Insert 24 Sahamba nomntu wam sincokola wandiyeka ukundi bamba - TopicsExpress



          

Insert 24 Sahamba nomntu wam sincokola wandiyeka ukundi bamba esinqeni sabambana ngezandla, bendifuna ukumbuza ngale nto ka Asanda, Me: ‘baby?” Him: “mhm?” Me: “u Asanda ufuna ntoni kuwe?” Him: “andi mazi love” Me: “uyaku fowunela?’ Him: “yeah, kodwa andiyi bambi” Me: “oh” Him: “jonga nana noba sekuthiwa kuphele amantombazana ngeke ndibuyele ku Asanda, and nana ndithanda wena, wena wedwa sukuzi khathaza ngo Asanda uyeva” I nodded, bendi funa ukuwa xelelwa la mazwi kaloku izidala azi lahlani kuphele, ndibona ngo Lzk no sis’Thuli, Andile: “zithembe nana uthembe nam, akekho umntu onothatha indawo yam ndiyaku thanda ma Mamaya” ndancuma, bendi qala ukumva endibiza ngesi duko Me: “ndiyaku thanda nam Mgcina” Him: “I know” he kissed my cheek wamisa I taxi, Me: “hayi siyaphi?” Him: “e khaya, yiza” Me: “oh okay” yama I taxi saqabela, u Andile wabhatala saya kokwabo wavula ngesi tshixo sakhe kwabe kungekho mntu sayongena endlini, sayo chopha e sittingroom Me: “uyephi utatakho?” Him: “use P.E” Me: “yho uyayi thanda I P.E utatakho” Him: “une business khona, uba injani ungandibuzi” Me: “mhm okay” sahlala, sadlala I games sapheka satya, then late sayoqabela I taxi saya e khaya,kwakuse ku tshona I langa ukufika kwethu ekhaya kwabe kumise imoto ka Bra Ace ubuye nini e PE, kukho e ka Percy neka Thembi e yardini, I wonder bazo thini, Me: “omalume balapha” Andile: “oh zimoto zabo ezi, inoba yilento no tata elapha” Me: “ewe, kodwa eka tata ayikho” Him: “inoba useza or ise garage” Me: “mhm” saya endlini, ndithe xa ndi vula umnyango kwakho umntu ohlabela ingoma “Modimo ha le teng, ha yo mathata” what the hell! Kwenzeka ntoni ekhaya, beku gcwele abantu sana, kukho noomakhelwane, u gogo no mamncane nabanye omama behleli ku matrass belila, sakhe sama emnyango no Andile, baqhubeka abantu bacula bendimbona u Ace u confused njengam, yade yaphela I ngoma kwathiwa singene sangena bendi sazama uqonda uba kwenzeka ntoni, kutheni ogogo bekhala. Bra-Ace: “hlalani phantsi, kudala sini fowunela anibambi I phone” khange sizivei phone ke zona sahlala phantsi bendihleli ecaleni kuka malume, ebenamehlo abomvu naye, heee ndizokhe ndiyibone…Yima! Uphi umamam Malume: “ee Samke umamakho akasekho, sifowunelwe ngomakhelwane nathi nge phone yakhe, bathi bave izithonga zompu xa be fika, u Nokuthula sebanda” ndavele ndabanda ngaphakathi, isifuba singathi sikrazuliwe intliziyo yaxhaxhwa, bendinento engathi sisigaqa esi lapha emqaleni,kodwa anda khala...i cleared my throat Me: “ngubani ombuleleyo?” Bra-Ace: “Asiqinisekanga, kodwa bathi aba bonileyo emva kweza zithonga, kuye kwaphuma umntu ohamba nge bmw x5 e silver” umntu endimaziyo one Bmw X5 ngu aunt Lindiwe…u Andile uye wa phakama waphuma, Me: “uphi utata?” Bra-Ace: “uhm..i phone yakhe akayibambi”iyo Me: “okay” Woman1: “ nxesi ntombi, alu….” Eyi andidibani nayo kele mna, ukundi xelela ukuba aluhlanga lungehlanga akuzu buyisa umama wam ndaphakama ndaya eroomini yam ndangena kwabe kukho umntu oleleyo kuyo, ndayo mjonga ibingu Lebo ndaqonda mandiphume ndingamvusi ndayo thatha I earphones ndaphuma ndaya e roomini ka mama, ibi nuka yena ndase ndamkhumbula ke ngoku…kanene ebesi thume I yeast and iku Andile uzose abone yena ukuba uzakwenzani ngayo. Ndiye ndavala umnyango we room ndatshixa ndavula e wardropini ka mama ndakhupha I nightdress yakhe ndakhulula ndangena phantsi kwee ngubo, ndafaka I earphones e fowunini bendi ne missed calls zo malume iphone yam ibiku silent ndayikhupha ku silent, ndakhalisa I gospel; engqondweni yam beku dlala wonke lama xesha bendinawo ngawo no mama bendi khathazekile, kodwa kungekho into ethi ndikhale babe bungekho tu ubuthongo phofu bekusando tshona ilanga,esidaleni I phone yam yakhala ibingu Andile, ndayi phendula Me: “hey” Him: “hi wenzani?” Me: ‘ndisezi ngubeni” Him: “yiza apha phandle” Me: “okay ndiyenza” ndaphakama ndakhulula I nightdress