Insert 25 Mna:Awuchanwanga Siziwe?Ndahlebeza ngoba - TopicsExpress



          

Insert 25 Mna:Awuchanwanga Siziwe?Ndahlebeza ngoba ebesebhedulula amehlo, ndazama uphakama ngoba besekuthe saa ngoku abanye bebaleke ngemoto, isandla sam sigcwele igazi. Somzi:Anonzakelanga Lwadz sani? Mna:Igazi bra, uSiziwe uyaphela Baphela utywala ngoko nangoko yangathi bendisele amanzi, ndamphakamisa kwaqalisa izikhalo Sazi:Tshomi, tshomi Somzi:Mzise emotweni awuthi yam sabaleka ndambeka emotweni Mna:Ziwe sisi ndambetha ebusweni ndimphazamisa, ndingayintoni afele ezandleni zam. Wabalekisa waleqisa kwesasibhedlele sabucala Sazi:Sapha ibhegi yakhe ndijonge isazisi Ndamnika wasikhupha ufika kwethu ndaleqisa kwigumbi labanzokeleyo Kwenzekeni?Kwatsho umongikazi Mna:Udutyulwe Gqirha:Salani nina aningeni niphela apha Mna:Ndicela ungena gqirha Gqirha:Awuvumelekanga Wabe ethetha no nesi babaleka bemqhuba ngesitulo botshonela, uSazi ekhala egixa ethe nca kuSomzi. Bezile nabo ooFundile,Xolela no Nqaba Sazi:Uzakuphila uSiziwe? Sizakuthi besiyothini ebumnandini ebhayi nokwenza? Somzi:Sucinga ngalonto ngoku Xolela:Asiphelanga esi simoko, sizoba semva kwakhe uta shoes, uyaqhela Fundile:Uzakufinyi gazi myeke Nqaba:Uzakubona ookhokho, kutheni ngoku ucimba usaliphethe elibhayi? Yayinguye ngoko. Uyakwazi usebenzisa intshiza awuthi yam?Wabe enjonge kum Mna:utsho mna? Nqaba:Ndijonge wena ,kutheni ngathi uyagwaja nje? Fundile:Hayi ungalinge ube yintaka apha mfondini, ifuna ukucisha la bhuda. Usindiswe nje nguMbulelo Sazi:Uzakundixela ekhaya ubhuti Nqaba:Akasoze, akayo murhu uMbu. Qha funeka sidibane naye siye kuTa Shoes ngoba kuthwa uhlala komnyu mhlolokazi eWalmer uphethe izigidi pha kuye. Funeka asinike zibe mbini ukuba ufuna simyeke naye ayeke uLwadz Xolela:Wawumenzeni uTa Shoes? Ndayibeka yonke indaba ngobunjalo bayo Xolela:Hayike kuhle , uzakuchitha elatyala asinike yonke imali ininzi mos Mna:Ewe Nqaba:Yhoo uyimboza sikhokho, uhamba ungusozigidi ongaqondakaliyo Somzi:yhoo sizakuza kakuhle kengoku, Nqaba:Mandiyofuna ukutya ne? Fundile:Sho ndoda Wahamba sahlala apho emva kweyure wafika uNqaba noXolela bephethe ukutya. Saya phandle satya sagqiba , Somzi:Phariri awozeli? Sazi:Hayi sthandwa sam, ndifuna ade aphakame uSiziwe ikhona mhlambi into endiyiphosayo, baqale nini na ukuhambisana aba babini. Okanye zonke zezasemnxilweni Kwaza ugqirha Gqirha:Luphi usapho lwexhoba? Sazi:ndim, ndingumzala wakhe, lona ngumyeni azakutshata naye Gqirha:Izani ngapha ndinixelele ingxelo Wanditsala uSazi, ndingayazi ba mna ndingungqangqa ka Mwangi wam. Niyawazi phofu umwangalala? Zezalekese ze1c ufike xa uzithenge nge R1 azibalwa kuvelwe kukhiwe isandla sonke. Ziyelelene kwi jellytots qha ziqinile zona Saondela kugqirha Gqirha:Inxeba linzulu, sizamile