshubile. Mna: nge weekend enye sowulimpondo nawe, Mama: ubani ndiyaya le uzubheke wena. Sahamba, ethi ufuna ndiyokhetha i present yethu yomtshato. Mna: kungcono uThando abekhona ke kuleyo ave e choosy. Mama: jonga, soze ubenanto uba uyophika ne ndoda, kodwa xa se ikhona ewubona umsebenzi wayo uba uyancomeka, ayithande ngathi ibithengwe nguye kodwa ebengayifuni. Mna: ingxaki mama nam andazi uba ndifuna ntoni, nala flat incinci. Mama: mna bendicinge i washing machine or dish washer kodwa mbuze ke nindixelele xa seniyazi uba nifunani, jonga ngok inzipho aziphelelanga ngulomgutyulo zitya. Mna: zaphuma kwezambiza ndandizikrweda ngalamini, wanceda wandi bailer. Mama: kufuneka i dish washer ke uzoyeka ukugweda. Mna: oh! (I wonder injani le dish washer bawo * ndizicingela* Mama: uzoyimela into yokuhlamba izitya unless nizofuna umntu. Mna: masingaqale siyithenge ke ndicinge uba ndifuna eyiphi. Mama: ok! uThando kuzomele athenge enye yazo ke ngoba ne washing machine iyafuneka. Mna: ok ma, ndizoyiqala ngaphi lonto mna kuT ebethe akanamali, *andicingi ndizothula mna ndiye e laundry xa ndisonqena*. Mama: masijonge impahla ke instead, sikhawuleze torho ndiyagulelwa mna akufunekanga ndihambe ixesha elide. (Kwakungathiwanga i company idontsa nzima na sinqunqa imali nje, kodwa ndathula ngoba andingeni ndawo ndingumendi apha) Mna: nam ndishiye abanttwana endlini bonanje. Mama: yhu yitshuphinda, ngumntwana u thando gem yakhe, andimhlebi ndiyamazi ngowam. sajonga emane ethi mandithathe, yhu i suit ye R1000 or more, ndase ndabila ndoyika nokukhomba. Mna: hay mama wethu ungazikhaThazi uThando ebethe sizoyothenga. Mama: umfazi uthengelwa emzinakhe impahla, ezobuntombi uzibeke ecaleni ke sisi ungu mam ngoku. Ndancama ndavuma wandikhethela yena. Mama: ndikuthandela le mna e chacoal ingakuma kakuhle kulomzimba wakho, izothi nca kamnandi, okanye le i grey nazi nezihlangu zayo ezi pink, thina funeka ivuleke klk mtanam isithe nezibunu zingekhoyo. Mna: hayke mandithathe yona mama. Mama: dibanisa nale, mhle umbala o sky blue nesihlangu esi brown, yabona esi, sibrown + nalo welokhwe phambili sijonge. Mna: ewe ziyahambelana mha. Pewu! Wahlutha novenkile ndiyakuxelela. Sajonga, ndalinganisa iplatform endibize ndikude ndangajongi kwalo price. Mama: usifumanele i suit ebomvu sisi jonga kungakhalabantu, yithi ndijonge le ndiyibone ngaphaya, wahamba wabuya nayo, hambolinganisa. Ilokhwe 550, bhatyi 750, ndayolinganisa ndimane ndivela ancome umanyoko, ndathanda le e red ye Polo ngoba u T uyayithanda i Polo, kanti ndivuyiswa yinto encinci, le ye Guess ngumrholo womntu, le enye inegama endingalaziyo ndathi ngeke mayishiywe noko, itheni yona yodwa, iyazihlamba yafura kangaka? Mama: thatha wethu sihambe, naye wathatha esakhe sayobhatala, kwathi mandithwale izandla entloko xa ndibona i total amount yezinto, wabanika i card encume ebusweni, wabhatala sahamba, Mna: oh umo wayo le shop ayina brand eyi 1? Mama: hay lhalha STUTTAFORDS uhlanganisile. Mna: uyadura kodwa. Mama: kuyaxhomekeka uba uthenga ntoni. wayondibeka endlini wangangeni wajika wahamba. Ndangena ndaziphosa phezu kwe couch ndahlala. T: haybo awuthenganga na? Mna: nazi. T: then why iphone ingandixelelanga uba uthengile, zinton ezo? Mna: ngumama othengile. T: so wena awubonanga nto, bendiyazi uba niyothenga xa uhamba nomama dats why ndithe hamba ne card. Mna: oh, hay undithengele khange ndilisebenzise. T: ok! Linganisa ke ndibone. Mna: uphi uTJ? T: ulele eroomini. Nam ndalinganisa ke ndapha, futhi hay umona phantsi zintle impahla zokudura uyiva emzimbeni uba yeyexabiso. Sisabukana njalo ndilinganisa Kuvakale ilizwi likaMdemetshi ekhala phandle, sajongana, saleqana ukuya phandle, kanti use next door kulomntwana adlala naye, abantu balendlu bona bahleli ngaphandle bayasela badlala nomculo, ndingene kuqala mna xa losisi embetha ngesandla emqolo wayowa umtanam kwabuhlungu kum, wandityhala uT waya kulo sisi wamfaka impama eshushu kwabe sekungena notata walapha, ndathatha