Insert 121 Nebekudeni ndigezelwa yintombedudel ujambase mna - TopicsExpress



          

Insert 121 Nebekudeni ndigezelwa yintombedudel ujambase mna ndingumfazomntu, unakaMdemetshi, nezendinikwe ngubani sekhwela ezehlela, akathi kdala uyise ka ntamekana, nesiphethuka isciko sentloko wenza le ifunwa nguye. Ndavuka kwakusasa ndagqibezela ukupakisha, ndangabisabanayo nalombeko yoku ayina ndazisonga zinjalo zokolulwa phambili ezingahlanjwanga zosala andulindonto mna, zakroza ibag zilungele indlela. Umdemetshi ebukele opopayi babbakhe, Ndangqengqa ngoba indoda yam ayivukeli ndawo, nam andifuni nto izondisa kwela khitshi lino Ziyanda. T: caba ubukufuna ukuhamba qha ububhidwe yimeko. Mna: ye yise kaMdemetshi mtam yihlo, suyithetha. T: andikuva ke mna ngoku mtam yihlo mbhem iphi i answer apho? Mna: ngowundilinde ndagqiba, ndifundisa wena futhi ngoba uzosithetha xa ufika wa Antiza. T: ye Lwethu Mtakamha mtam wondise kwabhaca edolophini nndiyamkhumbula kodwa uAntiza. Mna: nndifunukugoduka mna. T: uyaphi? Utshatile ngoku ayikho lonti yakho yokuvuka usithi uyahamba, funeka ucele kum. Mna: andithi ndiyakucela? T: andifuni (endikitaza) ndahleka ndade ndambuza ikhona into eyoze isixabanise bby side sohlukane? T: not in this world. Iminezimnandi zikwenza ulibale uba kusemhlabeni apha, ilizwe lengxaki. Yiyo lento amakhumtsha athi enjoy while it still last. T: masvuke sihlambe sizoqala emsebenzini then senze ezinto uzifunayo. Niyandazi ke amageza xa eqhawulisiwe nomzimba uyadlamka. Ndavuka ndalungisa impahla, we showered together. Mna: ndikwenzele ukutya? T: sizotya phambili. Mna: yho wandinceda wandiweza. T: huh? Mna: never mind, bendisonqena ukuya e kitchen. T: nam uchuku andilufuni siyafana. Ndahlamba uMdemetshi wam xa ndimgqiba. TJ: mama Yoyisa nifunamakorfoflaise (kornflakes) Mna: undenzani kodwa ndoda. TJ: ha.a nifuna ngoku hama. T: hayke i tried, hambomenzela sizohambani, wangafuni kwa okokunxiba saya e kitchen. Ndangena uZiyanda ehleli etafileni ndamdlula ingathi andimboni ndenza lento ndizoyenza. Ndahlalisa uTJ etafileni wafuna nezo tray zakhe ndahlala ndambukela emane esijonga lonopatazana. Wangena uThando naye wangabulisi wasela amanzi wathatha i apile wahlala nathi. T: yizohlala ngapha ndimtyise. Ziyanda: Thando ndicela uxolo ngalento yayizolo. T: cela ku Yolisa awundenzanga nto mna, waqhubeka nokutyisa uMiso. Ziyanda: ungubhuti wam ndicela kuwe why ungathethi nam? T: sundidina Zyanda, cela uxolo uba uyafuna or uthule. Z: mxm you like to be worshiped kanene. Wamfakimpama wothuka u Miso wehla estulweni wawa phantsi wavuka wabaleka, ndahleka ndingakwazikuzibamba wayoma emnyango wavela ngobuso. T: hambondibambisa uba uyafuna or ufounele umama wakho. Wasukuma u Ziyanda ebambe isidlele waya e roomini yakhe kusehla inyembezi. T: come boy! TJ: animosanga mna ngulo(ekhomba mna) T: yiza ke awumoshanga wena, askies neh! Waphakamisa izandla uba amthathe amhlalise estulweni. Wagqibezela sayonxiba sahamba. Emsebenzini bebezomenzela i fairwell kuba ehamba the following day, abe seqoqa izinto zakhe wathi masihambeni sonke coz kuzoba kude xa ebuya asilande