ukukhupha imbumbulu, igqoboze nje amathumbu ayenzanga bungozi. Uzakuphuma nje ngeentsuku ezingephi Mna:Kulungile ke gqirha Gqirha:Ebedutyulwa phi? Funeka senze ingxelo yamapolisa...inobuzaza le meko kaloku uba ebefile? Mna:Besi_ Sazi:Besiphuma sivelo benga kanti kuyadutyulwana embarheni Gqirha:Mandibize amapolisa, Sazi:Kulungile, kodwa akanokuza ngomso sizakubuya Gqirha:Kulungile Saya kwababafana sihamba nabo Mna:Inoba banexhala endlini, masileqiseni ndihambe ubusuku bonke Sazi:Uthi ugqirha uzakubiza amapolisa ,sichaze kwenzeke ntoni. Ndithe mna sibone kutyulwa qha Fundile:Mayiphelele apho, awuyazi zisuke izithonga. Ubushushu awuyazi noba benikweyiphi imbarha. Nawe ke Lwadz ntwana ungabhatyazi okanye uyakuthothoza wedwa emjiva ndoda Mna:Kulungile Xolela:Masiyolala kwam, nivuke nize apha Somzi:Ewe maan, sizakuhamba kusasa Nqaba:Kufuneka sivukele naku Shoes kaloku Mna:manditsalele endlini umnxeba Sazi:Yeka ndizakuthetha naye usisi ,xa esazi uhamba nam akazuba nangxaki Mna:Kulungile Xolela:Ndinawo umnxeba pha kwam Saya ngomtsi wempuku ukufika kwa Xolela, nayo yindlu eselokishini kodwa ngubhazabhaza ubunofunga isedolophini. Yohlukile kwezinye izindlu kuba inamagumbi angentla nangezansi. Xolela:Wamkelekile kwam ke Skhulu, yenza noba yintoni Mna:Ndiyabulelandatsho ngoluka blankethi uncumo, intle indlu yendoda ngathi lihesi Fundile:Khandiphe isitixo sapha ezantsi sani ndibawela umthunzi weenkukhu Somzi:Uyadingeka yhoo, hayi kufuneka iimpela veki zethu sizichithe epha qho Mna:Uba akunobakho imipu kungamandi, ndingayithi into yoshiya abazali bam ndingekabakheli Nqaba:Hayi ntanga awonwabi apha ungenantshiza okanye uyakuba sisigculelo salapha sani. Yimpilo yethu Wabuya nomya(intsango) uFundile...ooh caba ngulomthunzi weenkukhu hayi kuyathethwa emhlabeni Nqaba:Bopha sani, ityebe Xolela:Eyam yifake pha kulanqawa yam Sazi:Ndiyozela mna Xolela:Thatha Soy noba leliphi igumbi kulawa Somzi:Iza nongqiza Wamncedisa baphakama Nqaba:X sani khawuphinde umncenge ngokwakho lomjita ngalena yamatayara, zingenza inyuku Xolela:Uyamazi uSomzi soze enzo obo bubhanxa, Nqaba:Nawe ungazama nje Lwadz nisebenza nonke mos? Mna:Ndizame nto? Fundile:Khawuyeke uba nentliziyo ende Nqaba, uyakubhantinta ungenangqondo nje. Khawuyeke izipani zabanye Izipani zobani ngoku? Uyakwamosha uNqaba?Wangena sebuza uSomzi Xolela:Ufuna siphindi sikucenge ngal_ Somzi:Hay hayi yibamb apho magenge, andisoze nditye msebenzi mna. Ndisafundisa abantwana mna niyayazi lonto Xolela:Sho ndoda, hayi myeke lo uyaqhunywa. Uyazishaya?Watsho endinika umya Mna:Hayi andilungi ke Xolela:Yilento ilelabathwa? Mna:Andilungi nakwelinjani Somzi:Ngubawo ugosa lo, niyamazi ebeqala izolo kwa iinyembezi zika victolia? Nqaba:Uyaxoka sani, iziko sekhe waliwela lona