Insert 127 Ndathi chuuu ndagoduka. Ndafika ekhaya ndayokhulula - TopicsExpress



          

Insert 127 Ndathi chuuu ndagoduka. Ndafika ekhaya ndayokhulula izinja bendifuna zolule amachaina zagqibela kdala ukhululwa kaloku.. Ndayongena endlini xa ndizohlala phantsi wangena umaka Philz ehamba naye ebedumbile shame. Bangena bahlala phantsi. Maka Philz : Niyambona umntanam unjani yilenja yenu? Tata : Suthi yinja kaloku. Wenzeni Lamla? Me : Undithuke ngomsunu kanyoko lomntana lo and ndizomphinda ba ndiyafuna akanondiqhela kakubi ngolohlobo kaloku. Mama : Ndingenaphi kengoku mna bethuna? Oh hay abantwana. Bonisile : Ayinguye lomntana wakutyholayo lo mntaka tata? Me : Nguye kanye lo bra. Bonisile : Yintoni ingxaki yenu? Khaniyeke lento yenu marn. Mama ndimcelela uxolo uLamla nawe ke Lamla cela uxolo komnye nizojongana kakubi ningabakhaya ngoku. Kwathethwa ke ndacela uxolo, bendingaliceli ngantliziyo yam ke. Bemka no mamakhe. Okay! Bekungo August kengoku. Bendibuyele emsebenzini. Utaka Bee undisebenzele kakhulu andiyazi into endinombulela ngayo latata cause wathi akafuni mali. Imali ayenzileyo kwi company zange sayenza xa sisonke. Uye wathengiselwa ishares ke so ebengaphumanga espan besingafuni aphume phofu sonke.. UInathi ebebuyele emsebenzini but ebengahlali ekhaya ebehlala nabantwana no bhuti endlini. Ubhuti ebephile nyani ngoku ebefast nalamntu wakhe wase Jozi. Ebekhe waza ekhaya no bhuti ebeyile eJozi Ubhuti ebephangela ke ebeteacher eBulembu ngoku ebengafuni ubakude nekhaya izinto zimhambela kakuhle. Umaka Onke kwelakhe icala,umh.. Andiyazi ndingathini. Ebetshintshe mpela, ebemhle,etyebile. UOnke ebesiya kuye eberenta etown. UOnke ebexolile ngoku worse umamakhe usindiswe no sindiswa. Bendikhe ndaya kwi flat yakhe hehehe yandifundela ibible intombi. Ebekholiwe nyani ngokwentetho zakhe umntu asinakumtyhila ntliziyo kaloku braz. Ebengenandoda, indodakhe ibingu Yesu andiyazi noba uyangena na ebedin. Kwelam icala ngoku, bendiyi rugby player. Waske wathi uInathi funeke ndibe fit ndaqonda ndizoshiywa apha mandibuyele ebholeni. Kungecawa kengoku, khange ndigoduke ke kule weekend bendonwabile namajita. Bendisendleleni esuka kwa Ndokwenza kengoku. Bendihamba no Sipho. Khange siye caweni ke besigalela qha. Ndadibana nelaxhekwazi lam lakdala. Lamisa imoto ndaya kulo. Her : Wandilahla na? Me : hay. Her : Masambe ke siye endlini. Andiyazi noba ndivume na. . .
Posted on: Sun, 03 Aug 2014 17:55:22 +0000

Trending Topics



a href="http://www.topicsexpress.com/We-received-a-letter-from-Dr-Murphy-yesterday-I-wasnt-excepting-topic-10152788535030767">We received a letter from Dr. Murphy yesterday. I wasnt excepting
The Roberts 5, Citizens United Decision, expanded here today, is a

Recently Viewed Topics




© 2015