Insert 108 Umama called ppl uba kuhlanganwe eMtata, u Bhut - TopicsExpress



          

Insert 108 Umama called ppl uba kuhlanganwe eMtata, u Bhut Sabelo (family member) yena wathi ungena kwakhe eGcuwa umama wamcela uba sidlule ngaye wavuma, Mna: mama ingase angangahambi noNosiseko lo wakhe khamcele lo bhuti aze yedwa, Mama: myekele kum lowo, uyamazi akasali nje ngumakhwapheni. Mna: abatshatanga na? Mama: nditsho kuba ehlala ephantsi kwe khwapha lika Sabelo. Mna: ave ndimonqena. Mama: ungaxihluphi ngalowo, xelela mna, lo uhleli kwakho nendoda ufunani yena, abazazi i hotels, uyivuma njani Yolisa lonto nibancinci kangaka nibe nixinwe ngumfazomdala? Mna: bendonqena ukuthi hay xa becela. Mama: waqhawuka umthambo ka hay kuni ninoThando ndiyanibona, ndizomgxotha mna, mabafune indawo ksasa oku kusayo, uThando xa ebuya uzodinga ukunakekelwa, akazube ke exakwe kukukhulula athotywe amanxeba ngenxa yabo, yithi ndibakhuphe ngoku, ndiyamazi mna uNokzola yincukuthu le imfimfitha igazi. Wamfounela, akathi ksasa ke yena, Mama: yeNontombi ndim umama ka Thando, uxolo sisi funani indawo ksasa mtaka sisi, ngakumbi emva kwalento yehlileyo sizoyidinga iflat, ungandiva kakubi noronqo kunzima ngoku......ewe nono ksasa ndizothumela umntu ozolanda istshixo nisishiye ku security. Bye. Mama: hambaa, vukuvuku ndini, nxa. Mna: uyamthemba uba uzobe ephumile ksasa? Mama: undazi kakuhle, andiyitshayintsangu mna, ucinga kutheni bengayanga kum, ndakumphambanela mna angake alinge, ndivuyela nalento sowukwazi ukuthetha mtanam, Thiza andigulelwa ngu Mthobeli ngapha, ngunyanakhe ngapha uwa nemoto, akukho kuphumla emhlabeni inene , kodwa uThixo ukhona. Mna: unjani utata? Mama: uyathembisa noko, bendithi ndobe ndingumhlolokazi ngoku, kodwa ubawo undifundisile uba ubom bomntu busezandleni zakhe, uyabulondoloza, ndiqinisekile noThando uba usindile ngesandla somdali. Mama: uyandiva? Wase wandwanya. Mna: ndiyakuva mama qha ndiyacinga. Mama: sucinga, kusebenza ukholo ngoku, sihamba neqhawe lama qhawe, Prince of Peace, undibonisile mna andimthandabuzi, sayofika egcuwa, bhut Sabelo weza elandelwa ngumfazi wakhe esonge izandla, i makeup ingathi ebetyabeka indlu ( ngabantu bakwenza u feel(e) small phakathi kwabantu, the day endibona before umtshato, wabuza uba ndifundile na, ndenzani ngoku, nditshatwa kuba ndithandwa or kuba ndinomntwana, ndisuka phi, wandi underminer) dats why ndingathandi uba abesecakwam. Bangena, ubhut Sabelo waqhuba mna no mama sahlala ngemva uNosiseko wahlala phambili. Sahamba. Bhut Sabelo: lentwana ibikula ngozi ndidlule kuyo ngoku ndinyukayo? Mama: yeyiphi leyo, asazi nathi sisuka emonti. Sabelo: hay maan sisi inye ingozi ibilapha endleleni, ndike ndacinga uba ndime kodwa bendileqa maan. Mama: qhuba Sabelo kukude eMtata fondini. Sabelo: kunjani makoti? Ndakugqibela ngalamini inkulu, hey ayevutha amampondo andikhumbuza kude madoda. Mna: ndiyaphila bhuti unjani wena? Sabelo: kuhle nakuthi, tyhini ilele lendoda ayazi noba kubethwaphi. Nosiseko: ngumakoti lo besimtshatisa kule veki iphelileyo na lo senxibe ibhlukhwe ehamba ngentloko? Kumnandi kwaMakhaula uba