kengoku? Somzi:Tubawa phantsi yintsini Mna:Sundiqhela somzi, ucimba umfazi wam ngumariya? Somzi:Ndiyadlala majita , kodwa xa ndithetha inyani ebeqala pha kunkosikazi uliwela Mna:Haha awuxoki sani, ninaye nonyana ozayo Somzi:Ubanjiswe ilahle lo majita Watsho ebalisa endandimbalisele yona Nqaba:Hampa fondini zange umchane kaloku , ubuqala ufumana kumfazi wakho manyani Somzi:Akafuni nova Fundile:Ulibambe litshisa yhoo, uphu mfazi kengoku? Mna:Sekhaya Fundile:Bayagcinwa ke abafazi zezi zingomahlalela pha emakhaya. Nowakho uzakufila eayiniwe Mna:Hayike andizingeni ezo, soze owam Xolela:Lona yena usesibhedlele yinkazana? Mna:Hayi bendiqala umbona izolo Xolela:Kengoku ayithethi lonto, uyazifela bendicimba nikulento nje Somzi:Ewe oko ethe nca kuye naseTinarha Mna:khaniyeke maan Fundile:Usafika sizakuxakana naye myekeni, abafike bebadala kwezi zinto bayasothusa Mna:Mandiyolala Somzi:Ungayi kuSazi ndiyakucela Mna:Hasuka Somzi:Umntu wam inoba unomsindo apho akhoyo Ndabashiya , ndayolala . Kusasa yangathi intloko iqheke ukhakhayi kubini. Ingebuhlungu ngathi ndingafa naninina Vuka sani, siyahamba siya kuShoes ngoku kusesekuseniibingomnye qha andimazi omphi kuba bekunzima kwa ukuvula amehlo Mna:Intloko Vuka iza izosela izakuphela Mna:Kulungile Ndazicenga ndaphakama, ndaya egumbini lokuphumla behleli sebesela Nqaba:Ina qabula, uzakuba semandleni Ndathi laqa nje ithamo lejini, ndaphinda elesibini Somzi:Sela amanzi kakhulu uzakubona Ndayosela amanzi abandayo ekitshini ndafika uSazi epheka Mna:Sasa Sazi:Lway, khupha apho esikhencezisini amanzi ndisalungisa ibrakfesi Mna:Kulungile Sazi:Uzawuphila, yibhabhalaza leyo Ndasela kwanti nkqe entloko ,nyani kwathi qwenge emva koko Sahlala satya sagqiba , bathatha imipu yabo yangu khalakaxa esinqeni, bayiphatha isiqhelo ,saya kwa Zandile. Akuyekwa uba sembuqeni kulo mzi, ekuseni iitshomi sezisela kukhala kwalo mculo ndini Fundile:Ndiyalifuna ke eligriza Mna:Hayike sani, ngumakazi ka nkosikazi lo ndiyakucela Fundile:Ndiyekile ke, lijonge litipe ngentseni wabe ethe natya nyani phansi uZandile Sangena kwacuthwa umculo songena, Fundile:Uphu Shoes? Itshomi ka ta Shoes ithe xa iqala ubamba esinqeni ,Bakhupha imipu bonke ooNqaba. Kwabe sekungena uTa Shoes enxibe impahla zolala ehamba noNomakula Xolela:Ndicela wena ta Shoes ecaleni Shoes:Nifuna ntoni apha? Xolela:Sokwenza into nje encinci, sifuna inxalenye yemali, siyayahlula sonkeni ngokulinganayo Shoes:Akho mali Xolela:Sizakugqithisa amafu lenkazana yakho ungafumani nalo peni, ngoba siyayazi awutshanga awuzokhotha naphantsi Shoes:Masiyeni kwelinye igumbi Safika egumbini lika Zandile lokulala, uNqaba noFundile no Somzi bashiyeka Shoes:Jonga sani, kushiyeke indlu yondwa qha iyasokolisa kuba ibingekagqitywa ubhatalwa. Imali sendiyitye yonke