Insert 133 Zoleka:: intoni andiyi kwandawo apa kukwa Mkhuseli - TopicsExpress



          

Insert 133 Zoleka:: intoni andiyi kwandawo apa kukwa Mkhuseli not kwakho Asange wena awunandlu chin uyathanda uhambe uzigxumeka ulahliwe usafuna nton emzin wontu! Mna:: rhaaa inoba uyaphiswa wena Zoleka... Ndiye ndambamba ngomqala ndajula phandle. Rhaa sies baqhathana nale ndoda yakhe ngok. Khusta:: umjulelani uZoleka pandle wena Asange? Mna:: hey andisenguye uAsange jonga sole umlandela esisifebe sakho nxaa.uSinazo uye wayozivalela ekamireni yakhe! Khusta:: ucimba ungubani wena Gcotyelwa mna andizophathwanguwe. Ndithe ndizophendula ndeva ngenqindi emqolo kanti nguZoe hayike kange ndithethe nenye ndakhwela kuye besendimbethela kwale yoba endichithele umzi wam hayi ndahamba ndanyisa hayi nje kancinci.iye yakhala intombi endala yafika indoda yakhe yandivuthulula hayi ke bandihamba nenkazana yakhe ndasitsho isikhalo inton abandiyeka tuuu bandiqeqesha.. Andifuni noxoka ndithi ndababetha mna ndabetha ukuba azange wabethwa indoda yakho nenkazana yakhe hayi sana awazinto wena! Baye bandiyeka ngeske usinazo ebetha uZoe ngomtshayelo utatakhe wamtatamisa umsa ekamireni ndasheka ndithatha lambiza inerice ebeyipheka ndamjula ngayo qhaa ndamphosa uKhusta uye waphuma eroomin sephethe isportbag. Khusta:: sapa iring zam. Mna:: ncaama awuziva sies uyimofi ntondin besendilila nyani ngok ndisopha nokopa! Khusta:: uzondazi wena Gcotyelwa kudala ndikubukele ndizokubonisa abantu. Mna:: wandibetha nje zokubonisa. Uye waphuma wemka.yhoo umzimba ubunjani bendigcuma zizivubeko. Sinazo:: mama masambe siyobambisa ababantu bakubethe ubenje! Mna:: hayi sisi andinokwazi ubambisa utatakho if ndiyambambisa ndizobe ndimoshela wena. Sinazo:: oh kodwa imbi lento hayi mna ngcono ndigoduke.. Yhooo haike ngok ndaske ndamonqelwa. Ndiye ndayongena ebath room ndahlamba ndagqiba ndathi kusinazo masihambe siye kwam sitixile indlu ne gate semka! Sifike nje endlini salala ndiqaqanjelwa ngumzimba uduma! Ekuseni ndavuka ndayozijonga esipilin xandithi ndinjani ukuduma yhooo ukuba azange wabethwa upakanyelwa hayi sana uyavuya wena.. Ndizophuma njani bethu xa ndinje yhuuu angeeke ndixole tuuu ndingamcofanga lazoleka ndiyamxelela.uKhusta hayi ndiyabuna ebengandithandi nyani xanoze andixangxathe ndibenje :( kodwa uThixo ukhona akunani. Ndiye ndabeka amanzi ashushu ndafaka ityiwa ndazithoba ndagqiba ndaqaba ipolish ebuswen ndandive kuthwa iyanceda xa uneblue eye.. Beep beep msg frm Khusta:: uyifumene lanto ubuyifuna ndicela udlalele kude kunendoda yam mabuyAkwendeni uKhusta ngowam not wena ncama qabakazi ndini sizakuphinda ukuba uphinde wasiqhela uboya!! Ahahahahah akumnandi uku owna indoda Asange! Mxim le msg cacile isuka kuZoe ayingo khusta lo ubhala lento. Kange ndiyiphendule ndiye ndayijonga nje. Kuye kwanqonqozwa emnyango ndabaleka ndayotshona ekamireni. USinazo wayovula ndive nje ngeVoice nguNoli! Nolie:: molo nontombi upi mamakho? Sinazo:: ulele. Noli:: hambo mvusa kalok!uye weza kum wandixelela ba ndiyafunwa nguNoli. Ndiye ndathi makathi andiphilanga abuye ngomso.,nyan wamxelela inton uNoli uye wenza apa ekamiren. Noli:: yehake Gcogco sukubanezimanga apa tyhila ezingubo! Mna:: hayi maan noli khawuhambe zokubona ngomso ndineflu!! Hahaha ukuyibone lanto yokubanentlon kuba utyumtyum bendimbi ndiske ndizihleke kwamna how much more omnye umntu asoze andizivuli tuuu ezingubo. Noli:: andihambi tuuu.. Wazitsala ingubo ndaziqinisa wabiza uAkhona le faince yakhe izomtsalisa. Mna:: nenzan nanina khanindiyeke...yhooo bazisusa ingubo ndavela ndilifetshu elitshileyo ndaske ndangathi ndinamashubaba. Akhona:: oh my God xa unje Gcogco kwenzekeni? Nolie:: haibo chomi kwenzeken! Mna:: yabonake ke ilento bendingafun nindibone ngoba nizobe nindibuza kwenzeken :( Noli:: gcogco chomi thetha nam ngoku ndifuna ube ngumkhapi wam emtshweni ukuphela kuka april xa unje kengok chomi! Mna:: yehake uzofika uApril ndiryt mna hamban ngok! Akhona:: yhuuu Gcogco ubuso abuna shape... Yhooo abandisheka maan nam ngoku sendizihleka ndababalisela sonke isitori bebeyihleka kuba ke akubhujwanga hayi shame uKhusta nonomokhwe wakhe bandihambile hayinje kancinci :(
Posted on: Tue, 30 Sep 2014 18:51:40 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015