Insert 27 Wqndibhaleka phantsi inumber yakhe uSisi ndayifaka - TopicsExpress



          

Insert 27 Wqndibhaleka phantsi inumber yakhe uSisi ndayifaka epokothweni. Sisi: anilambanga? Thobeka: hay sidlile sisi Mna: silambile Sisi: *ehleka* hlala phantsi ndikuphakele. Ndahlala waphaka usisi sadla sacela indlela ukugqiba kwethu sabuyela kulo Lulu ndahlala kancinci ndabuyela endlini, ndafika amasaka am endilinde phandle uAnti enxibe kakuhle kucaca uba uyahamba. Anti: ndiya emakhaya mna, wena ungafounela uAntiza wakho akufakele imali ugoduke okanye uzozibona uba uhlala phi. Mna: bendicela iphone number yakhe anti andinayo. Anti: inoba ucinga ndiyakhathala. Ndaqonda mandiye ku sisBoni azondicengela ngoba lomama akandijonganga kwasemehlweni ngomvulo kufuneka ndiye eskolweni. Ndabuya no sisi nendoda yakhe kodwa ibingekho ngokuya besipha inoba ibuye emva kwethu. Bamcenga uba andinyamezele ndihlale lonyaka kolandelayo ndingabuyi. Wathi uAnti mandingene endlini wandinika istixo babulela osisi bacela indlela bahamba. Wahamba uAnti, uOngie noZimasa abakhali ndawo. Ndahlala kwade kwalate ndangena endlini ndalayita ndajonga uba ndizodla ntoni ukudla ezikhabhathini akukho, kune trunk enkulu eneqhaga elikhulu, ndakhangela ipilisi zam ndasela ndakhupha inumber ka sisi epokothweni ndayifaka ngaphantsi kwe suitcase ndondlala ndalala bengekho aba babini. Ndebiwa bubuthongo ngoba ziyalalisa ezinye ndavuka ekuseni ndaya kuThobeka kulo Lulu ndadla khona ndabuya ngokuzolala. Ngomvulo ndambona uOngie eskolweni Mna: anihambanga na? Ongie: sihlala no sis Zukiswa umama uthe uzosilanda xa ebuya. Mna: ukudla nihambe nako ke ngok? Ongie: uyakutixela umama xa ehamba thina asishiye kwa sis Zukiswa ngoba uyamosha u Thobeka. Ohh yiyo lento endinike istixo engakhange alwe. Xa kuphuma iskolo ndeva abantwana base classini behleka kumane kujongwa kum ngoku sihambayo bona bahamba phambilana kunam Wema uThuli wandilinda. Thuli: awusatsho uba uboniwe, uyeka iskolo ngenxa yomendo uzophelela phi sisi. Mna: uthetha ngantoni? Thuli: usisi wakho uyasibalisela ngoku siphuma eskolweni Mna: andendi mna ndizokwendela kubani Thuli: asazi nathi nguwe owaziyo Ndaya kulonopatazana ungu Ongie: ndamfaka impama wothuka Mna: kutheni wena uxoka ngam uthi ndiyenda? Waphindisa naye Ongie: vele mos umama uyakwendisa bendikhona ethetha ephonini, futhi sidikiwe nguwe thina ekhaya. Salwa sendivukwe ngumsindo wento yonke ngoba nam ndidikiwe ngabo ndambetha wasisicamba sanqandwa ndamkhaba elele phantsi ndamphosa ngestixo sakowabo ndaya kusisi ndafika ndamxelela. Sisi: uzothini ke ngoku Mna: andazi ndiyoyika ukugoduka ngoba uzofika ndindodwa lomntu ndendiselwa kuye. Sisi: ngcono ube usiya apho kuhlala uThobeka ngoba ngu 1room mna lo ndihlala kuye. Ndaphuma ndahamba ndinomsindo sendingenaxesha lanto noba bangandenzani andinandaba sebeyigqibile ukuyibulala intliziyo yam. Ndaya kulonwabo babe bengekho ooThobeka ndadikwa ngoba ndandifuna umntu ozondixelela uba kuzolunga, ndahlala ngaphandle kwe gate kwade kwabuya uLonwabo eskolweni (yena ufunda etown ezikolweni zabelungu mna ndifunda elokshini ndibuya kqala) ndambalisela ndamcela uba andikhaphe ndiye kwaba nontlalo bakhe ngoba akekho uThobeka. Sagibela ngemali ka Lonwabo saya etown, andiyazi nakakuhle le town ndagqibela ngokuya ndindiyothenga i uniform. Saya kulendawo yakhe safika sebezovala sancedwa ngomnye usisi owayedikiwe esithi ndidelela ngoba ndifuna ukuyohlala nale nkwenkwe endikhaphile, ubaqhelile yena abantwana abangafuni kumamela kuba bethe phithi ngamakhwenkwe izinto zokwendiswa zenziwa emakhaya not apha masifunde siyeke ube sileqana. Ndabangazama ukucacisa wangandimameli tu lo sisi. Akukho mntu ukhathalayo mos nam andisenaxesha lamntu lomontlalo ntle bekuthiwe uzondinceda ngulo othethelela abacinezeli bam, ndizonyamezela lonyaka ndiyofuna utata ndihlale naye kwakuthiwe yititshala kakade andibancengi. Ndacela ukulala kulo Lulu sahlala nolonwabo ndade ndamvuma, babuya ooThobeka bebonakala uba banxilile caba sayekwa iskolo ngabo kwanzima nokuthetha noThobeka ndifuna ukumxelela ngokwendiswa kwam endikuve eskolweni, laske landihleka ithemba lam wabuyela kumngani wakhe. Wandincedisa uLonwabo ndenza i homework wandilungiselela endlini yakhe yena walala ne tv elounge. Le i mini skirt yenziwe ngu gesi ongekhoyo i will remember to charge at work tomorrow. Nyto
Posted on: Thu, 30 Oct 2014 21:12:30 +0000

Trending Topics



>
PLS TAKE SOME TIME TO GO THROUGH THIS...WHY BUY FOREIGN PRODUCTS
TOMORROW NIGHT!!! FRIDAY SPLASH PURPLE & BLACK EDITION MARCH 14,
Well this time of year I usually rant on about how crap its been,

Recently Viewed Topics




© 2015