Insert 250 **Sele bemkile uZolani noZoleka,uVuyo uhlale nomama - TopicsExpress



          

Insert 250 **Sele bemkile uZolani noZoleka,uVuyo uhlale nomama wakhe uMadosini** Vuyo:Andikamboni utata ingaba uphi bendingathanda ukuba ndithethe nani nobabini. Madosini:Vuyo utata wakho wasweleka,Vuyo kudala wemka ekhaya,usweleke utata wakho ekhala enesingqala ngawe,nam bendithi ndakufa ndingazange ndaphinda nadkubona. Vuyo:(ziqalise inyembezi ukuhla) Oh madoda utata,yini ade angcwatywe ndingamazi nokuba uswelekile ndingunyana onjani mna kodwa,ndicela uxolo mama ngayo yonke intlungu endinifake kuyo emva kokundikhulisa kabuhlungu nizama ukuba mandifunde ndathi ndakugqiba ukufunda ndaphapha nelizwe.. Madosini:Ukuba Vuyo ubungenguye unyana wam ngendithi phuma ngomnyango uhambe,kodwa kuba ungekho umngqomo womntu,kwaye uzelwe ndim,xa ungazukwamkelwa ndim ngubani ozakukwamkela. Vuyo:Ndise ndanentloni kakhulu xa ndikubona,ndakhumbula amazwi endawabhekisa kuwe kodwa uyandizala,ndisakhumbula kakuhle ukhala ungakholelwa ukuba lomazwi aye phuma kum.ndicela uxolo mzali wam,namhlanje ndiza ndinje ndingena nto ndingumpha ochutywe walahlwa,ndingumthwalo. Madosini:Sukuba sabuya mva Vuyo nyana,kuhle kuba usabuya uphila,nangona kubuhlungu oko kwasweleka utata wakho ndiphila kanzima ndiyasokola ndincedwa ngabamelwane ukuze ndilale ndityile,kodwa andinakubeka ityala kuwe,bonke abantwana bayazenza impazamo. Vuyo:Kodwa mna mama andikufanelanga ukuxolelwa. Madosini:Akakho umntu ongalufanelanga uxolelo,mna ndafunda lonto kwibhayibhile ukuba nguThixo yena umele kukugweba. Vuyo:Ndilapha nje ndalahlekelwa ngumfazi,nomsebenzi ngenxa yezenzo zam..ubomi kum buphelile,nditshile ngenxa yezenzo zam. Madosini:(esothuka ubusele wabanaye nomfazi) wanxityiswa phi ngubani lomfazi wakho?sikhona singabazali bakho? Vuyo:Mama xa ulahleka kukho abantu abasondela kuwe ucinge bayakuthanda kanti bakuqhubela emgxunyeni,uze uthi wakungena bamele kude,umfazi bendinaye sele ndinabo nabantwana abathathu,kodwa sohlukene nomfazi lowo,naye andimgxeki uzamile ukuba umtshato wethu ukuba mawuqhubele phambili kodwa mna uSatana ebesandiqhubela phandle kulapho ke phandle apho ndizakudibana khona nokutsha, Madosini:Azi kwaye kwathini na kuwe Vuyo,wakhula ungumntwana othazamileyo onentlonipho,ukuba kwaye kwathini andiyazi,kodwa ndisamcela ukuThixo aphinde akunike zonke izinto obunazo,ukuze uzokwazi ukwenza izinto ngendlela efanelekileyo,baphi abantwana ke ngoku? Vuyo:Bahlala nomama wabo. Madosini:Ndinganqwenela ukubabona abazukulwana bam.Vuyo ndiyakuxolela ngazo zonke impazamo zakho,buyela ekhaya uzokuhlala nam ukwazi ukuba uphinde wakhe impilo yakho okutsha,ulungise nomzi wakho,mna ndizakufa kungekudala ndikushiye ndingavuya xa ndinokufa ndikubona ukuba ubuyele esimeni sakho sakudala ungulamntwana ndimaziyo,ngoku akufuneki uzusizele,phakama uphinde ume njengendoda wakhe ikamva lakho nelabantwana bakho,nguwe nendoda eshiyekileyo kwelikhaya utata wakho xa engasekho Vuyo:Ndiyabulele Dosini omhle,ndiyabulela kakhulu ngokundixolela kwakho,ndiyazibona iimpazamo zam,ndizakuphakama ndizame ukuzilungisa,ndiyamcela uThixo nam andigcinele wena ukuze ndikwazi ukukubuyekeza ulonwabo kuwe,uzingce ngam. Modasini:Mna akusekho yam ngoku,into endiyifunayo kukuba wena uzijonge wena.yiyo into enokundibanela ndife ndonwabile. Vuyo:Ndiyakuthembisa mama ndizakuzama ukuba ndibuyele kwimo endandikade ndiyiyo,andisayi kuphinda ndikulahle...intliziyo yam ibuhlungu ngotata. Madosini:Utata wakho nokuba ubhubhe enesingqala na kodwa ndiqinisekile ukuba uyavuya xa ekubona ubuyile,umoya wakhe ukhona phakathi kwekhaya..kufuneka uhambile uyokubeka ilitye uthethe pha ucele uxolo uzichaze ukuba ubuyile phakathi kwekhaya.. Vuyo:Ndizakuya kutatomncane andikhaphe ndiye emangcwabeni,ndiyobeka ilitye.. Madosini:kulungile ke nyana,wamkelekile ekhaya hlala wonwabe,uzakutya into endiyityayo...mandikwenzele iti ukwenzela nezinyanya zikwamkele ukhe uyokuzula naphaya ebuhlanti.. Vuyo:Enkosi mama..(Aphakame amange,balilelane)
Posted on: Fri, 01 Aug 2014 18:30:31 +0000

Trending Topics



v>

Recently Viewed Topics




© 2015