Insert 24 Yehake uyavuya lo unguBongi noba akaziva yazi...asoze - TopicsExpress



          

Insert 24 Yehake uyavuya lo unguBongi noba akaziva yazi...asoze mna ndicele uxolo kumama ndingakange ndimenzento chin le...khona lo ade ahambe ngenxa yalento kutheni angayilungisi pha kumama no Zimbini kuqala...yazi mna ndiyazibona ukuba ilishwa yinto endinayo shame...ndiyendahlala ke endlini sade salala no sana lwam uBongi akabuyi.. Besisaleli njalo ke ndeva igate wangena...ndiye ndaphakama ndayomvulela ke ndagqiba ndaphindela ebhedini yam ndalala.. Bongi::Hlumisa..ebendishukumisa... Mna::Mmmmmm Bongi::ulicelile uxolo kumama ke baby.. Mna::ewe baby...bendixoka kange ndenze lonto mna andihlanyi tuuu kalok kunini ndabane ndicela uxolo kumama ndingenzanganto..not kule game asoze tuuu.. Bongi:: kuhle ke mfazi wam ungaphinde umthuke ndiyakucela... Mna::ukuba yena undithukile zendithini mna? Bongi::uzumyeke kalok.. Mna::ok uyayithanda lento yenziwa ngumama apha kum? Bongi:: andiyithandi bonanje Hlumisa nawe vala umlomo wakho umyeke athethe yedwa maan not uphendule... Mna::ndivile!ndagqiba ndalala sana mna... Bongi::baby ndicela sincokole ngezethu ngoku.. Mna::thetha. Bongi bendicinga ngo january sandise indlu sithandwa sam.. Mna::mmmmm ndiyayivuyela lonto nam bendiyicinga. Siye sancokola nomntwam kamnandi kanjani...siyathandana nomyeni wam qha ngomama aba basixabanisayo kodwa ke awukho umtshato ongena vavanyo... Kuye kwasa ke ndapheka sonwaba ke nomdeni wam oko sihleli endlini kumnandi sithandanaa shame... Bongi:: Hlumi funeka siyotshata my love.....yhoooo andothuka kalok mna kange ndiyicinge le ayithethayo tuuu.. Mna::kulungile Gcina singaya ke xa sekuphele iholideyi.. Bongi::ndizocela umalume wam abelingqina wena ucele uThandi uvile.. Mna::ngumbono omhle lowo sthandwa sam....bendivuya yazi noko umyeni wam usandithanda nanku ngoku funa sitshate...uHlumi uzobane ring sana :) yazi ndincede ndithi asisagoduki kuzotsho kuvele nomtshato lo wephepha mntakabawo.. Uye waphela udisemba sonwabile nomyeni wam singakange sive kwanto ngomama noZimbini..4iye sayothenga iring zethu safaka iappointment nyani sayinikwa idate yobuya...liye lafika ixesha sahambani namangqina ethu sayotshata saya nakumfundisi wasikelela iring zethu ndatsho ndangu MRS Tyesi nyani hayi ifongkong ntanga..... Siye sandisa nomzi wethu ke yonke into yahamba kakuhle sana..uThixo ebenge cala lam shame ooZimbini bebesathe cwaka mntakabawo ndiphole entloko sana...ngenye imini sithe sisahleli kwanqonqozwa.. Mna::noba ngubani nalo unqonqoza kakubi nje... Bongi:: mandiyomjonga sthandwa sam.. Mna::ok.bendisajonge itv ke ndeva nge voice kamama andothuka chini Thixo ulapha lomama... Mama::molo Hlumisa utsho encumeee lomfazi.. Mna::molo mha.. Mama::unjani. Mna::ndiyaphila wena? Mama::ndiphilile.yhuuu akasekhule undoda sehamba nohamba uAlu iminyaka iyahamba mntakabawo.. Mna::ee uyakhula...ikofu okanye iti mama? Mama::ikofu..utsho edlala nomntana..ndihambile kemna ndashiya uumntu nonyana wakhe.. Ndiye ndabuya nekofu yakhe ke ndamnika namakhekhe...ndagqiba ndahlala esofeni ndabukela itivi.. Bongi::umalume ukuxelele ukuba sitshatile noHlumisa..utsho ngoluka blanket uncumo owam umyeni sana.. Mama::yhoooo hayi kange ayiphathe keleyo..bekunyanzelekile na nide niye kwamatyi khona nitshate omphi umtshato?bendimbona umanyoko akathandi tuuuu shame.. Bongi:: sitshate u IN mama...ahahahahahah yehake Bongi no IN bendingasayihleki kemna ndihleka nalo IN.. Mama::yehake intoni u IN Bongi.. Bongi::eyem yeka Hlumisa eka Hlumisa yeyam..akawarhola umama amehlo sana.. Mama::ina Hlumisa khawundiphinde..uthini na wena Bongi kutheni nje ungaqalanga kum..uzitsotsisa nje ngalomntwana..yhooooo ndikuncamile mntana wam uyitye yonke...ndiyanibona niyamenyezela neminwe hayi nonwabile ndijongile..kemna into endizisileyo apha indlala siyalamba Bongi kalok wena ulibele ukondla uHlumisa lo apha.. Bongi:: yhoooo yehake umntu akasaxelei namama xa esiza endaweni kwenzele ulungiselelwe.. Mama:: hayi uyagula wena Bongi funeke ndixele nah?mna oko ndizivalele owam ulomo ndazixelela nje ndizomvula lomama lo.. Bongi:: mamvulane ndinomfazi kwaye lonto mayingene kuwe awunovele ufike nje apha endlini yomfazi wam... Mama::hayi ndanele mna ngulomfazi wakho ukutshintshe ingqondo mntanam.. Bongi:: Hlumi ndisabethwa ngumoya no Alu sizobuya...wemka uBongi no Alu.. Yini lomfana undenzani ngoku undishiya nalomfazi mntakabawo :( ndiye ndaphakama ndolungiselela upheka kemna ndake ndahlala ekitchen.. Ndithe xa ndisiya elounge akekho lomama ndaya ekamireni yam xa ndifika nanko ungqendeve phezu kwebhedi yam no myeni wam andothuka....haibo kanjani ngoku?
Posted on: Tue, 12 Aug 2014 18:55:48 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015