Xolela:Uyaxoka Ta Shoes, ndabele kwela shishini lakho, yonke ingeniso yakho ndifuna isiqingatha sayo Shoes:Kodwa andiyiqalanga ngalemali Xolela:Ndiyakwazi ubuthengisa umthunzi weenkukhu, nemoto zodwa. Le yeepilisi uyifumene emva kwezizithonga zala sesteri Shoes:UKuli wakhe kowabo, nam ndakha ekhaya . Iphele nyani. Ndizakunika ke isiqingatha Xolela:Ufuna alicime ityala uLwandiso? Shoes:Ewe, liyandibambezela Mna:Ndingacima elakho londibetha, elodlwengula andizulicima Xolela:Yha lingawela kwimpintshi yakho ,uzakuthi ubethwe yitshomi yakho nompu uzakutsho uba ibiyitshomi yakho eyamkhomba ngawo Shoes:Kulungile ufuna nto? Xolela:ufuna malini sikhulu? Mna:Andiyazi imali akwazi undinika yona ,kodwa ingabi yeyeziyobisi Shoes:Ima ke masiyiyithatha engeyoyeziyobisi, isele kulena kaZandile Saphuma sonkeni, sayokhwela emotweni. Somzi:Lwandiso masithethe ecaleni Ndaphuma nam ndaya kuye ungayenzi into ongayifuniyo ke vha? Mna:Kulungile Somzi:Ndifuna uyazi awunyanzelekanga Mna:Ndithe andiyifuni eyeziyobisi Somzi:Sendikuxelela, njesazi waphuma naye emotweni Sazi:Mna utatam wayeligintsa ephangela , wayesiba ...kodwa wafa kakubi , uzuyazi ke le uzifaka kuyo akho kubuya ngamva Somzi:Nam andinabazali, umama wabanjwa utata wafa notaka Sazi, ndikhulisa abantwana basekhaya ndanyanzeleka ndayeka isikolo phakathi. Bendifuna uba ligqwetha okanye ugqiirha mna Mna:Kutheni beningandixelelanga kwangoku besisebenza kunye? Somzi:Besingekakuqheli ndibona nalento ebize wena wedwa uXolela, qha siyakuxelela ngoku. Mna ndihamba nabo nje kodwa bayayazi andibatyali nto Mna:Hayi ndiyaniva Xolela:Yintoni ngoku nasilibazisa? Mna:Khawuze X Waza kuthi wohlika emotweni Xolela:Utheni bakutshintshi ngqondo ngoku ooSoy? Mna:Andifuni ugaxeleka mna Xolela:Lemali yeyokuba ekuvala umlomo nje? Awuthengisi ngonkosikazi wakho uzakuyiyeka eyakhe, qha bendifuna uziphucule mna elalini. Awuzungena ube lirhuzu xa ungafuni. NoSomzi uyayazi amatayima ethu bebeqhuba bonke ,yena uyitshomi yam akenzi nto kuba akafuni Sahamba saya kwenyi fama yangathi siyaphuma apha ebhayi, caba ifihlwa kude le mali ka shoes, uyityile imali yomhlolokazi lo mfana. safika wayikhupha wabala Xolela:Ingayakha le ipomakazi, abazali bahlale ntofontofo, ungaphinde udlalele kulentwana ke Shoes, siskhulu sethu esi. Uzakumane unditsalela umnxeba ke wena xa uzandabela leya yam Saphuma ke apho sakhwela emotweni Xolela:Siyani eqonce ngoku uyothengela unozala ichicken piece, siyogcwalisa iqonce nje kancinci, soze singabuyi nezigidi nemoto nje enye ...ithini na lento ,andixelanga nakoo Mlu uba andizubuya ndiyotshone Bhayi, sele ndise Bhayi ndiyotsibe Qonce hayi makhe sihambe sibone u N2 uza nantoni
Posted on: Thu, 13 Nov 2014 11:13:40 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015