Insert#29 Ndakhala ndizbhuqa yayingathi esisimnyama yinto - TopicsExpress



          

Insert#29 Ndakhala ndizbhuqa yayingathi esisimnyama yinto endiythambisileyo, ndakhala bengazama undibuza uBrother wam ukundibuza ndandingakwazi ukuphendula.Kaloku zazibuye zonke azakhe zandehlela apha ebomini bam ezimbi ndinemibuzo emininzi engena mpendulo.Esdaleni ndaye ndazcenga ndathula kaloku umntwana wayesele elila naye abanye be belwe nje benxunguphele, kaloku mna i can cry ndiyathembisa no one ongandodlula ngokukhala.Kwaye if bekuthiwa ziyaphela inyembezi ngendingasenazo kwamna.Wandibuza ubutiwam ba kwenzekani ndandingakwazi ukuzixela ba kuthiwe ndinesimnyama ndathatha ifown ndamnika ba makafunde imessage ngokwakhe wayifunda.Wathi akugqiba ukufunda Sukuzihlupha nomdade thina siyakuthanda kwaye uthixo ebengasoze uvume zibekuwe zonke izinto ezibuhlungu, ndiqinisekile ukuba wena awnaso isimnyama. Wasukuma sister wam oza emvakwam waphaka ukutya ,kwakusele kuphele kwalo appetite ndingabaweli nalonyama ngku ndayigqibela kudala.Igaqa lalimile apha emqaleni lokuba ndinesimnyama yhoo!lwaze lwaphela kakubi usuku lwam yi message ka Mihlali kodwa ke akunandaba .Ndandingenawo nomdla wokufunda phofu kwakuzosa ndibhala i controlled test ye Geography kusuku olulandelayo.Ndathatha i ngubo ndazjija ebhedini ndizama ulala kodwa kungekho kwabuthongo kaloku yayilapha entloko into yoba ndinesimnyama .Kodwa ke esdaleni bade behla ubuthongo ndalala ndethuka ekseni ngemini elandelayo ndenza my usual duties except ukusa umntwana kwa mheza kaloku u brother wam ukna ngku there is no need yokumhambisa .Ndandingconwana kunento endandiyiyo ngezolo ndatya isdudu sam ndahamba ndaya eskolweni ndakhe ndafika ndafunda before singene iskolo kaloku ndandi ba early.Yayindihlupha kakhulu into yoba asoze ndiphinde ndimbone uMavalela kakhulu kodwa ndizxelele ba God will make a way. Zahamba intsuku iskolo sihamba kakuhle ndabhala ndagqiba i Exams zika march zihamba kakuhle izinto .Eskolweni sendiqhelile ndiyaziwa nazimem nge perfomance yam, kwaye ndingomnye we Top students zakwa Grade 12 .Savalela i easters nda attenda i church service kwi mission eselalini yam yese Faith mission .Uthixo esinceda sihamba sonke nabantwana basekhaya ,kunye nomntwana ka Mafungwashe ,sasibhonde ngeyona ndlela, mntu ongandaziyo wayengathi ngowam lamntwaba sesiqhelene endithanda kakhulu.Kwakungavakali nto ngomama wakhe esbhedlela kaloku wagqityelwa ukukrotywa ngoko sasiye noMakazi akuzange kuphinde kuye mntu.Ndamxelela ubrother wam wathi izozama ichance ba siye siyombona .Kaloku wayengamazi ba aele esesibhedlela.Zavulwa izkolo sabuyela eskolweni ,Kwakungolwesithathu ba sivule tuesday uTitshalakazi wam weGeography wandibiza esithi uve ama hem hem nge background yam so ufuna ukuzivela kum kuba uyandithanda kwaye u impressed yiperfomance yam.Yhooo! abazthandi indaba shame Kaloku kudala ndandingathandi uncokola nge back ground yam ndingafuni ba ndibe ndisizelwa, kuba yayibangathi xa ndincokola ngayo ndifuna usizelwa.Ndamxelela sonke istori sobom bam namajiko jiko aso , waye wakhala esithi yhooo ! ustrongo kwa the fact that ngoku ukwa Grade 