Insert 109 Daps: ke ngk ukutya oku uthi unako ubukuthengelwe - TopicsExpress



          

Insert 109 Daps: ke ngk ukutya oku uthi unako ubukuthengelwe nguban? Mna: umakhulu uyandinika iR500 qho ngepeyi so ebendinikile ndayogrocer qha ke ngk akho mbiza nastove sopheka kulandlu. Bona: yhooo! Hay ngumhlola lo. Bekukubi maarn kum kubuhlungu bendimbona nje notata lo ejongise intloko ezantsi kodwa bendimcaphukela. Stepmom: mna andinangxaki nomntwana#ubetsho ekhala# qha into endingayfuni yile yoba utakaYolanda andithuke,,uyayazi naye lo mntana wayezile apha,wazokoxuthwa ngabantu bakokwabo singekho,andifun ke ngk mna uba ndibe sekuthetheni..iyathethisa into yalmntana oko yayithethisa elusana. Mfxcccm ubendidika ke lo mama ngoba bengancedisi. Daps: hay ayizukwenza nto lonto ngoku nawe uburongo awunogxotha umntana ngobusuku uthi makayephi? Hay sisi khanimise ingqondo ngoku. Bendithule ngathi andikh ndithe nca kuDaps. Kuye kwathiwa usis makayondenzela ukutya kuzosala kuthethwa,nyan saphuma nosisi wandenzela ukutya ndatya gqiba ndayohlala nabanye abantwana. Yhazz sumtimes it jst doesnt matter noba ungazenza uNontombi ukuzixela abafana bengekatsho kodwa ingqondo yona xa ungumntana iyawusoloko ikuchaza. Ngoku ndihleli nabanye abantwana besendilibele noba bekukhe kwakubi na sendihleka ndincokola nd I guess its bcoz ummo lo wam andingomtu uqumba kube kudala. Bekungomgqibelo ebusuku salala kwasa kwaba yicawe nangecawe ndangahambi kwathiwa ndizohamba ngomvulo ekuseni ngoba bona abazukwazi ukuvele bandithathe bayonqena ukuthetha,ooDaps bebengayiva tu le yokubuyiselwa kwam kulamzi bt bekungekho nto banoyenza ngoba lo uzalwa notata ncam ubezihlalela eKapa nd omnye lo ndidla ngokutya kwakhe ubeyicuzin katata yena nd bekudontwa nzima shame kwakhe. Ngecawe sihleli imini yonke kumnandi kwade kwatshona ilanga. Utata ndingabe ndiyaxoka uba ndithi ndake ndamva ethetha ukuba makuthiweni ngam okanye kungathiwani mhlawumbi wathetha mna ndingekho bt ke zange indiphathe kakuhle lonto mna. I felt like he doesnt love mi or he duznt care noba kwenzekan kum. Kuphinde kwalalwa sunday savuka mondy wonke umntu elungiselela ukuhamba. Mna bendizakuvasa apha ndihambe ndiyonxiba endlin yam. Nyan ndenza kanjalo xa ndihamba usisi gave mi iR100 wandipha iskipa nejean yhuu bezintle shame. Kaloku uYoyo bengenasiqu tu elingana nam kodwa ngoka 83. Ndiye ndahamba ke ndafika kwamalume ndangqala kulandlu iyeyam ndanxiba ndathatha incwadi ndaleqa eskolweni. Khange ndibonwe mntu apha ekuseni. Emalanga ndabuya uphuma kweskolo ndafika ndakhulula ndaya ekitchen komalumekazi,ndafika nje ndabulisa babe bephekile ndahla nam. Kwaphekwa kwagqitywa kwaphakwa ndaphakelwa nam ndathi ndihluthi,andizaz ba ndandihluthi nton kodwa umoya wam wavele wandixelela ba uyalingwa apha awunikwa nyan oku kutya. Emva koba ndibongile ndaphuma ndathi ndiyolala,ndathi chu ndaya kwadaps. I guess wavele waqonda ba ndize ekutyen ngoba wavele wathi mandiphakelwe, ndatya nyan gqiba kwam ndahamba ndayolala. Ekusen ndithe xa ndivuka ndisiya ekitchen ndiyobeka amanzi ndafika kutshixiwe ekitchen. Ndayonkqonkqoza kulendlu kulalwa kuyo kwathiwa asaziwa isitshixo. Ohk ndathatha uniform yam ndafaka ebhaken wencwad netowels zam zokuhlamba ndaya kulotata phakuhlala khona umomncinci,ndafika ndambalisela uba kwenzeken ndavasa ndaya eskolwen ndashiya ezi bendizinxibile impahla phaya. USisa besiseryt mna naye bt bendingambaliseli yonke into le I only told her ndihlala ekhaya ngk nd akuzubalula ulala kwakhe oko so he understood. Ndaphuma eskolwen ndaya kwaMomnci ndafika ndakhulula ndafika ndigqunyelwe isitya esinokutya mfondini. Yhuu ndaygqibela nin lento. UMomncinci ke ubengumsuthu isiXhosa ebesizama ukusithetha. Ubehlala apha nomntana katatomncinci owomfazi owaswelekayo kunye nowakhe umntana lo katamnci ubeyinkwenkwe owakhe eyintombi emdala kulo katamnci. Umomnci asked miawufuni uzohlala apha? Mna: ndiyafuna momnci. Her: ngathi ngewuyothataha impahla yakho ke mna ndizodilishana nomntu ozozondiphambanela apha endifuna wena. Yhuuu ndancumela ngaphakathi sana. Mna: ohk ndizayozithatha momnci. Momnci: akiba undestandi mina la bantu,ufunda grade 12 mara bakutreater so batlokufailisa moos. Ubesithetha kanje moss isixhosa Namama wakho lo stepmom wakho naye wakuyekela mele ngabe ukuthathile angazi y basakuthathi mina ke ngisakutha uhlale nam la ngoba yibo moss bangitshelile kuthi umntana wala ekhaya,so mina kizohlala nawe ke uzodla noma ini le thina siyidlayo. Mna: enkosi momnci. Zange ndibesaya nokuyyothataha ezo mpahla bendimane ndiya eskolwen ndibuye ndinxibe ezi zinye zilapha friday I told momnci andizubuya nd be understander ke shame mama segoli wangabinangxaki. Ndaya kwaSisa 4 iweekend ndabuya sunday late ndalanda impahla yam zange ndibuzwe noba ndiyaphi ndajongwa nje sana. Monday nday eskolwen xa ndibuya ndafika ethi umomnciUstepmom wakho ufihile la wathatha zimpahla zakho angiyazi ke koba uthe wena uzazilanda ngokwakho. Mfxmm bengathanga akandifuni ndiyathethisa na lo??
Posted on: Thu, 06 Nov 2014 17:07:44 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015