futhi. Safika emsebenzini wakhe sangena sonke efuna ukusibonisa abantu ekudala ukusibona. Sangena uNamhla esefounini, xa esibona wayidroper waphuma ngaphaya kwe desk. Her: Mrs Makhaula can i hv a word with you! Mna: sekuyinton ke ngok? T: mamela uba uzothini. Sema. Her: ndicela ukuxolisa for that day, it was uncalled for ndiyaxolisa kakhulu. T: what do you say Mrs Makhula? Mna: ok sharp. T: we can go now. Sangena e lift(ini). Mna: ustout yaz wena. T: nhyan? Mna: nguwe lo uthe makaxolise neh? T: suvumela abantu bakuqhele kakubi, they must think twice before bathethe nawe. Mna: mh! Ndizofunda apha kuwe. T: qala ngoZyanda. Saqoqa izinto zakhe, waya kwabanye eyotsho uba ukhona coz bekuzoqalwa ngo 10 - 10:30.(tea time) Saya e boardroom yathetha i MD yabo bamnika i gift card yase woolworths ne beambread for i wedding present ne card abalibhalile i department yakhe, savalelisa sahamba. I did all the things ebendifuna ukuzenza sayobukela i movie yabantwana, went for lunch, saya komnye wabangani bakhe emsebenzini bancokola ndade ndaboreka ndayokwenza i shopping. Xa ndibuyela kubo sabe sesihamba. T: m going out with freinds, you wanna join? Mna: hay ndifuna ukulala mna maybe ndingancedisa no sisi xa epheka today. T: ok but I wont be long ungalali. Late wahamba ndasala ndiphek mna nosisi uZiyanda engekho, sagqiba ndayohlamba ndabukela i tv noMiso, kwafika u tata waya kuye u miso. Ndithe ndisahleli khange ndibeve naxa befika umama no Ziyanda, wangena u Ziyanda. Her: sismakoti uyabizwa ngumama. Ndamangala ngoba uqhele ukufouna ehleli kula couch yakhe xa endifuna. Mna: ndiyeza. Wahamba ezijija. Ndaya endlini. Mama: hlala sisi ubizwa ndim. Ndahlala. Mama: andizuya kude, andiyithandanga into eyenzeke apha ekseni, uZiyanda ufike emsebenzini elila esithi ubethwe nguThando. Mna: nguThando onocacisa uba kwenzekeni. Mama: kodwa nawe ubukhona, emzini sisi akumelanga kuxatyanwe ngawe, bekumele unqandile ungahleki. Ndangayiphenduli ke leyo ngoba bendingangeni ndawo, uAntiza wathi ndibothula ngoba akekho umntu ozothi ksasa waphendula wathi...... Mama: uThando akanalungelo lokuphakamisa isandla ku Zyanda makabethe nankuya u Mdemetshi. Mna: kuzolunga kulindwe yena afike ke ngoba mna andizukwazi ukumphendulela mna. Mama: makeze. Ziyanda: uyayibona i attitude phof, akanaxesha layo nalento uyithethayo, benditheni kuwe?. Usezonilawula uOkuhle. Wathula umama ndimbona uba sehamba nentombi yakhe ngoku liyajiya kunamanzi. Zyanda: iyakonwabisa ne into yoba ndingavani nobhuti wam, wonkumntu ungakuwe mna ndirongo, kodwa undifumene apha ababantu bayandazi namhlanje im a trouble maker. Mama: andisayazi mna lento, wasukuma uZiyanda wenzela umama wakhe iti. Mama: umfazi emzini uzisa uxolo hay ingxabano, no Anti wakho ebezokuxelela leyo. Ndabashiya ndingaphakanga noko kutya uziyanda encume eveze nelokugqibela. Ndathandaza, aphekuthandazeni lwam ndakhumbula umama, bekuzoba nzima mos apha if bendizoqhubeka ndihlale, kwangathi nddingahamba ndingabuyi wakulomzi. Ndayolanda uTJ kwathiwa setyile, ndamhlamba sabukela itv ingqondo yam ikude, wade walala uTJ ndamlalisa mna ndalinda uThando. Wafika ngo 