12 kwaye usapasa kakuhle. ndanqwala wandibonisa i schedule yemarks zam ndandipasile . Sahlala ekhaya with peace kungekho ndlala kumnandi nje simqhelile umntwana kamafungwashe .Makazi wayemane efika abuze u brother wam ba uzoyofuna nini umsebenzi makangahlaleli utya iGrant ye siblings zakhe .Kodwa ubrother wam wayengayihoyi tu keleyo kaloku brother wam wayengeka biryt ba angade ayophangela ,kuba wayehamba i reviews zakhe ko Gqirha eMandela.Caba Makazi yayimphethe kakubi lento yale mali yeGranti erholwa nguBrother wethu.Hayi umtyholi uhamba naye ngqo i wonder zayaphi na intloni.Kwakusekuqaleni kuka May after i 3rd zokurholwa kwe granti Brother wam wathi masiyokroba, uMafungwashe esbhedlela oko wayegqityelwe ukuyobonwa ngo January.Senjenjeya ukubheka esbhedlela eMthatha General eTB ward safika eManesini saxela ba sicela ukubona bani Yhoo! akakhuza amanesi athi haybo unezihlobo nalomntu ?abe selele ebuza ba kutheni singamkrobi salutsho udaba ,kaloku yayiba yimali ingxaki eyayisenza kungabilula ukuya esbhedlela siyobona uMafungwashe.Asikhombisa amanesi umnyango eMasingene kuwo Yhooo! usagula lanto indala bt ungcono esqwini kwaye yathetha ngku wavele walila xa esibona walila isdala sento wamthithuzela uBrother wam wathula .Asogqiba wabuza ba umntwana wakhe uphi wathi brother wam ngesimbuza kuwe kaloku, wawumke naye. Wathi Mafungwashe ingxaki andisakhumbuli noba ndeza njani apha esbhedlela waqalela wakhala. Wamxelela brother ba umntwana uryt usekhaya makathule ,Mna ayikho enye into endandiyijongile kuye ngaphandle koba, ukuphila kwakhe zophinda ahambe ndandimsizela ,kodwa ndiphinde ndibenomsindo.Waye wambuza ubrother wam ba urhalela ntoni aloku sasingamphathelanga nto wathi noba yintoni, sahamba saya eSavoy Spar wathenga izinto kunye nefruit saphindela esbhedlela safika sazishiya kuye sabhabhayisa wabe ekhala sahamba thina . Sabuyela ekhaya safika sazxelela iisistet zethu ba unjani uMafungwashe babe bebuza ba uzophila na yhoo!i wonder ngumbuzo onjani ke lona. Waqala wangena usathana ekhaya ubrother wethu watshaya intsaku asizange sikubone ukonwaba eversince wayeka ba responsible kwanyanzeleka ba umntwana simphindisele kwa mheza.Ekhaya kwatshintsha kwasekutshixizeni kwamazinyo.Ndathi ndibhala i exams zam zikaJune kwabe kunzima nyani .Kodwa ndandingayekanga uku cela kwindoda yamadoda ,umzali wenkadama saside sometimes sihlebeze xa sithandaza sifuna ba angasiva ,kuba waye against into yomthandazo oko eqale ukutshaya intsangu. Ndagqiba ukubhala ndaqala i Winter school ngo June ka 2008 engayazi kwalento ndiyihambela eskolweni izkolo zivaliwe ndenziwa yinto yoba ndinamakhwenkwe Yhoo! iwes ingqondo yam yayixakeke ngeyona ndlela, inkwenkwe ndingayfuni sele ifuna ukuziytshomanisa nam ndiyigcina ipha kude. Ndandiye ndizive sometimes ndisithi ba ibikhona indawo yokuya ngekhe ndithi tsi Oh nkosi azuba kwenzekani na kuMavalela nkosiyam Ndandibakhumbula bonke abantu basekhaya eLusikisiki qha ndandimamele imessage le ndandiybhalelwe ndigcine imiyalelo yayo . kodwa ndandisithi xa ndisiva ba nditsala nzima ndizive ndibaxole kuba ndandilungisa izinto zam zingamiswa yinzondo kuba, ndiyakholelwa