Insert 18 Mna:: hayibo Bongikaya kutheni nje soloko undijongele - TopicsExpress



          

Insert 18 Mna:: hayibo Bongikaya kutheni nje soloko undijongele ebubini nje..fownela uZimbini maan umbuze kakuhle ndikhona nam okanye ndizomfownela....ndatsho ndimfownela akayichola ndaphinda cwaka...ndafownela kuThandi ndamcela ayise pha ifown..uye wamnika.. Mna::haibo cc uthi kange ndikubulise nini?kutheni nje uthetha into engekhoyo ngam nje wena? Zimbini::ndithe mna kange uze apha endlini udlule nje...chini undiqhela kakubi lentombi kanti namhlanje ndizoba bonisa inguye nalobhuti wakhe mna mabangandinyeli kalok rhaaa ndidikiwe.. Mna::yewethu sisi ndini ubuxelele bani uba khona..bebdizazobona idonga lika malume engekho?yazi andiyithandi lento uyenzayo futhi sekwanele ngoku..ndacima ifowni.....uyabona wena ndiyakushiya ngoku andingeke ndiphilele lentlalo yokungamamelwa mna uvele undibuze sowunyuse impumlo ndiya hamba ngok..ndatsho ndongena ekamireni ndapakisha impahla zam.. Bongi::Hlumisa ungayenzi lonto mfazi wam ndiyakucela plz.. Mna::kalok andifuni mna ukuphilisa kabuhlungu usoloko uxoxa amatyala ngam..uye waxolisa ke endibrasha nam ndaqhatheka... Zihambile inyanga ibingu august ngoku ndikwi 9months sendilinde isuku lam lokuzala..izinto beziryt phakathi kwam nomyeni wam...noZimbini waye bane esiza ke aphinde ahambe...uNombongo ebenqabile kodwa uThandi ebesithi uyambona apho uZimbini ahlala khona..no mama bebesahleli kakuhle ekhayeni...nam eskolweni bendiqhuba kakuhle kwaye besendinayo ichomi kalok uNokwandisa naye ngumfazi besifunda sonke ebehlala ecrossroads yena ngasemandela ke ndiye ndacela yena ukuba andazise ngento zesikolo ke ndandicelile ke nasesikolweni.. Chini uaugust waphela bantu ndingalunywa tuuu qha into bendinayo ngok bendibanesifuthufuthu kwadlula nezo date ndandizinikiwe eclinic...kwakunzima nyan kum kodwa ndandibeke uThixo phambili...besihleli nomyeni wam sincokola.. Mna:: baby ndingena kwi 10months ngok kodwa andide ndibeleke inoba kwenzekani kum..uBongi wayebonakala ekhathazekile.. Bongi::kusasa andiyi emsebenzini ndifuna siye kwagqirhaa mfazi wam...kwakungathi akusasi ngoba ndandibambeke nyani ngoku kunzima nohamba mntakabawo isisu sasesihlile kudalooo... Ndiye ndayo lala mna umyeni walandela emveni kwam ethetha efownini nomntu endingamaziyo..uye wayibeka ifown wazolala.. Bongi::baby bendigqibo thetha nomama uthi idla ngokwenzeka lonto xa uqalayo uzala masingayi kwagqirha...chin uyavuya lomama asoze singayi kalok Mna:: hayi Baby asoze ndihlale ndinje mna akuboni wena ndiye ndiphelelwa ngok angeke tuu Bongi ndakhala.. Bongi::sukhala maan baby ndiyakucela..bendimbona ukuba uzibambile inyembezi umntwam..uye wafownela umama wam ondizalayo wamxelela..umama wam uye wathi makandise ngomso singahlali nje apha kanti umntana selewabhebhela kum ngaphakathi... Kubuhlungu ukuba ngumfazi bethuna ufikela ebunzimeni,nasezihendweni kunye namayelenqe....ndandikhala ndikhwaza uYesu ndimbuza ukuba uphi nha angazondihlangula kulemeko ndikuyo... Sivukile ekuseni saya kugqirha...safika sabangabokuqala nyani sangenisa ke...wandifaka kwiscan wancuma udoc wasixelela umntwana usaphila kwaye ikwekwe mandike ndilinde uyeza...sagoduka ke nomyeni wam saya endlini wayendinikile amapilisi okulunywa... Kwaphela kwalonyanga ye10 ndangena kweye 11 ndaya eclinic eclinic bandithumela egrootschuur nyan nda admitwa pha...ndithi ndandixhaka xhaka yimitshini ndilunyiswa...kwakukubi kum yeyonanto endingasoze ndiyilibale ndahlala intsuku ezintlanu apho ndilunyiswa..wade ugqirha wacebisa ukuba ndisikwe..wavuma umyeni wam ukuba ndisikwe..ndathandaza ke ndathetha noThixo wam ndayongena epho kusekwa khona ke... Lwakhutshwa ke usana lwam lusaphila kwaye lilikhulu utata wakhe wamthiya ukuba ngu ALUNAMDA uthando luka Thixo usithanda sonke kwaye uneminqweno emihle ngathi :)
Posted on: Mon, 11 Aug 2014 18:03:06 +0000

Trending Topics



" style="margin-left:0px; min-height:30px;"> NGT wanting use of cars restricted in Delhi National Green

Recently Viewed Topics




© 2015