Insert 161 Ndihambile ke ndayobeka uMila komzala ndalala nje - TopicsExpress



          

Insert 161 Ndihambile ke ndayobeka uMila komzala ndalala nje pha ngongomso ndabuyela ekapa bekubuhlungu shame kodwa intsuku njengoba ziyazihamba nje nam bendimane ndixola..uBongi ndamxelela ke ngalento wayothukile shame kodwa noba wayevuya kwelinye icaala kuba ndizoba ngowakhe yedwa ngoku.. Zihambile inyanga ndifunda nje kakuhle sibane ke sisiya nokwenza amapracticals bekumnandi wethu kunjalo so ndiye ndazifumanela ke esinye isihlobo uNonceba ebetitsha keyena ejohn pama p.s.s so bendibane ndokwenza ipracticals apho mna.. Bekuzi 15 ke kuphela inyanga kubo so wathi ucela undikhupha nam ndavuma..siye saya ke eclaremont. Nonceba:: hey Gcogco ndinengxaki xelele andazi noba ndingazikhupa njani kulengxaki yam!!! Oh uNcebs ebena 29 mna ke ndina26 beku2012 ke ningalahleki.. Mna:: inton ingxaki Ncebs? Ncebs:: umyeni wam uyajola kwaye akafuni ndimdivose xandimxelela ngedivosi uthi uzondibulala..andazi maan ndingaphuma njani kulomtshato ndine 5yrs ngok ndingenamntana emzini ngoku lomyeni ubeka kum ityala. Mna:: hayibo kungoba wena uzode uthini ke ngoba umntwana uvela kuThixo xa ingekafiki igame yakho ayika fiki chini. Ncebs:: uthi ndim lo ungazaliyo iworse xelele unomntwana amenze ngoku ndikhona ngok lomntwana uhlala nathi ndisisithuko nje kwa efamilini yakhe andaz maan,,yhooo wasitsho isikhalo umfazi wasemathileni ndaxakana naye! Yazi uBomi buyenye nje into endingayaziyo ngoba umntu ungacimba wonwabile kanti hayi uNcebs ebemhle efanelekile futhi ubungenomcingela ukuba uyafa ngaphakathi ngenxa yoba engafumani abantwana kunzima kulomhlaba siphila kuwo futhi ingxaki zethu azifani kunabantu aabangavuthwanga ke apa entloko bofike behlekisa ngengxaki zomntu alibale ukuba naye ungumntu nakuye ikhona lengxaki azoyifumana. Mna:: shlobo ndicela le into yogrogriso ngokubulala uke uyise emapoliseni. Ncebs:: kudala ndaya hayi akamameli uyandingomba one....ndithe ndingekaphenduli kwafika uZoleka ehamba noNonki latshomi yakhe.. Zoe:: molweni bethuna? Thina::ewe. Zoe:: ndiyanibona niyaphila noba ngok Asange zotsho wonwabe ndim kuba andisoze ndiphinde ndikuhluphe endodeni yakho isayosikhonzela emazulwini....ndiye ndecwaka ndamjonga nje waqamza ethetha yedwa ndingenalo kwaxesha lakhe!! Nonki:: hayi mAan Zoe masambe ilento le ubusithi masiyizele apa kuAsange? Zoleka:: oh shame poor widow ukuhlanga lungehlanga wanquntsuza bemka..ndizibone zizisihla inyembezi kum ndingcangcazela ndatya nje ndingxamile bendilibele noba ndihamba nomntu hlobo eli bendiphanga ngalo yini loZoleka nguye lo ubulele uKhusta ukuba zange athandane naye ngeyesaphila kwaye sisahlala sonke. Ncebs:: Gcogco sisi sulila thetha nam plz. Mna:: ayinguwe wedwa Ncebs onengxaki tuuu nam ndikulonyumbe..ndatsho ndimbalisela konke wayengalili uNcebs wayibona le yakhe incinci kunale yam saphuma apho singathandanga kuba besithwe ntsho ngamehlo.. Zihambile veki ke sele ingu octerber UVuyo ebesezihlalela negriza lakhe banomntana oyintombi mna ndihlala ndodwa ebesele enayo nemoto epangela mos ecapitec ebellville. Bendibane ndifownelwa ngu Bongi nabantwana bam so sagqiba ukuba ndiyothatha uMila ngodisemba azohlala nathi erhawutini nam bendizomuvela khona indlu ndirentise ngayo kuba bendingafuni ukuyithengisa ndicingela