kuphelele apha, uzoyosiphekela nini ezilalini? Ndathula ingathi andimva, nomama wathula kodwa uthe ndimyekele kuye, sadlula kulandawo sekungasekho mntu but kunemoto etshone ezantsi, Sabelo: ibilapha le ngozi sisi, apha gqo sadlula sayofika eMtata, kwek ndaqala ndabila, ndabeleka usana lwam ndabalandela bethetha bodwa uSabelo nomkakhe, safika abanye besalindile, akwabinzima kum ndisoyika nokubuza uba kwenzekani, babe besithi nabo bebelinde umama afike, ndathandazela uba abe kanti ukhona nyhani uThando apha, nda rehears(a) uba ndizokwenza ntoni xa ndimbona, maybe ndim hug(e) ndimqinise, okanye ndi scream(e) and jump or just kiss him and ask how hes feeling, zase zangenzi sense zonke ezinto ngoba andazi noba injani icondition yakhe. Umama wabuza e reception kwathiwa masilinde akakasiwa e wardini, salinda kwabetha 12 ebusuku sade sabizwa, hey indaba ziyakhawuleza ukwaziwa, xa singena sesibaninzi ifreinds zakhe sezilapha, umama wathi masingene simbone bazolandela abanye, sangena uThando exhome imilenze ibhandetshiwe yomibini nasentloko ubuso budumbile, ene cuts ezingalweni. Mama: oh umtanam, yiza, wam hug(a) wamcofacofa emjika ubuso, ndahlala phantsi, zonke ezinto bendizicinga ndangabinawo amandla azo, i felt a need of praying and thank God ngokumsindisa ngoba akuyiyo lento bendiyicinga uyathetha even thou evakala uba usezintlungwini, ndenza i silent prayer and said Amen ndijongile, wavuka uMdemetshi ndamehlisa T: nantsiDemetshe ka tata, halo boy! Wambheka uMdemetshi wanaba phantsi ezosula amehlo, uThando wandijonga wamisa ubhontsi (as a sign yoba ndi ryt) ndavuma, naye wavuma ngamehlo. T: mama awuhambi nabantu? Mama: balapha phandle ndoda. T: inoba bayazibuza uba kutheni ungabuyi uzobaxelela uba kwenzekani. Mama: unyanisile, yithi ndibachazele bantwana bam ndiyabuya, (waphuma). T: sondela, ndatsala istulo ndasondela. T: uqumbeleni? Mna: andiqumbanga, ndimbi qha, ndiyadlala inoba kukothuka andazi nam. T: ndiyakwazi Yolisa, and m sure ubundithuka kwalapha endleleni. Mna: ezinye izinto azithethwa xa kunje, but m glad you survived, andazi uba bendizothini uba bekwenzeke enye into...... T: hey shhhhh ndilimele Im not dead. Mna: you should hv waited for the rain to stop, ndim lo ukuxheshileyo uba ude ufike, and i know ububalekisa endleleni kunini ndikunqanda Thando! T: To be honest with you, bendihamba ne coleagues zam and we were racing, stupid i know but we did it Mna: ubuhamba nabani? T: I was alone in the car, infact umntu ebehamba ngemoto yakhe, one of them lost control, i dnt know how but kuvele kwamnyama imoto zagcwala indlela in all that ndibone imoto seyikule lane yemoto ezihlayo kusiza i truck, ndayijika yajonga emtata yaspiner zacima izibane so im here alive and thank God gor that. Ndase ndangathi ndibaliselwa nge movie yemoto. Mna: nidinde nonke? T: Andaz yhaz, but ibimbi lanto, nam andazi uba ndisinde kanjani, kuye kwathini nini. TJ: uleleleni wena? T: yizapha boy katata, ndabe besendimlibele noba uhleli phantsi ndisamamele le movie kayise. TJ: ton le? (Ekhomba ama bandage. Mna: zibuyile na ingqondo Mdem dem ubukade ubhidekile