ndabuyela ezi mpahleni zam, ndalungisa I bhedi kakuhle ndanxiba izihlangu ndaphuma, ndafika e sittingroom sebe hambile abanye abantu kukho abantu base khaya qha, utata engekho, MakaLebo: “uyaphi nana?” Me: “ndisayo bethwa ngumoya ma” Malume: “ungahambeli kude ke” Me: “okay” xa ndivula umnyango ndathi gqi nama polisa caba ebesazo nkqonkqoza, ndabhekela emnyango angena abulisa azazisa, ndavala umnyango ndayo hlala phantsi, Police: “ee, ingaba niyamazi umntu ongu Luzuko Fini?” latsho uvalo kum Malume: “ewe, ngu sbari wam” Police: “oh sifumene imoto ngase si gangeni, sifike amacango evulekile kubonakala ingathi u abduct(iwe) ngoba I engine yemoto ibi “on” and I phone nezinye izinto zakhe sizifumene emotweni” ndavela ndabethwa yenye I headache, yandenza ndangathi ndi dizzy, ndaphakama ndaya e kitchen ndayo sela amanzi abandayo ndangcono ndaphuma ndaya phandle ndayo ngena emotweni ka Andile, wa starter I moto sahamba ebeyi hambisa kancinci imoto beku thulekile, wakhalisa I gospel u Lundi…yahamba imoto kuthulekile. Bendikude mna ngee ngcinga bendicinga ukuba kwenzeke ntoni ngo tata, bendingam khuphi u aunt’Lindiwe nakule ka tata into, ukuba uzakwenzani ngaye kwazi yena no Thixo wakhe. Ngoku ndisheke ndingena mama, utata ngulo ungaziwayo ukuba uphi…mxm life ne. wade wamisa imoto u Andile besi kude kunase khaya, waphuma wayo hlala ngemva nam ndaphuma ndayo hlala naye ngemva ndabeka intloko yam, esifubeni sakhe wandi brush(a) intloko ngesandla, Andile: “baby?” Me: “mhm?” Him: “awufuni uthetha ngalento yenzekileyo?” Me: “no, uthetha ngayo akuzu buyisa umama wam no tatam” Him: “uthetha ukuthini xa usithi ni tatakho?” Me: “kufunyenwe imoto yakhe ngama polisa, athi kubonakala ingathi u kidnappiwe ngoba I engine ibi on, nezinto zakhe zise motweni including I phone yakhe” Andile: “iyo ngubani onokwenza lento man” Me: “akekho omnye ngaphandle kwe stepmother sam” Him: “funeka uyi xelele ama polisa lonto” Me: “yeah, xa endi buza” Him: “uyayazi ukunga khali noku ngathethi nge ntlungu oyivayo kuyalimaza ngaphakathi?” Me: “kodwa andi funi ukuthetha ngayo nje, and andi funi uku khala, ndicela siyiyeke futhi” Him: “okay ke” Me: “thanks, into endiyi funayo kuhlala nawe apha nawe qha” Him: “ndizoba khona oko uyeva” he kissed my forehead Me: “okay nana” sahlala sathula, beku khala umculo qha, ndavala amehlo ndavele ndabona ubuso buka mamam, ndandi nga funi uku kholelwa ukuba akasekho nyani, yayingase ithi kanto ndiya phupha. Uhambe msinya, ndisamdinga, ndizo phinda ndimthathe phi omnye umama ofana naye. Ewe sasikhe sixabane, singathethisani, andilahle kodwa lonto yayingayi tshintshi into yoba ngumama wam. Kodwa kutheni engalwelanga ubomi bakhe yena? Kutheni soloko eyekela u Lindiwe e winne, waqala uku winner ngokumthathela indoda, ngoku u winner ngokumthathela ubomi naye wamyeka nje kanjalo. Ugogo wam yena shem inoba uziva njani, inoba akukho lula kuye…ukulahlekelwa ngumtana….i phone yam yakhala yandi phazamisa ndisekwezo ngcinga kuthe kanti ndiya khala ndosula iinyembezi, malume lo ebendi fowunela ndayi phendula, Me: “hello” Him: “ntombi uphi?” Me: “ndingaphandle” Him: “buya kaloku, kuya lalwa” Me: “okay ndiyeza” Him: “sharp” he hung up, ukuya kulandlu Bawo..eish Me: “baby ndicela undi goduse” Him: “okay” saphuma sayo qabela phambile waqhuba sayo fika ekhaya, sa hug(ana) ixesha elide, ndavalelisa ndayo ngena endlini, ndafika kusityiwa kwase kwandi nukisela kakubi nokwa kutya, ndaya straight e roomini yam ndafika evuka u Lebo, amehlo akhe ebe dumbile, ebe lilelwa ne umama Me: “hey cuz” Her: “hey love” we shared a hug sayekana “I’m sorry mntase u aunt ebe…” ndaphakamisa isandla ndifuna athule Me: “it’s okay nana, masingathethi ngalento tu” Her: “kod…” Me: “please Lebo” Her: “okay” Me: ‘thanks” ndatshintsha ndanxiba I pyjamas, Her: “sowutyile?” Me: “no, ndi hluthi” Her: “okay” ndangena ezingubeni ndazigquma.
Posted on: Tue, 18 Nov 2014 17:15:38 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015