Insert 24 Ndothuke kusasa ndisiva ingxolo kuyavukwa ke kulomzi - TopicsExpress



          

Insert 24 Ndothuke kusasa ndisiva ingxolo kuyavukwa ke kulomzi at 05:00 umama no tata sebevukile, at 06:00 batya isidudu sabo samazimba. Ubathembe ke ngokuvula I radio endingazi noba bavusa thina baleleyo na ngo Apha na phaya. Uyaxoka ntanga noba ungabuzama ubuthongo bakho utata no mama xabevukile asoze uphinde ulale. Uthi usava ingxolo ye radio asuke umama azovula curtains ze room yakho, akubuze uleleni emini phofu libe ixesha lisithi 05:30 xa esenza lonto yakhe. Ndiyamvela umakoti ka Bathandwa. I wonder khona utata ndizomjonga njani yena namhlanje? Noba bekusithiwa ku ngomso bhetele lendede ungathi ayide idlule. Ndithe ndikwezongcinga wagaleleka umama e room(ni) yam mh Bawo ndafa kuvukela into engekhoyo kuba akukho nento endizoyenza. Mama: Uzosihlaza apho uyakhona kuyavukwa emzi vuka sisi. Kaloku uyangena u Soh namhlanje sizokuya apho.. Phofu ngoku athethayo uvula curtains ne festile kuyabanda ke ngo June mk Me: Yhu mama festile kengoku uyivulelani kubanda nje ndizovuka ngo 06:00. Mama: Hayi wethu khawuvuke ndifuna uhambe ukorobhe ku ronta indwendwe zakho zizatyela kulandlu imdaka? Me: Ubuke wayongena wajonga uba ndicocile kula ronta na mama? Mama: Khupha eza mat zipha uzise e flat(ni) uzozibuyisela xakumke ababantu bakho Me: Mama kodwa bazotyela zi mat(ni) ndilungise kakuhle phaya khawuyojonga please. Mama: Mandike ndiyojonga ke uvuke nomtobhoyi.. Me: Okay mama * Yhu mandivuke futhi uzothetha enye xa ebuya ndiyamazi. Ndondlula I bed yam ndathatha tooth brush ndayoxubha phandle. Kungase ndingamboni ke lo tata yhu ndithe ndisanalo meeting wathi gqi lo tata.* Me: Molo tata.. Tata: Ewe Wase watsho ngathi akafuni akasandidiki uba ebezazi mxm! Ndazenzela cereal ndabeka amanzi esidudu sabazali bam, kuba umama uzothetha beke andayenza lonto. Ndaqonda make ndiyothothisa la radio asikho se potsoyini ka apha na phaya. Wangena umama. Mama: Ukubulisile uyihlo namhlanje? Me: Ewe mama evumela emazinyweni.. Mama: Yhu nidalwe kakubi marn apha kulomzi nani ninjalo xaniqumbile. Sumhoya mntanam uwabekile amanzi epapa? Awohlamba ndiwabasele phandle.. Me: Ewe mama khame ndiyosidubela. Mama: Hayi siyeke singatya i steef pap nguwe.. Saya kitchen ndaqonda mandike ndiyojonga lamanzi kuba umama uvuka atshayele so kukho nto yokwenza. Ndafika qalisa ubashushu ndawakha ndayovasa ndagqiba, Ndathambisa, ndanxiba shushu beku banda kaloku. Ndachitha amanzi. Besekungo 06:30 amaxesha ndenza I breakfast wabe utata no no mama bebevasa. Ndeva ilizwi Tanci: Molo ntombam, uphi nakwenu? Me: Usalele akayingeni lonto u Bathandwa kaloku tanci Tanci: Yonqena lenkwenkwe khandenzele isiyezi kokukutya Me: Okay tanci *ndathatha sitya sakhe ndafaka kwi microwave ndafudumeza wazikhuphela watya. Ndaphaka le breakfast ndayigquma kakuhle ndatya okwam kwangena u my brother* Bathandwa: Yhu sowusitya uzotyeba! Me: Ngu molo wakho lowo? Bathandwa: Molo mntase Me: Mxm! Vasa uyayazi gqiba kuka tata zokushiya Bathandwa: Unyanisile worse ngoku ane drama.. Wayokha amanzi wahlamba,babe abazali bam begqibile ukuvasa batya nabo breakfast besebe watyile amazimba wabo be level(isha) ngoku. Ndathatha zitya ndayozivasa wabe wonke umntu e ready kulindwe mna. Ndabe ndifuna ukuyo zi reliever e toilet ndaya. Ndava ndikhwazwa ngu mama ndathi ndiyeza kanti ndibhude izingqi. Ndite xandiphuma yabe nemoto iphuma e gate(ni). Ndayotixa endlini yabe isehla imoto ndaqonda make ndinkcunkce apha emva kwayo. Ligeza kodwa utata ayikho nento andishiyela lona yayibuhlungu intliziyo yam kuba ebeyazi ndiye e toilet.Uye wade wamisa ndabaleka ndakhwela yahamba imoto. Yhu! hayi nithi ndakuze ndonwabe na khona kulomtshato?
Posted on: Wed, 12 Nov 2014 04:34:25 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015