nje? TJ: vuka, (meaning nakasukume amthathe) T: andikwazi njena, mnyuse Yolisa plz, ndambeka kakuhle ecaleni kwakhe, uTJ walala esfubeni, ndambrusher umqolo, caba usozela. T: uxelelwe ngubani? Mna: lipolisa elithe lingu Thuse. T: wakuxelela nje kanjalo uba yiza indoda yakho iwe ne moto? Mna: ewe ebezothini, hayke yena usisi wandiqwela ngokuthi ubhubhile amapolisa andinizela ukuzofanisa. T: huh! Usahleli endlini yam njalo? That woman is crazy m telling you, akazazi izinto zokudlala. Mna: ndyakxelela! Uzokwazi ke ukuhamba xa unje okanye ndixokuqhuba? T: suka zintwezincinci ezi, ndophukile qha umlenze omnye utwisteke iqakala then ndabetheka ngentloko ndine cut, ebusweni andazi uba benfibethwa ngubani. Kwangena u Zakes ichomi yakhe, wambamba ubudoda. T: weenzan wena? Zakes: mfana wam ndifuna ukuqinisekisa uba iyasebenza, unomfazi klk, xa isasebenza noba ezinye zingangasebenzi, soze ulahlwe. T: hey uyadelela wena, ungenza lonto phambi komfazi wam! Zakes: uyayazu sis Okuhle lento yakho maan. Ndajonga phantsi. Zakes: hey uyathandaza mfanasemzini, zibhodile zonke kusinde wena nale groetman u Thulz. T: umngomezulu, ingathi ndifike naye apha nje... Zakes icishile mfana , apha emahosi. uThando wayengezelisa amehlo agcwala inyembezi into zangok, T: yithuyadlala mfethu. Zakes: bendizise umfazi wakhe apha akanamoto andithi, so wandicela, mna ndihlangene ne olady lakho aphezantsi landiringela uba ulapha, kanti kudke kwathini? T: khawuyeke fethu, Zakes: qina ngqina, hade boy, bulela wena uba uphila nefamily yakho ilapha. T: uTulz unjani? Zakes: hey ngu die hard la way, ayinawo nomkrwelo inomothuko qha, thats why ibilapha, futhi ingathi seyihambile yona but imoto iphele vuthu. T: ja neh! (Wosula inyembezi) Zakes: bendithi mandijikele maan xa u grand nam ndimnandi ntwana yam neh! Shopop yithi ndinganiphazamisi nomamekhaya. T: sho Zakes. Wahamba, mna andikwazi nokokuthulisa ke ndiske ndilile oku kwam. T: one of the days i will never forget as long as i live. Besingenwe yinton? Jonga ngok everything is a mess, wish i can reverse the time kube sekuseni, sibe se hotel and plan this day differently, but its too late now, they gone, gone, and they died for what? Stupid race in a slippery road, why ddnt we think argg maan life is so unfair, look at me! Was suppose to be at home relaxing with my family but m here. Mna: you need to calm down, you hurt i understand but be glad uba usaphila usindile abanye bengasindanga, ubungayazi nawe uba kuzobanje, no one knew, we would hv prevented it. T: I am greatful but i cnt help it, bashiye abantwana ababantu, bazokhuliswa ngubani? Mna: awuwafun amanzi? T no Thanks. Bangena bonke kwenziwa umthandazo bahamba abanye abantu, umama wathi ufumene i bnb ngase Myezo masambe. Mna: ndizohamba xa sebendigxotha abantu balapha. Mama: ulate sesigxothiwe funeka alale lo sizombona ngomso. I gave him a warm hug and a pack on the forehead ndamxelela uba ndiyamthanda. Mna: ndizokubona ekseni ke. T: uzofika ndilapha. Umama wathatha uTJ sahamba.
Posted on: Wed, 07 Jan 2015 03:46:53 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015