usana lam ndayoma emnyango ndamthulisa ndijonge kule ntombazana izibambe isidlele. Girl: plz ndicela nithenge i vas yam, yi 800 nicele banibonise evincent the only shorp ethengisa i vars ezidurayo, ndingasamince ke mna uba angabethwa lo unesandla esishushu ngabantu. T: yi R800 qha le yenza ubethe umtanam kangaka, uyakothuka na wena ukuthenga into ye R800? Because ndingakuthengela kugcwale lendlu today (laqala ke itshamba lakwa Makhaula) ngeyiphi yona imali ebethe ayikho akuyiwa kwi honeymoon! Mna: T masambe plz, sisi sizoyithenga into yakho ksasa siyaxolisa. Hayke indoda yalo sisi nayo yafuna ukuyenza nde lento uba bekuqale kwathini, wabe engalili uTJ enesingqala. Kwaphendula omnye ubhuti caba yena ebevelile emnyango. Bhuti: hay ndibabukele mna abantwana bekhombisana ngayo, lo ubethiweyo ebebukele lo wenu ezama ukuyithula kulandawo ihleli kuyo, caba bazodlala ngayo apha phantsi, wasuka wayidontsa ngamandla ke ngoku yawa kwezi tiles, nawe awubuzanga uvele wabetha, bendizokucacisela mna. Utata walapha wathi mayingathengwa yi mistake yabantwana and ingasixabanisi lonto bazothenga enye. Mfazi: u Thandeka zange wayiphatha le Vars kudala ihlala apha, mabayithenge mabangohlulwa kukuqeqesha umntwana wabo. Ndavele ndabashiya apho ke mna ndayothulisa umntwana, TJ: usile loyana. Mna: ewe ndoda usile lala wena ungaphinde uye pha. Wangena uThando sesithi mayiyothengwa lento yabo. Mna: asoze nditatazelele lantombazana mna, uzoyilinda ithengwe mhla kuve mna, ndisathulisa umntwana futhi ngoku lo ebengomba. T: uyandidika umntu onochuku mna Yolisa ndifuna idlule yonke lento. Mna: nawe phola sithulise umntwana lo, inoba kuvaliwe kwakulo shop yabo yebhongo, baphi kona aba babehlala pha before? T: bahamba kwangena lo bhuti, lentombazana ineenyanga ifikile nalomtwana and Yolisa umgade uTJ andifuni aphinde aye pha. Mna: wena ubuphi ngoku ebephuma? T: andimbonanga mna inoba uvuke waphuma ngoba bendivulile emnyango. Mna: yabona ke, nakum ingenzeka lo mistake nawe umgade. T: uthi uzondibophisa, ndithe makaye akukho mntu uzobetha umtanam ndikhona ndimbukele, she must think again. Mna: yindlavini nje kwayena esela namadoda ngabe ugade abantwana aba bangophuli zinto. Kwafouna uAntiza kulomisindo. Antiza: uthinumdemetshi mnikenifoni athethe noninakhulu. Mna: ulele Antiza: eminapha? Mna: ubelila Antiza libali elide. Antiza: ulyt na bakwithi? Mna: ewe uryt Antiza Antiza: hay ngomvuse, utheni ngathi unesingqala nje! Mna: ebelila klk khehlekazi , akavimbi lonto uthi come duze, lamini nihamba, wafika wafuna ukudla ndamenzela yena nalomngane wakhe, wamgxotha wathatha kwa okokudla. Antiza: hay nayibhuda nina, akahluphi uMdemetshi, ndimphakela besadlala, ndimfake ekameleni, adle sibebomvu, ndiphinde ndenze omnye umvubo, ndibabize bonke ke ngoku, noba bangaphanga ndiyazi bahluthi aba bam. Mna: nivimba nonke kanti. Antiza: hay ayikokuvimba mntanam ntokuyo ndifuna bahluthe aba bekhapha, bafike badle aba emawabo ndibe ndikhalelwa ngabantwana mna. Mna: ukufuna kuye konke ke apha. Antiza: aninakamela na nina ningamfaki kuyo nje? Mna: ndoyigqiba nini lonto mna ngoba uvele azibhuqe phantsi xa sefuna into. Antiza: kwenze ukogqume, uyazithathela kanti nebona uba awumnakanga, mna ke nditshincwa yilento bavele beze bonke, ndimfake ekameleni ke mna idle ideme deme kamakhulu. Mna: uwoh yilento enesisu esikhulu ngathi ine galmoya. Antiza: ndikukhwitshe ke mna ngomtam, andisamkhumbuli bantu. Yaphela imali. Tyhini yabe isa shoutisa lentombazana phandle imane izojika emnyango, ndatsho ndathi ndivelelwe, T: unxilile wethu lo ungamnaki. Wabe ethi uyifuna ngalomzuzu i vars yakhe. Mna: ingathi kuzoyiwa 50/50 kulento xa ithengwa, nowakhe ebekhona. T: hayke nawe uzokwenza izinto zibe worse. Mna: uzophela wena ngabantu balapha uba awuhlakaniphi, why i blame ibekwa kuTJ, ngoba engazuziphendulela? T: sizoyithenga noba iphulwe ngubani i dnt care.
Posted on: Mon, 05 Jan 2015 06:36:29 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015