ba uthixo ukhona izozigwebela ngokwakhe . Kaloku emvakwala message yesimnyama ndathula cwakwa kodwa azange ndizidelete ino zabo .Ndahlala esithokothokweni sentsokolo nesimnyama kodwa deep down ndandizixelela ba andinakwa simnyama .Ngaphandle nje koba sometimes ubrother wam wayethi xa eqhunyiwe endithuka athi babenyanisile ababantu babesithi ubesimnyama wawubona phi umzi osokola kanje ngalo walapha akhayaYhehake mhlola inoba yintoni na le yenza into yokuba ,abantu basole mna ngokuhlupheka kwabo yhini bawo uzondonyula nini kanti mna kulenzima ndikuyo kutheni mna ndasoloko ndilila kanti upi na Somandla. Zavulwa izikolo Kaloku ndandisele ndiyitshomikazi no Mem wam we Geography ndizive ndikhululekile ecakwakhe.Ndandimdinga umntu endizawke ndithethe naye kaloku ndandiziva inzingo zasekhaya , incwadizam, Ubomi bokuhlala usoyika umntu oqhunyiweyo ,ukubangumama kumntwana kasisi wam nokuba ngu sisi kwisister zam kundongamele kakhulu. Kodwa ndandinga yekanga ukuthandandaza ndithetha nosomandla into ephilileyo phezu kwefileyo. MY SITUATION IS NOT MY DESTINATION ITHEMBA NDANDINALO KAKHULU KAKHULU. ndandiyazi ba umhlawleli wam ukhona nakwesina isilingo sentsangu, ndiyadlula kuba kaloku sendidlule kwezingaphezu kwentsangu le.Kwakunge lunch time ndacela umem wam kaloku ndandingazukwazi ukuthetha e Staff room kugcwele .Waphuma sahlala Egcekeni le langa Ndandingayazi noba ndiqale ngaphi, kaloku ndandingafuni bangathi ndimthwalisa umthwalo wam .Ndasuke ndalila kakhulu futhi wazipokotha ekhangela into yokundosula akayfumana wathatha ijersey ya wandosula. Kodwa ngalomini andizange ndikwazi uthetha ndathi ngomso ndzothetha ngelizwi elingcangcazelayo wayemana endibuza ba nditheni ndixakwe kuthetha , ndikhale kakhulu abuze ba ndirapiwe ndinikine intloko wayefratsi ngeyona ndlela, engazi noba makathini wathi mandi thule its fine ndzothetha xa ndiready. Ndahamba ndadlula etankini ndasela ndahlamba ubuso kolu ndandiyingxididi zinyembezi ndaphindela eclasini ndandingekhoryt ndayocela ndathi ndinentloko kwathiwa nandigoduke. Kaloku ekhaya sasifika siqale phantsi kwanto iphelile umana kabhuti ndandiqonda ba zofika ndenze imisebenzi yam kwangethuba.Ndafika ekhaya kuround kuvulwe ucango lwabekwa half way xa ndikroba ngokaMakazi nje lomqolo ndiwbonayo wenzani bethu? kodwa yena wayengandiboni uphethe into nge Magi kwaye uyathetha asele kulento athufe ,athethe asele athufe ndase ndamakeka kuba akandiboni ujongise entla ume estikini .Ndandisoyika angathi amadolo ayagevezela kodwa ndavele ndakwaza ndingazi noba amandla ndawathatha phi, ndathi Ngegama lika yesu ngegama lika yesu ndingathandazi ndikwaza igama likayesu qha, wothuka yawa imagi ndisemnyango andingenanga ndakhwaza kakhulu ndithandaza yhooo !wema caba ndimothusile ndathandaza kakhulu baphuma abantu bakwamheza beza bafika bathandaza, nabo bengazi noba ndithandazelani oko makazi ebengaphathi ndakhwaza ndithandaza ndilila , ndincediswa ngumama esdaleni ndayeka wabe sele echophe estulweni Owam umakazi hayi ungcolile shame ingathi akukhange kwenzeke nto.
Posted on: Sun, 26 Oct 2014 06:33:26 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015