usinazo nomama kaKhusta..besendifake nabantu kwi flats ke zombini lamali ndibane ndiyithoba fr umama ka Khusta no Sinazo..mxim bekukubi kuphinde kubemnandi kum kuba ulife wam ubusiza entweni.. Besendifundela ukubhalela ifinal kengoku nyan kwaqaliswa ndabhala ndade ndagqiba.. Ndiye ndaya kumalume enyanga ndomxelela ukuba ndiyahamba ekapa fr good kwaye ndibuyelene noBongi ewe malume shame ebengenangxaki kodwa engasiginyisisi ncam isigqibo sam kodwa ke akanayo enye indlela bubomi bam obu. Bendizixelele ukuba zobuya xa ndize kwi graduation yam ngoMarch so ndiye ndayigoba ukuya emachubeni ndathatha umntwana wam ndabulela kumzala ngako konke abandenzele kona ndemka ndajonga erhawutini kange ndicele ukukhawulelwa kule igame ndayozifikela ngokwam..yhooo ndifike bonwabile shame basamkela noMila shame usana lwam belune 3yrs ke.. Bongi:: Hlumisa ndiyabulela ngako konke ondenzele kona mfazi wakwagcina inoba uGcina omdala uyavuya apo akhoyo xa ekubona ubuyela ekhaya ndiyakuthembisa mfazi wam ndizokuphatha kakuhle kunye nabantwana bethu ndiyanithanda kakulu kwaye ndonikhusela..utsho ephethe uMila ndaxola apa kuHeart xa ndimbona ukuba umamkele umntana wam... Zihambile intsuku sonwabile siyifamily enkulu bendilibele nje ngezinye izinto endigqithe kuzo ndazixelela sisiqalo sobomi bam esi..bekunge weekend senza iparti ke ukwamkela thina futhi sizokwazisa nefamily kunye nefrands zikaBongi ukuba sibuyelene..andifuni noxoka ipati yahamba nje kamnandi yandigqiba xa umntu ekhupa iringi ecela umtshato kwakhona kum..ndayamkela ndinyembezana ndingabhilivi ukuba nyani ndibuyela emyenini wam endimthanda ngentliziyo yam yonke indoda eyandifundisa uthando kowu obomi imoyezulu.. Idlulile ifestive kwangu january izikolo zavulwa ke uSiphokazi ebesezihlalela ngoku naye..bendivuka ndilungiselele umyeni wam ndabantwana bam ndenze ibreakfast fr bona kuhamnjwe mna ndisheke..bekumnandi kuyilonto noMila sele eqalile ecreche so bendihlala ndodwa nje.. Saye sayoTesta ke noBongi saclean so besesilala nje uflesh ngoku kumnandi kubeyilonto sivutha amalangatye ngothando nase kamireni sisanelisana necawe sihamba... So bekungu March ke ndizo graduater kwiveki elandelayo sahamba sonke saya ekapa noSiphokazi singamshiyanga..bekungu 2013 ke ninga lahleki.nomalume ndandimxlele ke.. Safika nje wethu sake sahlala ekapa iveki kwabe kufika elasuku lam yayiyimini enkulu ebomini bam endingasoze ndiyilibale nanamhlanje leyo yayingase ndivuse umama emathuneni azondibona azidle ngam.. Utatam ndandimxelele..so ssagreda sagqiba umalume wam wayengumzali wam wayeyinyididi eziqenya ngam sithe xasithatha amafoto kwafika utatam noThembakazi nditsho noVuyo kunye Nosie..bezondivuyela yazi kwakungathi ndiyaphupha mandivuswe bo namantshontsho am ekhona apa ezithe suti zazo kwedini noLiza enxibe ilokwe emhlobe entle.. Mna::hayi andazi kengoku ukuba mandithini ndinibulele njani kodwa ndilapha nje kungenxa yengcebiso zika Sista wam (Tembakazi kunye NoVuyo) ndiyanibulela bantwana basekaya ndiyambulela noThixo ngani. Tata:: siyabulela kuThixo ekuthwale kwade kwabanamhlanje..shame uNosie wayengasalili shame kuba ke ebephinda yena befanele sigreda sobabini waphazanyiswa kumitha kodwa akunani kuba ubomi buyaqhubeka.
Posted on: Fri, 10 Oct 2014 10:09:54 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015