10 ephethe i take away (shwama) yandinukela kakubi ndathi ndihluthi. T: ubulila? Niphinde naxabana noziyanda? Mna: uyakufuma umama wakho noziyanda. T: concerning? Mna: lento yasekseni. T: why wena ingathi ubuse court nje? Mna: ndikhathele nguZiyanda, ndiyathula yena ufuna ufuna uchuku. Andiyazi uba ndenzeni sendizoxelelwa uba mandingazisi ngxabano emzini. T: they said that? Mna: umama ebendibizile. T: masivele sihambeni besihamba anyway ksasa sizophumla phambili. Mna: hamboyilungisa ke. T: andiyi apho, masambeni Mna: utata yena? T: ndiyabuya vusa uTJ, waphuma. Ingase ndibe nguThando, akazisokolisi ufumana i solution kuyo yonke into. Baphinda bandibiza. Ndafika sekukho notata kuphikiswana. T: siyahamba ngoku no one is stoping me unless niplanner ukukhupha umoya emavilini. Mama: hay ndincamile kanti utheni kumyeni wakho ngathi Yolisa wafika sehambela phezulu? Tata: ungaphenduli lonto molokazana, uba ba fair nawe uzolanda uAnti wakho azokuthethelela bangahlangani ngawe, andithi no Zyanda ubalekele kuwe? Bekumele ke wena ubahlanganisile uve uba kwenzekeni ungafiki sowuvutha ngumsindo. Mama: kodwa uThando bekungamelanga ambethe uziyanda. uThando yena uhleli etafileni yase sitting room utya amagrapes ujonge iphone. Wasukuma. T: sicela indlela, Ziyanda usale kakuhle kowenu you have achieved your mission. Tata ndizothetha nawe efounini. Mama: kucacile anifuni ilungiswe lento. T: iyi one into efuna ukulungiswa, kuba ndithenge indlu sibe kude nani, nani nonwabe uYolisa engekho. Mama: kuzothiwa asimfuni ngok into elandelayo? T: niyamfuna ke? Ndihamba i hour ndibuya uyalila, ibezophela lonyaka ozayo elile kangaphi? Andikufuni mna ukulinganiselwa, uba benithe hamba nabantu bakho thando bendizokwenza i plan, akukabikho late ke nangoku. Mama: hay ikhona ingxaki. T: masambe Yolisa akukho nto ndizoyithetha mna, wena Zyanda everytime uYolisa ekhala ngenxa yakho ndizokufakmpama sihlalele into ebhadlileyo apha. Ndancuma kwaphela ezonyembezi. Sayibetha yagcwala imoto yavova sanxiba ezokuhamba sayindlela. T: Im worried ngomntwana kwesistress sasekhaya, u ryt? Mna: ndiryt as long sihamba. T: bendikhe ndayicinga into yoba sihambe today but sa busy, after lena into ndazixelela uba andisalali. And ngakungcono uba ezinto bezenzeka ungekho pregnant, what something goes wrong? Mna: kanti ulwela u Ozayo na ulwa ube bomvu kangaka? T: wena but the main concern ngoku ngumntwana. Indoda yona ndiyayithanda kodwa hay ukugezelwa ube ungazuphendula, umane ukhunjuzwa uba akukho kowenu apha yindodakazi engenalo nethemba loba yoze itshate. Ndiyaxolisa ngokungaveli izolo ndibhalile kanti andiyi save(anga) ya delet(eka) ndabe ndibambekile for ukuqala phantsi.
Posted on: Thu, 22 Jan 2015 09:33:19 +0000

Trending Topics



http://www.topicsexpress.com/Week-3-is-here-You-simply-order-12-of-the-same-product-or-mix-topic-584112611626774">Week 3 is here! You simply order 12 of the same product, or mix &
Thunderstorm Advisory No.1 #NCR_PRSD Issued at 11:50 AM June
Marvel Heroes Cut Up Comforter,
Do Menstrual blood kill once consumed??? Dear Admin, am Jane 24

Recently Viewed Topics




© 2015