Insert 112 Baye bemka ke abantwana bam notata wabo ibingaske - TopicsExpress



          

Insert 112 Baye bemka ke abantwana bam notata wabo ibingaske ndihambe okwam qha ke andizilawuli ndiyalawulwa ngugqirha..if awusazi isibhedlele udika kwaso awazinto sana akumnandanga esibhedlele ubane uzobonwa uphinde ushiywe mmmm hayi! Uye wafika ke udoc wandikhulula ibhandesh entloko wajonga inxeba.. Doc:: wow noko lingcono ngoku ngomso nakanjani uyagoduka cc...bendizivuyela ezondaba kalok iworse ndikhumbula untondo wam yini emncinci ahlale i2days ngaphandle konina kwaye bendicingela no Alu athi eze kumamakhe eholidayn afike esesi bhedlele. Doc::ingathi avuyi nje? Mna::yhooo ndiyavuya doc qha uthe wondixelela ngalomba wabangela ndicinge ngabantwana bam! Doc:: oh shame cc hayi noko sowugoduka.uye wandihlaba injection uDoc ogqiba wemka.. Ingqondo yam ngoku ibicinga ngeza mbali inoba bezisuka kuban bethuna khona ngumntu ebendazelap lowo uba ndisesibhedlele! Usathana kodwa uyandilinga futhi undizama ngandlela zonke..kuye kwafika ukutya bendingacacelanga noko kutya nakakade mna..ndiye ndalala wethu andatya. Ndivukile kusasa ndivukile ndayohlamba kwabe kufika nogqirha kengok wathi ndingagoduka noko ndingcono qha zendizinakekele! Ndiye ndacela ifown ndafownela ikhusta! Oh shame besingena kwa kiliva kalok thina ngoku itaxi ibizoqhelana nomntu bendinaso istress kodwa kuba itaxi bendingesayiqhelanga tuu. Exesheni uye wafika uKhusta ehamba noZola bendiphethele impahla nyani ndayo tshintsha ke kuba iuniform yam ibigcwele nje ligazi bendizoyihlamba then ndiyilahle..sihambile ke sincokola uZola ebebane endijonga espilin ndingaz noba undijonga nton beske wandidika nyani. Khusta::Pariri awulambanga? Mna::ndilambile kodwa sendotya endlini andifuni ukuhambe ndigqitha ngok. Zola::hayi nyan Asa enye into usesezintlungwin. Mna:: injalo kanye bhuti. Khusta::umama ukhona ufike ebusuku izolo lv. Mna::haibo uthini na ngoku. Khusta:: ewe kalok wothukile wabona ukuba makeze. Mna::ulungile ke umama yazi ndabane ntlahla ufumana umamazala onje ngaye,. Siye sayofika endlini sithe nje sipaka imoto kwabe kusiza umama! Mama::oh mntanam uziva njani kodwa? Uye wandihaga ke ndimbona ukhathazekile. Mna::hayi ndingcono noko ma..siye sayongena endlini ndahlala phantsi noKhusta wangena uzola yena kange angene uye wemka! Mama::masithandazeni!siye sacimela sonke ke wathandaza umama! Bawo wethu oyingcwele siyabulela ngokukhusela umntwana wakho kotsotsi kwaye ndicela ubakhusele Yehova kunzima kulomhlaba siyakumema kulomdeni tata wethu osezulwini Amen! Khusta:: mandiyophaka ke Pariri umamakho ebephekile! Mna::ok lv! Mama::Asange mntanam ndivile sonke istory ndicela wohlukane nala mankazana kaMkhuseli umntu into ayenzayo uyazenzela ehambe ekwenzela intshaba ngenxa engoneli ndidanile maan ngumkhuseli. Khusta::bt mama andenzanganto nje mna. Mama::vala lomlomo maan wena nguwe wonke lo uhambe uzifaka ezintweni ucimba umntu kulula ukuyeka..kodwa wena Mkhuseli uyandiphoxa xa unoze uhambe endlelen eyahamnjwa nguyihlo ufuna lomfazi afane nam? Khusta::Asange khawuxelele umama kange ndenzento kule game! Mama::noba wawenze nini nguwe wonke lo wenzela umntana bantu intshaba nxaa!!! Umama ebenomsindo nyani ibingaske amginye uKhusta bendinentsini uKhusta ebeske watshonelwa lilizwi efuna ndimgqinele ukuba kangenzento. Khusta::ndicela uxolo maah ndifundile isifundo nalamama esibhedlele le uthe ndim unobhangela walento yehlele uAsange kodwa mna uThixo uyayaz ndimsulwa! Mama::ngumama waphi lowo! Mna::omnye umama ebesesibhedlele naye uvele nje wathetha wathi umoya umthumele kum! Mama::kuzofuneka ke sidibane nalo mama ingathi ininzi into ayaziyo.ukuxelele ukuba ufumaneka phi! Mna:: ewe mah uhllaala est johns eharare. Mama::ok sisi kofuneka siyeni nge cawe.. Siye sahlala sincokola ke umama wathatha uMila wayolala naye..nathi sayo lala bendisozela kanjan bendidinwe nayibhedi yasesibhedlele kalok mna! Siye salala kwangoko nokhusta singancokolanga nenye.. Bekungathi ndyahamba phakathi kwemikhukhu ndikhangela indlu yalo mama bendilahleka ndadibana namantombi ababini ndabuza kuwo ke baphi nabo baya khona nam ke bendivuyela ukufumana abantu bohamba.sifikile kulomkhukhu sangena haibo ayisinguye lomama lo..ngumntongu mama naye ongathi unama phondo.lo mama uye wabuza ukuba nguye nah? Athi lamantombi ewe wathi lomama jonga wena sulibazisa sapha esosibeleko sakho ingathi bendijijisa kanjan. Ndaphuntsuka xandiphuma emnyango ndabethwa into entloko.. Ndiye ndakhala ndade ndaphumela! Khusta:: intoni Asange! Mna::hayi maan suka wena kum..chin uKhusta waske wanobabuso balamama bunamaphondo ngok ndamoyika..kuye kwangena umama esiva esisikhalo naye. Mama::kwenzekani apa. Khusta::uyaphupha uAsange! Mna::mama basithathile isibeleko sam bendilila nyani kengoku usathana ebendifikele ndingakwazi nokhalima UKhusta ndimoyika :( ibuhlungu into endilandelayo!
Posted on: Thu, 18 Sep 2014 13:02:15 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015